“Ungumni?” Uyathanda ukubuza loonto xa umXhosa eqala ukukubona. Wena ke uphendula ngokuzithutha wenze kanje (wenjenje): NdinguQhudeni, uMvelase, uNgoza, uMpafana, uMakhonz’ egoduka, oMfazi uncancisa isana ngebele elinye, kuThukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko, uKheswa kaNozulu, Umthembu owanfenguza kwaXhosa. Ndizalwa emaQwathini, amaBangula, ooDumba, ooMhotho, ooCakeni, phantsi koBhabha, ooPhembeshiya, ooSiximba kaSixolothi, Ngub’ ingaxuthwa ininkw’ abathandwayo, Yazi Lamathumb’ Ehagu Ngawakh’ Onke Na, Bamb’ intambo ezo kwedini ingathi lendawo iyehla? Igama lenkobe ke nguAbongile pha kulamzi kaWaganda. Elesifana ke nguQwalasela. Ikhaya liseCacadu, phez’ komlambo, kwisithili saseRhodana. Ndim lowo.
Iziduko zamaXhosa zibaluleke ukogqitha iifani. Ngokuyelele kwindlela ekwenziwa ngayo kwelamaSikoti, mXhosa ngamnye uye ngesiduko eso sakhe azi ukuba ngubani isinyanya noBawo mkhulu wakhe, nezinqulo zabo. KumaXhosa, ibonwa nje ngobu homba nokubanembeko ukubuza umntu isiduko sakhe. Naxa um-bonga, umkhahlela umntu, wenza njalo ngesiduko nezinyanya zakhe. Xa intombi ithe yenda, ifani yayo ingatsho ithathe fani leyo yakulomyeni, noxa isiduko singasokuze siguquke sona. Abantu abaneziduko ezifanayo babonwa nje ngabazalanayo, nokuba sebengazani. Nazo ezinye ke iziduko zamaXhosa. Ezibhalwe kekeleyo zezo zifumaneka nakumaZulu, nto leyo ebonakalisa ukuba besifudula singabantu abanye.
Izizwe ezaadibana phantsi kwamaXhosa:
1. AmaGcaleka (uninzi lwamaXhosa) abunjwa nguPhalo kaTshiwo ngo1775. AmaGcaleka ke kuthiwa aquka amaRharhabe.
2. AmaNdlambe (esi siXhosa sithethwa eburhulumenteni siphuma apha)
3. AmaNgqika namaRharhabe
4. AbaThembu **mna
5. AmaMpondo
6. AmaMpondomise
7. AmaMfengu (means “beggars”) baasikelwa umhlaba emaXhoseni baze bazithathela ubuXhosa ngenxa yendlala nokuthanda
8. AmaBhaca (means “exiles”) abantu ababhaca bebaleka uTshaka kaZulu). Ubafumana eMount Free, Mzimkhulu, neziphaluka.
9. AmaHlubi ke athandabuzwa nguwo wonke umntu ukuba awela ngaphi. Singabuza wona uqobo
Ezi ntlanga zingentla zaamanyana za zevuma kwaye zangqina ukuba ziyakukhonza ooTshawe, abantwana begazi lakwaXhosa, isizukulwana sikaPhalo noTshiwo. Kwezontlanga njalo kuphuma ezi ziduko zilandelayo. Undikwrece ukuba ndiyalahleka.
- Bamba, Krila, Thangani
- Bhala – amaMpondo
- Bhanqo, Bobese
- Bhayi, Khetsha, Msuthu
- Bhele – AmaMfengu Thamsanqa Mbhele
- Dongo,
- Langa,
- Bhejula, Diya, Ngungu, Mageza, Qhwesha
- Cirha, Nojaholo, Ncibane, Mhlantla
- Chithwayo – amaMpondo
- Cwerha, Vambane, Mahlahlana – AmaMpondo
- Deyi, Babalo
- Debeza, Jebe,Nonyanya, Nongoqo, Mbeka Ntshiyini bathi uqumbile, Khonkcoshe Mbokodo engava mkwetsho. Iinkosi zamaMpondomse. Ubuniinzi bafumaneka kuTsolo, Qumbu naseMthatha.
- Denza (Archibishop Mpilo Tutu)
- Dlamini, Zizi, Jama kaSijadu,
- Sibakhulu, Ndlovu zidle khaya ngokuswela umalusi, uNomagaga, Bakwisizwe samaMfengu) (Thabo Mbeki no Spihelo Guwa)
- Fakathe, Nxi, Buya, Gwili, Mhlanga, Nomali, Xuba, Phandliwe, Nodaba
- Dlomo, Madiba, Sopitsho, Ngqolomsila, Yem-yem, Vela bembhentsele – amaThembu (Rholihlahla Mandela) Mthikrakra, Ngangelizwe, Dalindyebo, Joyi, Jumba, Sabatha, Buyelekhaya
- Dontsa – amaHlubi
- Dosini
- Duma, Nxuba
- Gaba, Mngqosini, Mjobi, Thithiba, Cihoshe, Nozinga, Mntwan ‘omlambo, Thikoloshe, Ndoko, Mbokodw’emnyama kahili, Msuthu (Masixole Memani)
- Gangatha – amaMpondo
- Gatyeni. Mamali, Nkom’ ezibomvu
(kubekho amaNywabe akwangooGatyeni azithutha kanje: Mnywabe, Mamali, Ndondela, Nkom’ ezibomvu, Gatyeni. Ndixakiwe ke ukuba ihamba njani)
- Gxarha, Jalamba – AmaMondomise
- AmaGcina, Gadluma, Thyopho, NoKwindla, Xhamela
- Ganu
- mGebe – amaBomvana
- Giqwa, Thotywayo, Wohla, Nkosana
- Gqunu
- Gqwashu (isizukulwana samaKhoi-khoi esandela kumaXhosa)
- Gubevu (Maduna, amaHlubi)
- Hegebe
- Hlathi, Mfene, Jambasi, Lisa, Hlal’ endle, Tyibilika emaweni ngomva, isilwanyana esakhe sasibi ingathi sihleli noxa silele – (Phumlani Veliti)
- Jali, Mpevu Shelwame, Nomaziphela ebuhlanti kuphela umgquba wodwa
- Jili, Masengwa, Mkhont’ obomvu – AmaBhaca
- Jola, Jolinkomo, Mphankomo, Thole lomthwakazi, Qengeba, , Phahla, Ngwanya, Ndleb’ endlovu, Mzi Welanga – AmaMondomise
- Jwarha
- Khiwa, Khonjwayo – amaPondo
- Khumalo, Mntungwa, Mbulase, Mzilikazi kaMashobane, Oty’umntu emthuthuzela ngeendaba – amaMfengu
- Khwetshube – amaMpondo
- Maduna – Mfengu
- Manci, Mbali, Wabane, Tshitshis’intaba, Mdludla ka Bekiso, Zinde Zinde Zinemiqala
- Mahlangu
- Mawawa, Mpinga, Mbolokoqoshe, Into yomntwana, Ingaphuma iimpondo ifanele isiko (okanye ingaphuma izinza ifanele abafana)
- Mbanjwa
- Mbatha, ooMthiya amaBhaca asuka kwaShandu
- Mbotho
- Mdlangathi – Mome mome sirhama somntwana, Juta
- Mfene, Hlathi, Hlalendle, Tyibilik’ emaweni ngomva, isilwanyana esakhe sasibi, ingathi silele noxa sihleli.
- Mhaga
- Miya, Gcwanini, Sibewu, Salakulandelwa, Mja, Mancoba, Vezi, Mandeluhlwini, Sijekula, Makaluza, Malebomvu, Saliwa
- Mjoli, Qubulashe, Wushe
- Mpandla
- Mpehle – amaMpodomise
- Mpemvu – abaThembu
- Mvulane
- Ncuthu, Khwalo, Mlanjana
- Ndlane
- Ngcitshane
- Ngxabane, Qengeba, Sibhabha nomhlehlo, Thole lomthwakazi – AmaMpondomise
- Ngxongo, Ntsundu – amaMpondo
- Ngwanya
- Nkabane
- Nkomo, Khumalo, Mtntungwa – amaMfengu (Anele Masiza)
- Nkwali, Bhukula, Mkhwanase – AmaMfengu
- Nqarhwane, Ziduli
- Ntambo, Novege, Sisu Sincinane, Butsolo Benyoka – AmaMfengu
- Ntshilibe
- Nxasana
- Nxuba
- Nyawuza, Faku, Thahla, Ndayeni, ohlamba ngobubende amanzi ekhona, Ziqele, Dakhile, Ngqungqushe – amaMpondo ruling line. Iinkosi ziquka uFaku, uBokleni, noNdamase (Butsha Veliti)
- Nzothwa
- Qadi
- Qhinebe, OoGqu-gqu-gqu, oozithonga zithathu, Phazima, Mlunjwa, Phalela
- Qoco, Zikhali, Jojo, Tiyeka, Butsolo beentonga (Bongile P. Mkhathazo)
- Qoma, Siqo, Nyoyela
- Qithi, OoNdinga, ooZondwa – abaThembu (Manelisi Hala)
- AmaQwambi
- AmaQwathi
- AmaBangula, ooDumba, ooMhotho, ooCakeni, ooBhabha, Sximba ka Sxolothi, Bhaxane lwempontshane, Ngub’ Ingaxuthw’ Inikw’ Abathandwayo, Yazi Lamathumb’ Ehagu Ngawakh’ Onke Na, Bamb’ intambo ezo kwedini ingathi lendawo iyehla, (UNINA WAM)**
- OoBhose,
- OoDikela, ngooNoni, ooNtswayibani. Gwede Mantashe
- AmaBhulangwe,
- AmaKhebesi
- OoSdindi
- Mvala, Masango, Dabisa
(Iinkosi zamaQwathi ziquka uNqeno, uStokwe, uDalasile, uFubu, uZwelakhe kwikomkhulu eNgcobo)
- Qhudeni, Mvelase, Mpafana, uNgoza, Makhonz’ egoduka, omfaz’ omnyam’ uncancis’ isana ngebel’ elinye, phesheya kweThukela, umlamb’ ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa zona zidlisela ngokubhabha, uKheswa ka Nozulu) UYISE WAM, Napa Sidziya
- Rhadebe,Mthikhulu, Bhungane, Ngelengele, Ndlebe zintle zombini, Mafuza fulele okwelifu lemvula, Mashwa badelinkomo ngempondo zayo, Matshisa, Langalibalele, Dzangwe, Nzipho zimnyama ngoqhwayana (Ringo Madlingozi, Ongezwa Mgijima)
- Rhoyi
- Sango, Khwakhwayi, Nzitha, Ngxongxo, Mahlamb’ ehlala, Mgabhisa – AmaBhaca (Lufundo)
- Sithathu – Qoboyi, Ndebe (THANDILE SKOTI)
- Sikhosana – amaBhaca
- Skhoji (AmaXhosa afumaneka isikhakhu pha kooTsolo eTsitsa. Isizukulwana sikaWilliam Saunders waseSkotilani owenda nentombi yomXhosa)
- Skhomo, Tshangisa, Mhlanyana, Rhudulu
- Shiya
- Sohobese
- Sonani
- Sukwini (isizukulawna samaKhoi-khoi)
- Shweme, Gqagqane, Limakhwe, Zila, Mkhonto
- Thole, Gqagqane, Buzini, Ndlangisa, Mzimshe, Lwandle
- Tolo, Dlangamandla, Mchenge, Mabhanekazi, Mfingo, Zulu, Mabele-made, Vumba lempongo liyanuka. (Luyanda Kota, Uyanda Mdikane)
- Tshabalala, Sobhuza, Mshengu, Mzwati, Mbanzeni, Zikode, Mkhabela, Idonga likaMavuso, Shasha
- Tshangisa, Mngwevu, NoZulu, Skhoma)
- Tshatshu, Tubane, Mahose, Gungubele
- Tshawe, Ngconde, Khawuta, Phalo, Mdange, Tshiwo, (iinkosi zamaXhosa jikelele. Hintsa, Sarhili, Xolilizwe, etc.) (Zandile Sibini)
- Tshezi, Mkhabela, Tenza, Jalamba, Njilo-Njilo, Mkhonto ‘bomvu, omqala ongange nyhugu. (iinkosi zamaBomvana akwa Jalamba-Gambushe (Siphelele Mngazi)
- Tshonyane, Chungwa, Dikiza, Sawa, Simke, Hani, Gqunukhwebe (aphuma kubelungu abatyekezwa yinqanawe)
- Xesibe – AmaMfengu
- Matshaya, Mbathana, Makhandanyawana,
- Nondzaba, Mnune, Tshomela ka Matsho
- Yirha, Mzondi, Sambu, Ziyeka, Thambo lenyoka, Hlab’ elimzondayo
- Zangwa, Khwalo, Ncuthu, Mlanjana, Nqene, Gcaleka, Sobohose
- Zibula
- Zima, Ceduma, Sopitsho, Bhomoyi, Vela bembhentsele
- Zothso, Myelesi, Maphango, Khethela
- Zwane, Mangethe, Zikode, Philela, CebeKhulu, intshontsho lika Ntsele
Kubalulekile ukugqininisa ukuba asingomXhosa wonke umntu othetha isiXhosa. AmaXhosa sisizukulwana sikaTshiwo noPhalo. Nangona abanye abantu bangamaXhosa ngokoyiswa ze babengaphantsi kwesizwe samaXhosa, ngokumfenguza (ukuhambe becela imfuyo nomhlaba) nangokubhaca (ukubaleka imfazwe nenkosi uTshaka ka Zulu.
Aziphelelanga pha kwaye kukho iimpazamo ezininzi. Ngoko ke unendlebe nje unetyala. Lungisa apho kulungiseka khona.
Into endixakayo yile ithi uthi uxakiwe xa uthutha aManywabe. Ngokwazikwam singaManywabe sizithutha ngohlobo olunye kwaye asinamasebe uMnywabe umnye nokuba ungayaphi. NgooMamali, Ndodela, Gatyeni, Nkom’ezibomvu nenkunzi yazo, ooMsengana abangadliwa nazibhokhwe ezibadla ngokunyoluka zikhonyuluke, oomfazi ubelenye, oozandla zinemali.
Nam ndingu gatyeni ndoda ndikhe ndava elinye ixhego komnye umcimbi lizithutha lafaka omsuthu,odlehluthu ngaba awunalwazi ngalonto wena.
Ndingu Mampehle ochabashe ndendele eMadlangathini oJuta oMencwa ndizalwa nguMasithathu ndebe khophoyi ezalwanguMamcira yena ozala u tata ingu mamcete chizama ubhuruma
Oondlovu, Gwala, Mthembu, Sihlahla sesundu sisikwa sihluma awubaknankanyanga(ifani zabo…Mhlonyane, Poswa, Mabanga, Zuma…to name the few) khawuphande apho ke.
Mhlekazi ndiyavuya xa uMzantsi Afrika unabantu abafana nawe. ibinganwabisa into yokuba singapheli nje eMaXhoseni sifake abenguni bonke. Lonto ndiyitsho kuba ndithe xa ndenza uphando ngesibongo sasekhaya nadfumana ukuba sifaka amaSwazi, AmaZulu, kunye namaXhosa.Mna ke ndingu Ngubelanga. KwelamaSwazi Ngo Mgilija, Masomane, Hluzululu, Nguboyengwe neyengonyamaNyawo zimhlophe, malinga owalinga inkomo zenkosi. Kwelakwa Zulu Ngo Mgilitsha, Sihlinzathole kusale ithole, Mkhetheka, NomaKhal’endlovu, Nxuba, Sdlangeni.
Ndingu Rhadebe uMthi mkhulu, umpundwana zinga zingongiwa ngenxa yabuhle bazo, uNasela, uBhungane,undlebe ntle zombini uMafuzafulele njengelifu lemvula iHlub’elihle: Ndizalwa yintombi yakwaKhambula, ooJiyane, Nokhutso Ncube Mzila nkatha: ndabonwa ngu Mshengu, Tshabalala Mavuso Donga dilika sinath’amanzi iingajamban’emanga makhulu eyath’uMhlangamvualudilikile kant’usahleli.
Hay Thulani unyanisile , ke esi sakho isiduko sixhaphake eKZN kumhlaba wase Harding . Intetho yabo ixube isiZulu nesiXhosa.
Molweni zhlobo
Ndicela ukuba umntu onlwazi ngama Nzaba
Thuthele wona ngumama wam lowo and ndifuna ukuzibiza ngaye
Nzaba,Msuthu,Bhili,Mancoba,Gasa, ngabo ke abo endibaziyo ifani yabo ngo Bunu ndihlala nabo phayana kulamhlaba waseHewu kufutshane neQueenstown
khanindizame ngezinqulo zamampemvu namahlotshane
Molo Hlumelo!
Ammpemvu xa ethuthwa kuthiwa: jali,Juta,Mthembu,Nomlomo,Xhongwna,Ngciva,Khakhane,mlanjana,Maqath,alukhuni akatyiwa nayinja,mgqub,awupheli kuphel,iinkomo. Namantlotshne ke akukho nto ingko itshinthsayo ngphndle nje kokuva indawo ethi:Umthembu obhuzu bhuzu osindileyo ezintwaleni.Nathi ndoda sikhule abazali bethe saa, sancedw ngbaantu abafana no Mpumelelo Makuliwe nokudibana namane amakhaya. Enkosi
ntlotshane; bushane; nundu;xhalanga;maqatha alikhuni akadliwa nazizinja
Molo mhlekazi ndingu Mkhuseli igama uMgiqwa isiduko.
Ndicela undinabisele banzi nga Magiqwa naxa bezithutha.
Ndakulindela kuwe ke kwaye ndingavuya uba unophendula.
Enkosi
wow ndatsho ndavuya uva ooGaba bathuthwa kamndani kangaka
Mthembu obhuzubhuzu…….ooQhudeni bohlukile kooKheswa, noNozulu. Ndithi mandilungise nje lendawana.
amangxongo ,ngontsundu,omngudi,oyem yem,ozondwa,osophitshwa,ovelabambentsele ngabathembu not amampondo as you said
Imbali yaMangxongo yaphantse yatshabalala ngenxa yenkokheli nenkonde zangaphambili… UMngxongo ngumkhuluwa kaMadiba.. Ubukhosi babaThembu budala nakuYesu…
Mgxongo ndiyakuva. Kodwa ndicela ungathi xa uncoma eyakho, ugxeke eyomnye. UYesu akangeni ndawo.
Nam mandizibulisele ndiyavumelana nabantakwethu uba AmaNywabe awatshintshi azithutha ngokufanayo noba aphi. Mna ndinguGatyeni; Mamali; Ndondela; Mnywabe, Sibonde, Msengana , Nkomo Zibomvu, Hemshe, uNiko, uCubungu, Sithwala Ndwe, Mntu waKomkhulu, Mde ngentonga, Ndlovu zidl’ekhaya ngokuswela umalusi, Masala kulandela ngenxa yenkani
Nam bendikhe ndabhala ngemvelaphi yaBathembu baseQhudeni kodwa ke ngoku andiyiboni lo comment apha.
Ndicela umntu owazi iziduko zabakwa Dwala andincede. Endibaziyo baseMatatiele. OMama bakhona babiza MaDwala okanye Malidwala
Thand’uxolo
Ndingu UNozulu – liyasa liyasibekela. Unomthathambana njengeliphezuli. AmaChuman’ amahle eza emacocobela nje ngokwindla. Babutshelezi nje ngelitye lomfula. Baluhlaz’ abanamafinyila. uKhesa , amaMbanguba – entla neMpofana noThukela, umpafane, uThukela, abantu abawela iThukela bethwele ubulembu, AbaNgun’ abahle bakwaNozulu, BakwamThathambi, nje ngeliphezulu; Lona ladl’ umntu alabekwa mlandu. amaHlubi amaqanda anjengelanga.
NdinguMnune ke mna, udoyi, umbokothwane, umnyele. Amanune namakhuma aphantsi koXesibe onke kodwa indlela yokuzithutha iyohluka pha napha. Ingaske ke wohlu amanune namakhuma xa unokwazi mntan’enkosi.
Mna ke ndingu Mnune udoyi, uxesibe, umbathani, umatshaya, uzamqongqothe, umongo wenkabe’nkomo endala, umbesho, umalawani ukhanda ngenyawo. Ndiyaphelela apho
MNA NDINGU GADLUMA,MDIMBA,UTSHUTSHA,UGANDO,CEKWANE.HAYI UGADLUMA ABA BANGAMAGCINA.SINGAMAMPONDOMISE,KHAWUNDIXELELE IMVELAPHI YETHU ISIKU PHI?
Mna ndinguMgebe apho ndingacacelwa khona andide ndive uba umGebe lo nguMgebe ubani ingaba asigqitheli na esi sam isiduko?
yinto entle le uyenzayo. ingcambu zethu sizokwazi ukuzifumana apho inkaba yethu ikhoyo. enkosi
Molo Zolelwa
Utsho endodeni ngalawo. Ndicela ushiye esakho isiduko kwalapha. Ayinamsebenzi nokuba wazi kancinci kangakanani na. Sizakuncedisana. Mhlawumbi ungafumana udade wakowenu onokuncedisa uzithuthe ngcono kwalapha.
Into endikhwanqisayo yile yokuba sithi sizixelela ukuba singamaXhosa (okanye abantu bemveli bonke) kodwa sikwazi ukulandela ubuntu bethu ngemini enye qwaba jwi enyakeni wonke. Ngazo zonke ezinye iimini singabalungu abamnyama. Nditsho nangaloomini yeHeritage Day ibekiweyo, abantu bakhetha ukoja inyama, batye, balale. Xa ubonwe usenza isiko, ubayintlekisa. Xa ukwazi ukuzithutha, gquzu enjani yona intsini!
Umlungu waakhoboza ingqondo kakhulu ndlela yokuba sesizikhoboza ngokwethu ngoku singaboni ukuba senza njalo. Imizekelo ingangoboya benja.
Owokuqala: ntombi ithile ibayintlekisa xa ineenwele zayo zemveli, iinqoba eziqathalala ke ukutsho. Ukuze yamkeleke phakathi kwamanye amantombi, kufuneka ubeneenwele zomlungu.
Umzekelo wesibini: Ubuhle kukungafani nomntu omnyama. Xa uyelele ngenkangeleko kwezinye iintlanga, umhle ukufa! Kodwa umile futhi ukhangeleka okomntu wenveli, awumhlanga kwaphela. Xa ukhanya ngolusu umhle. Xa untsundu okwemveli, awumhlanga ncam. Kufuneka usondele apha emlungwini ngenkangeleko ukuze ubemhle. Uyayiqonda phofu le nto?
Owesithathu: Xa uthetha isingesi usikhupha nangeendlebe, ufundile. Xa uthetha isiXhosa sakowenu, umuncu, usisiXhosana (gabula maRhunuga) kwaye awuphucukanga. Kwaye kunzima nokufumana intombi xa ungayigquli ngesingesi kule mihla. Ewe isiXhosa asityisi ndiyavuma. Kodwa ukuze sityise kufuneka sisisebenzise.
Zonke ezi zinto sizenza ngokwethu. Umlungu wayityala nje imbewu yobukhoboka nokuzeya nje ngabantu abamnyama. Ngoku sele ikhuliswa kwasithi aba, hayi umlungu. Yena uhleli phantsi komthi utya imali xeshikweni egigitheka yintsini.
Ililishwa into yokuba isininzi sabantu abayibonayo lento ngaabo bathe abafunda nabantu abamnyama. Mna ndingomnye waba bantu kuthiwa zii-Cheese boy ngoba ndifunde nabelungu. Abafunde nabantu abamnyama ngabona bakhobozeke kakhulu engqondweno. Endaweni yokuba ibengabo abatshila phambili ngokubuyisa imbo yantlandlolo. Kaloku bona bona bayazeya ngobuntu babo. Thina ma-cheese boy sibone kwezinye iintlanga ukuba ukuzingca ngungqaa-phambili.
Mandihle apho. Ndiyathemba ukuba uzakuphinda ubuye uzithuthe ume apho uma khona, nokuba kukwalapha kufuphi phofu.
molo,well,i dont know if its appropriate of me to write u this.especialy in another language,i need ur help,my father came to mpumalanga from eastern cape decades ago,then he passed away,can u be able to assist me in finding my relatives in eastern cape?it would mean my life if i can get help.073 646 1364. regards :b mpinga. from nelspruit(mbombela).
Ndingu-Maduna u-Nokhala, ndili-Hlubi. OoMaduna ngabeSuthu bendlu kaMosia.
Ndicela nindincede ngee Surnames enizaziyo zakwa Maduna, nee contacts zabantu enibaziyo. Eyam i email adress ithi dunamatomane@yahoo.com inumber 0783507187 okanye 082 711 8181.
Sizama ukwenza umqulu onemininingwana yesisiduko sikhulu kangaka
Prince Madunandile Matomane
Masithembe bavile, nkosi.
Mna ke ndingu mamNzotho, uNyelenzi, uMaphango, uGxuga, uWele noBabini, uMajiza, uCihoshe. Inkaba yakulo Tata ise Mnyameni(Alexandia), EC. uMama yena nguMamNtshilibe, uMdumane – andikwazi kugqitha ke apho.
Andiziboni ezethu kodwa ke mandenze kanje ukuziveza/ ukuchaza imbali yethu , ngokobuzwe singamaMpondomise, kukho ke into ethethekayo okanye engade icace ebantwini ukuba uRhudulu ngoyena osentloko kwesisiduko sethu ke uzala uTshangisa kunye noninawa wakhe onguNxuba, UTshangisa waye wakhutshwa ngu Sabe inkosi yayiphethe amampondomise ngoko baye kuncedisa aTshawe njengoko wayebacelile esilwa kunye noMkhuluwa wakhe uCirha bathi besakubabencedisile bauphumelela lomlo baphiwa umhlatyana nguTshawe kuba ecinga ukuba ukuba Tshangisa aba bangaphindela emaMpondomiseni angabuya uCirha aze kumhlasela.savela apho ke esiduko sethu sithi Mhlatyana, kwaze kwavela nokuba singamaNgwevu ngenxa yokuba bathi ooCirha ukuba bezingekho ezangwevu zasemaRhudulwini ngesiwuphumelele lamlo.
sithi ke xa sizithutha [Rudulu,nxuba,washota,standwa mhla kukubi,ntongana encinane yöngqungqa amankazana phesheya komthatha,ngutorhibe,usaliwe,mbalishe,amawele kuzana ugaduka,nonabe,ndulunga zimbini enyisentla enyisemnyango,ntethe yohlaza,inqilo lethamsanqa,isilo samanzi,bafazi bekhaya bhincani nihlonele iingwevu, oomalalanentombi nobisexesheni ,Ngcingane,mduma,nohayi namhlangenzanganto,amabulawa zizchoto hayi umkhwitsho, njuza, khalakhulu, tshangisa, Skomo, zulu, mhlatyana, snuka, bhodlinyama, tshangisa, mngwevu, mndimile nam ngöku.sitsho mampondomise
ndincedise buti ndingu Krancolo,Msiza,mbizandophule
Mna Ndingu Cira,uQhan,unCibane,uNtswentswe uNojaholo.Ndicela ukuqonda ngobunyani buka Cira njengeyona Nkosi yamaGcaleka.Ingaba yinyaniso na leyo okanye yintsomi nje yokuqhola ukwenza mnandi Imbali?Khona?UCira lo waseMaMpondweni ingaba mnye na lo ndinguye Mna Mgcaleka??Ndincedeni ndizokukwazi ukuphendula eyam inzala xa ibuzayo?
umna phaya ekhaya singosodladla onondzaba xnele mbimbi belesi nondize omayshiniybeka njengomtwana ojolwana kwakwini intozabantu so now my question is that bathi o thamkhulu asingawo amakhuma la angamaxesibe and nyani nam ndiyayibona cause amisiko ethu esiwenzayo apha awafani cause paya ekhaya sipila ngenyongo and bona abayisebenzisi so tell me bavelapi thina sivelapi ngoba otamkhulu bathi amakhuma la ngamaxhosa ubunyani iphi ke xa kunjalo umna i dont consider myself as part of them
Nono wamkelekile kwaAbongisocial
Nje ngokuba benditshilo kwantlandlolo, kumnyama kum kufana nakuwe. Apha kuyancediswana. Siyaphanda sonke, sisondeze ulwazi, ze ndilongeze kolu lulapha ngentla. Koko ke uxolo ukuthi kuwe ANDAZI. Sizakuphanda.
Mna ndinguMzangwe, Chayi, Zongozi,Njanana, Ntubi, Msuthu, ndicela amanye amaZangwe aze ngaphambili khe silande imvelaphi yethu.
Awuphazami ngamaZangwa, ooKhwalo, Nchuthu? amaZongozi wona ngamaMpondomise, ooQengeba, Madla. AmaZangwe andikeva ngawo.
Mna ndingu chayi,msuthu,njanana,ntubi wakwa Yako
khanincede ngokuthutha amatshawe kuthiwa zinkosi xa ebizwa
ndingu mamNdlane yaye andikwazi ukuzithutha,my dad passed away when i was about 3yrs old,ndahlala no mama and ngoku ndimdala i need to know but u mama she is no help either,please im desperate….enkosi
Namhla Sibulela sonke ngokuthi uhlomle apha kulendawo yethu. Mandiqale ngokututuzisa. Aluhlanga lungehlanga. Mandilitsho litsole kusemhlophe phandle; andiwazi amaNdlane ngoobani. Andiyivulanga ngoba ndisazi lendawo. Koko ndiyivulele ukuze sifundisane sonke. Andazi kwanto, ndifana nje nawe. Qha ke masithembe kuzakungena umntu owazi ngcono, ze asisindise sonke.
Makubechosi
Abo
Mhlekazi omhle, nguNdlangisa, uThole, uGqagqane, uBuzini,uMzimshe kaMfingo,lwandl’aluwelwa luwelwa zinkonjane zona zimaphiko made, Welane, Mcaca, Mpundeshe, uMzimshe igama into kaNtlahla, ulamkelekile (endamkelwa ngalo esidodeni) onkaba ikumhlaba wakuCofimvaba kwisithili saseMtshanyane.
Ndingaqhakamishelana njani nawe.
i email add yam ithi mzimshe@gmail.com
Mzimshe ojike wanguLamkelekile, kungcono ukwazana. Ndizokuthumelela i email engenanto kungekudala.
Makubechosi ke nto ka Ntlahla kooNdlangisa
Elam ke lasesidodeni nguQwalasela, noxa sele engakhathalelwa kuyaphi kulemihla sikuyo.
Mhlekazi
Khandizame ngamaNyele mfowakuthi indlela azithutha ngayo.
I am Nkosinathi Zongozi I don’t know my roots, if any one knows this surname nezithakazelo please help me: email :nzongozzi@yahoo.com
Mhlawumbi ndingakunceda kwelicala lesiduko xa unokusibiza
amaNdlane, ngooTutuse, Nomdimba, Ntlokwana ibanzana, Sopitsho, Ngqolomsila, Dlomo, Dlange, Nkonjanedlal’emafini. Sewubona ke nawe uba ngabaThembu ke aba.
Mna Namhla ndinguMdlane, uTutuse, uNomdimba, uNtlokwan’ ibanzana. Kuthiwa singabaThembu, ngoko ke awuzilahli xa ukwafakela uHala, Sopitsho, Ngqolomsila, uVela bembentsele, uYem-yem.
ungu Mamndlane Ututuse Unomdimba Untloko libanzana Umaqatha alikhumi NGAMANDLANE KE LAWO.
Hayi uyasilahla Siya sing Mandlane,asidibananga nama Dlomo U Yemyem!!
Enkosi ngokusifaka endleleni.
Namhla lo uphendulayo ngu Mfene,UHlathi u Lisa uMsuthu uJambase u Sanzanza,u Canzi u Hoti uVukeni,uMtshokwe ooHlangomva Eliweni.
Wena ke ungu Mdlane,UTutuse,uNtlokwana Ibanzana oNomdimba,Abathembu Ababhuzu-bhuzu(9
Namhla, Hlathi, Mfene, ngu Aphilile Mboyi lo ukubhaleleyo engu-Hlathi, uMfene, uJambase.Ndizalwa eLusikisiki eMampondweni kwelali yase Mdikane yindoda eyazalwa yindoda eyayizalwe eQoqodala inguHlathi,uMfene,uLisa.Ingxaki yam isemasikweni asekhaya.Ndicela undincede Jambase undiphe iphone numbers zakho,nazi ke ezam-0827193100 ne-email address yiyo le ingasezantsi. Ndisebenza ePitoli ndincede Sanzanza ndiyabethakala.
Namhla dadewethu,ndingumNdlane,uTutuse,uNomdimba,uNtlokwan’ibanzana.Ndazama ke ulenza uphando ngaso,njengoko nawe ubona ukuba asidweli sixelezinye iziduko oqhel’uziva,kodwa kubonakal’uba siphelelapho.
ooqhinebe
Amanda, ooQhinebe, Gqu-gqu-gqu, Zithonga zithatu batheni ke?
Sigqitha sithi ke thina eMaQhinebeni..Phazima,Mlunjwa,Phalela…:)
Zintle usincedile. Kudala sibakhangela ooQhinebe. Gqitha kaloku…
ngooDukanamhlathi, ooLunjwa, Zakaza, Sodube, Nkonjane mnyama edlal’emafini
Thina ekhaya xa sizithutha sithi singo Qhinebe, amakhomazi,gqugqugqu, zthonga ezithathu,haha, duka namahlathi. Ngk ezi ninazo ndaqala usiva. Ingaba sohlukene na?
Ndim ke lowo: Qhinebe uNoma-ndzondzo Gqugqugqu, uMshwawu Zithonga-zthathu, uDlilanga Haha, oBuso bumnyama ngathi sisonka sojiwe Njemnyama, Nondela, uBhedla Phazima Bhedla ka Mpulana Mpondomise Bazukulu bakaNqabe, Mlunjwa, uKhanju, Phalela, uNondiza, Mkhomanzi, uBhalis’abeNguni ngentololwane, Duka namahlathi ishlahla sesundu esithi sigawulwa sibe sihluma, Umth’ omde owavelela eHoyita!!
Sukude, Mkhondwana, Gxarh’eliphezulu, Mfaz’obelelinye phesheya komlanjana, mthi ka Sihula, nyok’emnyama ecand’iziziba.
mna ndingu Shweme u Gqagqane uLimakhwe u Zilamkhonto ndiyavuya xa nisibeka ekukhanye ngemvelaphi yethu, ndingavuya xa ungandicacisela ngoGqagqane ongundlangisa
Ewe Zila Mkhonto batsho oNdlangisa xa bezinqula, Thina ke Singomalilelwa zintombi zithi Sheme ndizeke; lente isuka kuba isoka lakwa Shweme lalililelwa yintombi yasemabhele isithi mayiyizeke nokuba ayinazo inkomo waze wathi wakuyenza lonto uShweme wathi ukuze akwazi ukube kanti ulobole ebukheni wabe ulima ebukhweni yiyo ke lento kusithiwa singolimakhe (Lima ebukhweni) Into kazilamkhonto yona kuba kaloku sasisilwa kakhulu kwathi ukuba noMadzikane uyalufuna ukhuseleko lwethu wasinikeza umhlaba impi kaShweme elubhacweni kodwa ukuba siyavuma ukuwuzila umkhonto kwathiwa kengoku singoZila Mkhonto, Intombi kaShweme eyazalelwa phezukwentaba yolundi intaba eyayingafene yenyukwe yaye yathiywa igama kwathiwa nguNolundi yiyolento ke uzakufika ngelinye ixhesha sibizana ngokuba siingontaba yolundi okanye intaba ayonyukwa yonyukwa ngamasongololo nawo kuba enemilenze emininzi.
Ndiqale ndibulise ,
mna ndifuna ukuqonda ukuba aMakwayi yinto enye na no Tshawe , ukuba ngaba ayiyiyo , bohluke ngantoni?
Luvuyo masithembe ukuba uzakhuphenduleka kwalapha. Kumnyama thsu kwelam icala.
AmaKwayi ayefudula ingamaTshawe. Aphuma ngexesha lokulawula kuka Gando indlu enkulu ingekabinanyana. Kwazalwa uTshiwo, athi amaphakathi umfana maka thabathe ubukhosi bakhe phofu esemncinane. Kwathi xa kusabiwa isifuba (uvalo sisabelo senkosi) kwaqala umlo yaqhekeka phakathi eka Gando neka Tshiwo. Woyiswa uGando wawezwa iNxuba. Yathi impi ka Tshiwo, ” wagwazeni la Makwayi”. Kumhla achithakala amabandla ka Gando, batsho bombathwa ligama lobu-Kwayi. Ndiyishwankathele kakhulu ke Luvuyo…
Mahle Mhlekazi, ndiyay’ thand lento uyenzayo apha.nam ndizam’ int’ enje apha kuleSite
http://www.encounter.co.za/article/126.html
Uz’ ph’ ithuba ukh’ ungene nawe, uncede aph’ ukwaz’ unceda
Mandenjenje… Ndingu Mbuyiselo elenkobe, kumzi wakwa Klaas, ikhaya lise Monti, eMdantsane.
Ngu Malangana lo, uMalandela, uButsolo beenduku, uMbeng’ unomsi, uNkosiyamntu, into kaTSHAWE Kwedini,
uNgcwangu, uSkhomo, uTogu, uNgcond’ oneentshaba, uTshiwo, uMdange, uPhalo, uGcaleka, uKhawuta, uNqoko
uVelelo, uHintsa, uMlamb’ awuwelwa ngabafazi abanxib’ iilokhwe ezimfutshane, makwedin.
Ndizalwa liBhelekazi, uKhuboni, uLanga lokulunga, uMafu ofuza afulele njengeLifu lemvula,
uQunta, uNcwana, uNontanda kuphakanyiswa, uNombikazi, kub’ umnt’ ongxath’ akalahlwa usengel’
abantwana xalikhithika. uNdabezitha, iBhele elaphekwa nelitye kwavuthw’ ilitye lasal’ iBhele, kwedini
utat’ uzalwa liNgele-ngele, umaRhadebe, uBhungane, uMthimkhulu, uRheledwane, uShwabada,
owaShwabadel’ inkomo neeMpondo zayo, iHlubi lamaHlub’ elaMfenguzela kwaXhosa.
Ndikweli lamaKwayi, ndifuna ukongeza okanye ndilungise apha. Endiyaziyo imbali ithi amaKwayi aphuma ngelixa kusando lawula uTshiwo kwaXhosa,
Yinyani eyokuba uTshiwo walwa noGando, kodwa isizathu sokuba aKwaywe amaKwayi uTshiwo waThand’ intombi kaGando.
uGando ehleli ebulambele ubukhosi wali khalimela elonyala… wakhalala nekumkani leyo [uTshiwo] efuna isuswe esihlalweni.
uTshiwo walithath’ elithuba, walwa noGando woyiswa uGando. Emva koko, waKwaya [gxotha/disown] uGando nenzala yakhe equka nentombi kaGando.
Loonto yamnceda ke uTshiwo, yamvulela uba akwazi uthath’ intombi yomkhuluwa wakhe, ngeloba abasazalani kub’ uGando ugxothiw’ emaTshaweni
Mbuy
Kungcono ndithule ngoba ndoyika ukuyiloza ze ndichithe into entle kangaka osele uyibekele thina sonke. Mahle kakhulu. Uhlale unjalo ke nto kaTshawe.
Amakwayi,yindlu kaGando,uPhalo walala nentombi wayenza nzima kwavela uRharhabe,yasikwa indlu ka Gando bawela umlambo iNciba kwathiwa ngamaKwayi bakwaywe kwaGcaleka,kodwa xa bezithutha bayazikhankanya isiduko zamaTshawe
Enkosi kakhulu Qhudeni ngalo msebenzi umkhulu kwaye ubalulekileyo, kuthi bantu aba ntentho isi siXhosa. Mna ke ndingu dade wenu, kuba ndingu mamThembu, uMvelase, uMpafana, uMakhonz’ egoduka angaxatywa lithambo lasemzini, uNgoza ka Mkhubukeli, ndingadl’ amaThibane yazi indlala iwile.
Ngoza, ngumzamo nje lo. Kwaye ndidinga uncedo lwakho, dade wethu. Buza kwabo sebeneenwele ezingwevu nezinye iziduko. Xa singazazi thina, sithi abantwana bethu bathini bona?
Ilali iyabulela. Nangomso.
Ndi ngu Mcube. Ngamani ama Cube.
Molweni
ndiyabulela ngalencazo bekumnyama apha kum noko ndiyavuleka noko, mna ndingu Majola ndizalwa yintombi yakwaBhayi
Qengeba kulungile. Sibuzele nalapho kowenu. Mhlawumbi kukho apho siphazama khona.
Kulungile ke Mpondomisekazi
Ndiyavuya ndindmincili 2 discover this blog. Utata uthi thina boMiya singa Mamfengu. Nxana echaza intsusa yethu uyamchaza noPhalo
Zanele, kuvuya mna xa uthe kanti uzuze nto apha. Masithembe ukuba avekele, kwaye uzakuncedakala. Mna ndicedisa nje abantu. Iingcali zolwazi naziya pha ekuhlaleni.
Ndiyabulela ngale blog, ngoba kumnandi ukubona abantu abacha bebonisa uthando neqayi ngobuni babo. Mna ndingumaDlamini. izizi, lama kasi jadu, fakade, ngxiba inoboya, nomana, dweba, xuza,mbekisa, msuthu, njokwweni, lwandle luwelwa zinkanjane zodwa, intozika mlambisa.
Ndizalwa ngumaGasela. Ndibonile awuwabalana wona amagasela, omvemve, odlovuzidle khaya ngenxa yokuswela umalusi, ngalo, sidudu somfazi sadika abayeni enkundleni, luvuno, luvezo, mcelu, mvetshane, ndunya, into ezimnyama okwekhozo lomsingizane.
Ndibonile kodlamini bakho uthi dlovuzidle khaya ngenxa yokuswela umalusi, ndifuna ukulungisa nje lanto incinci, thina odlamini asingo dlovu kodwa ke odlamini bahluke kane, so nam ndilinde umntu ongandi lungisa.
Kodwa mandibulela, cela ubheke phambili ngento entle oyenzayo.
MamZizi mhlawumbe ubungazi kodwa uzokhumbula ukuba uDlamini ayisosiduko qha kodwa sisizwe kuba zinintsi izindlu eziphuma kulomzi mkhulu kaDlamini. Ithi imbali ebhaliwezo nebaliswayo uNdlovu nguyise kaDlamini. UNdlovu lo naye unezindlu ezinintsi eg Malunga, Mntungwa, Gengesi, Gasela nezinye ke. Ke ngoko abalahlekanga abantu bakwa Ndlovu xa bezibiza ngoDlamini kuba bayazalana.
uDLOVU LI HLUBI OKANYE NGAMANFENGU?
Mhalweni maAfrika amahle, mna ndinomdla kwiziduko ezimbini: Phahla kunye no Qadi, ndicela ukuthuthelwa eziziduko zibini torho. Enkosi.
Pumeza. NgamaQadi akwaNgcwina, kwaNceka, kwaQengeba, kwaMphankomo, kwaSoga, kwaMfaz’obele linye ngaphesheshaya komlambo (amaMpondomise). uPhahla andimchani, mhlawumbi ndazi siduko simbi xa unokunaba nje kancinane
thank you, kutsho kwangcono. I will get more info about oo Phahla.
ngoodosini ke abo oongcwina,mqhorhana.
Zidwesha nani zidweshakazi, nguMkhonde lo, uManci, uZotsho, uDembula….Mna ke ndiyinto kaMayekiso eMgqukhwebe eLady Free idolophu. Ndivumeleni nam Bantwana Bakokwethu khe ndihlomle kwesi sithebe. Seniyihlahlile nada nayityeneneza indlela, nivulela iziqhuza ezifana nathi aba. Mandiqale kula mbuzo kaDosini noPhala. UDosini sele ecakaciwe, mna ndiza kungena apha kuPhahla. UPhahla sesinye sezibongo zooJola xa bezithutha (uNgwanaya, uMajola, uMphankomo, uQengeba, UPHAHLA, uMfaz’ obele-nye, iThole loMthwakazi,….) Imbali yamaMpondomise ithi, oonyana bakaMpondomise babebabini: uDosini (wendlu enkulu, yiloo nto engumQadi. Kaloku apha esiXhoseni kukho iQadi, iXhiba, nendlu eNcinci….) kunye noMajola wendlu encinci. UDosini ke nakuba nje wangoyena nyana kaMpondomise omdala, owayefanele afumane ubukhosi, isizwe sikaMpondomise sasingamthandisisi ncam. Endaweni yakhe sasithanda uMajola, unyana omnci. Yiloo nto kwada kwenziwa neqhinga lokuba ubukhosi buye kuMajola hayi kuDosini (weQadi).
Ukuba uyaqaphela xa bezithutha ooDosini kunye nooMajola izibongo zabo zifika zidibane kwezinye iindawo, kuba kaloku uyisemkhulu wabo mnye, nookhokho babo banye.
Kodwa xa kuzezi mini uMajola uyamtshata uDosini noDosini uyayithatha intombi yakwaJola…
Ekuhambeni kweminyaka indlu kaJola ngokunjalo nekaDosini zaye zanda kakhulu njenga naphi na. uDosini wasisiduko esizimeleyo ngokunjalo noJola. Andboni ntwimbi xa bezekana. Khe ndibuze apha emaXhoseni, uTshawe noJwarha kunye noCirha bona abatshatani ngenxa yokuba babezalwa ngoNkosiyamntu?
Kweku! Utsho kamnandi ntw’akuthi, nam ndithi mandiphose mabini mathathu maan!
NguTshonyane lo, udikiza, usawU, ukhwane, uTODA, uMTH’UZIMELE, uNXALA, uNKOMO Z’BOMVU NES’BUNU SAZO!
Ndizalwa ke nguBhejulakazi kwaNdungwane, oodiya, ooqhwesha, oongungu, ooNDARHALA emagezeni.
Oonobumba abakhulu aba ke ngabokuhlaba nje iziphoso, okanye ke ukuhlomela apho udlule khona ngamanye amagama, nam kaloku ndiselusana ngokolwazi…kukumana nje ndichola chola.
Ndingabangamde, mandincede pha kulambuzo wamaKwayi…kaloku kuthiwa amaTshawe namaKwayi ngumntu omnye ngokwasegazini, nto’nje mfo uthile emaTshaweni waye wazeka kwalapho ekhayeni ngenxa yobugqubusha…’nto leyo yenza ukuba maka’kwaywe’ esiTshaweni, ze waphuma nesosiduko ngenxa yeziphumo zezenzo zakhe. Ndive kusitshiwo nam nto zoobawo, andigqibi.
Makudede ubumnyama kuvele ukukhanya!
ndangena ndingacelinto kephofu kodwa ba inkhona andiyikuthi enkosi nguChisane, uKhophoyi , uNdebe, uHasa ngoSothathu ke abo mzi kaPhalo, ithi imbali endiyifundileyo, andiyixelelwanga , oSithathu aba baphuma kwindlu kaKhoyi-Khoyi (3rd ancestry clan) kwaye ndibonile uba ooSukwini aba baphuma kwezazinyanya nabo (khi-khoi) yiyo lonto bengo lawu nabo, ingaba siyazala ke?? Enkosi mfo kabawo ngaleblog, mna ndiyavuya kuba bendingaziqondi ncam ncam kuba kaloku sasingoDlamini okanye mandithi sasibiza oDlamini pha ekhaya ngoku ke lonto indenza ndingabi mde ekhaya kwa Ndebe!!! Maz’enethole Abongile mfo!!
yes sister you related,Gqwashu,Sukwini and Sithathu are the childrens of the same parent,Sithathu was named sithathu bcoz he was a last born which means the third born,they are all khoisans.
Enkosi Luntu. Sifuna abantu abanje ngawe apha. Baninzi abantu abaza nemibuzo. Liqaqobana eliza neempendulo. Kwa eloqaqobana lixakekile zezinye zizinto.
Molweni zinto zikaPhalo. Kuhle xa ndibona usapho lwendlu kaXhosa luziqokelela kancinci kancinci luzixhobisa ngemvelaphi yalo, kaloku umsinga wokhanyo lwasentshona uphantse walonzakalisa ulusapho lwendlu ka Phalo. Kuba kaloku isizwe sisisizwe ngenkcubeko yaso, futhi nesidima saso sixhomekeke ekubeni sazi kangakanani ngaso. Xa ungazi ngemvelaphi yobuzwe bakho akukhonto ungabaxelela yona abezizwe, nditsho nokuba ungaya phesheya xa ungazi nto ngobuzwe bakho akukhonto ungabaxelela yona entsha kubo. Lonto ingenza notyelelo lwakho lungabi naxabiso kwezozizwe ngoba akuzanga nanto elizweni labo. Nditsho ukuthi ndiyalibulela eligalelo nilenzayo, kaloku ukwakhiwa kobuzwe lento abasentshona bathi yi (Nation Building and Social Cohesion) ixhomekeke ekubeni siyazazina ukuba singobani kuqala. Eligalelo lenu liyakude ekwakheni isizwe soMzantsi Afrika uphela. Nditsho neziphatha mandla zelizwe lethu zichitha izigidigidi zeRandi zifuna ukwakha isizwe esihlangeneyo, futhi ke bafuna isitya ebumnyameni abazi ukuba baqalengaphi. Akwaba bebengafunda ukuba indlela eya kwi- Social Cohesion iqala ekubeni elowo nalowo azazi ukuba ungubani. Nditsho ukuthi niyihlabile ifolo, okwethu kukungena endimeni. NguCirha lo,Uqhanqolo, Umhlantla Unojaholo, Uncibane, Untswentswe, Umzukulwana ka Gabha, ithole lendl’ enkulu ka Nkosiyamtu, kwindlu kaTat’ omkhulu uZithandisile, unyana ka Tsalitewu kwa Nqumba apho kudibana khon’ umlambo iBuffalo neNcemerha eNdevana. Ndisatshaya!!!!!
Molweni mzikaNtu
Ndingu -Mamdlane,tutuse,Nomdimba,Ntlokwana ibanzana,ngabathembu abo.
Ndithi mandinibulise kwaye ndincome into entle endiyibonayo apho.Ukwanda kwaliwa ngumthakathi ntozakuthi.Masingalahli imbo ngophoyiyana mdakomnyama.Mazenethole kuwe Abongile.
Enkosi
Nam ndithi mandithathe elithuba ndibulise apha kwaXhosa, Mna ke
ndinguMgcina, uTyhopo kaPhato, uNokwindla, uXhamela, uNcancashe, uGabulikhula, uNtlonipho, abahamba bepheth’isali – ihashe bakulifuman’emlungwini, izinto zabantu abazibi koko bayazigcina, bathi iigusha ziziduli zethafa nditsho yena mna uGadl
uma. (Uyakuthi ke ekugqibeleni uchaze ukuba ungowuphi na uMgcina mna ke ndinguMgadluma kodwa ayisingo Gadluma onke amaGcina kukho (1)uGadluma, (2)uMntsinga, (3)uHelushe, (4)uMcha, (5)uBinca..etc nam andibazi bonke kodwa ke bayi11 xa bephelele kwaye zonke zizindlu ezahlukeneyo nangona sizalana nje uyakuthi owaziyo agqithise. Ndithi mandithathe elithuba nam ndibuze ukuba azalana njani na amaYirha namaGcina?
Eh man Qhudeni ndicela nje ukubulela tata ngale ngcinga yakho ibaluleke kangaka. Iyasakha singamaXhosa anomdla wokuyazi nokuqhelana nayo inkcubeko yethu, is’kakhulu ngoba kuye kubanzima kule minyaka siphila kuyo ukufumana iinkcukaca no lwazi oluthe vetshe ngobuXhosa bethu silulutsha. (Hahaha, I tried my best to speak original Xhosa but what I’m trying to say is thatb I appreciate this site/blog as it enriches my knowledge and aids me in my quest to learn more about my Xhosa heritage and culture. It is of utmost importance to me inthis day and age to know my roots. I thank you once again sir, please do carry on doing this.)
Molweni maxhosa amahle, mna ndingu Rhadebe , umthimkhulu ,bhungane , ndlebe ntle zombini,…. Kwaye ndiva kusithiwa esisizwe sakwa Rhadebe ayisingo maxhosa ncam ingaba injalo na lonto?
Into echaza ubuni bakho yintetho, inkcubeko, amasiko, inkolo nezithethe, ingakumbi ukuba wena uzithatha ukuba uloluphi uhlanga na. Ungazikhathazi ngembali, okuxelela enye into umwisele ngepali.
Bhungane noko lide elithuba ndiyaqonda sowade wayifumana impendulo kodwa mandisele ndisithi gqaba-gqaba. OoRadebe ngamaHlubi ngqe. Mna ndikucebisa ukuba ufuna ukwazi banzi ngemvelaphi yakho uze ujonge igroup ethi AmaHlubi Amahle kufacebook okanye to send me an email ku hlubi2@mnt.blackberry.com ndizokwazi ukukuphendula yonke imibuzo onayo ngoba inde kakhulu imbali kaRadebe.
Ngaba Ngamani amacube (Mcube).
Ndingu-Nguta, Mafu, Gqabagqushe, Mashiyane, Mahekade, Mwelase, Sthole
Ndicela ukwaziswa banzi ngo Nguta.Ndingomnye wabo kodwa ngenxa yokunqaba kwaso esi siduko andifumani nto ibambekayo ngemvelaphi yababantu.Kukho nokungqubana okuthile phakathi kwabazibiza ngeligama.Oku kundibangela ndidideke mpela.
Ku Thembeni…
AmaCube azalwa ngamaZima. Bhetya, Bhomoyi, Zondwa, Ngqolomsila, Vela bambhentsele, Yem-Yem.
ndiyabulela Zama. Ahluke ngantoni AmaCube ko Dlomo?
Thembeni AmaCube aphuma kuZima ozalwa kunye noMtande bobabini ngonyana benkosi enkulu yesizwe sabaThembu uNtoyi, uMtande uphuma kundlu nkulu, uZima uphuma kwindlu esekunene, ngoko ke akukho mahluko phakathi kwamaCube noDlomo ngoba utata ozala uDlomo uzalwa nguMtande ongumtakubo Zima.
Ku PumezaAugust 8, 2011 at 4:01 pm#
Mhalweni maAfrika amahle, mna ndinomdla kwiziduko ezimbini: Phahla kunye no Qadi, ndicela ukuthuthelwa eziziduko zibini torho. Enkosi.
Pumeza. NgamaQadi akwaNgcwina, kwaNceka, kwaQengeba, kwaMphankomo, kwaSoga, kwaMfaz’obele linye ngaphesheshaya komlambo (amaMpondomise). uPhahla andimchani, mhlawumbi ndazi siduko simbi xa unokunaba nje kancinane.
Molweni Mzi ontsundu
Intle into endiyibona apha, ngaske iqhubeke ingapheli epha imana ivezwa naseZikolweni kufundiswe abantwana bethu. Mna ndingu Doyi,xesibe,ukhanda nyawana kutake isheleni, Mnune,umbathane. Kakhe lindixelele ukuba iphi imvelaphi yam okanye ndiphantsi kowuphi umthombo.
Lamkelo uyabulela ilali. Masithembe ukuba uvakele nakwabanye abantu abanokuthi basityebisele ngamaXesibe.
Ndimqhwabela izandla umntu ocinge le-blog.NdinguMnune,uDoyi, uMbathane, Xesibe etc.Umbuzo wam wokuqala ngulo:adibana ohlukephi amaBhaca namaXesibe? Okwesibini, uNune ingaba yindlu enkulu kooKhuma nooGxubane. Ndicela umntu onolwazi ukuba ndingayifumana phi incwadi ‘uMadzikane imbali yamaBhaca’ Impendulo ungayithumela Ku:mxo.mfanekiso@yahoo.com
molo xesibe umnune yindlu enkulu ooxesibe ngabantwana bentombi engazange yenda eyayinguNomaxesibe amaxesibe ngamabhaca okuzalwa ingasi la wempangelo kumadzikane amaxesibe ayeyothwala ngexesha lemfazwe .
Ndiyala bantakwethu, amaXesibe akasomaBhaca engasomaMpondo okanye Mpondomise. AmaXesibe asisizwe ngokwawo kwaye ezi zindlu zibiza uXesibe ziphuma kwesi sizwe. AmaMpondo, Mpondomise, Xesibe, Qwathi, Thethwa kunye noMkhize bonke aba bazalwa kumnombo omnye kaSibiside. Ukuba uyaqaphela bonke aba banobukumkani okanye ubukhosi kodwa kuthe ngenxa yokuswela umhlaba nokruthwakruthwano ngezihlalo yaphela ezinye zezi zindlu zilahlekelwa bubukhosi bazo eg amaXesibe alwa kunye namaBhaca aze oyiswa athathelwa umhlaba akhonziswa kuMadzikane. AmaQwathi aphuma kumaXesibe ngoMtshutshumbe kaMteto aze ayokukhonza kubaThembu eNgcobo apho esemi khona nangoku. AmaXesibe madala kakhulu kumaBhaca
Mamnyele uNune ukwindlu enkulu kaKhandanyawana ngokokwam ukwazi. Eyamabhaca namaXesibe ke yona ifanele abangaphezulu kunam ngolwazi, kodwa andandikhe ndayiva yile yokuba amaBhaca afika emaninzi kumhlaba wamaNune sekusithiwa nje amaNune ngoBhaca.
uXesibe noKhuma ngamawele imfusi nguNogxutyazana,bazalwa nguBimbi,uXesibe wagawulelwa izigcawu ngu Khuma,uXesibe uzele uNune yena wazala uDoyi, uKhuma uzele uBoli yena uHange yena uNtsengu,uNtsengu ubukhosi bakhe nabuya phaya phantsi kwalantaba kuthwa xa ibizwaNonesi,kukhundulu.ubukhosi wabufumana ngikukhalipha wakhokela ibutho ngokonyulwa nguMadzikane inkosi yamaBhaca.uGxutyazana wazalela ekhayeni kuba wayengendanga kwathwa abantwana bakhe makathi ngaMagxubane,amaXesibe asingomaBhaca sizwe ngokwawo.
Ndazi nje ukuba ningamaXesibe, amaBhaca, nikunye nooMbathane, ooNondzaba, nooMatshaya, ndizawuke ndifumanise kakuhle ndibuyele kuwe. Kamnandi
NingamaHlubi, nisuka eMbo. uBhungane inkosi wazala uMthimkhulu inkulu, lo wabulawa nguMatiwane inkosi yamaNgwane ze buphalale nje ubukhosi bamaHlubi (bayokumfenguza kwaXhosa). uRhadebe noMphangazitha ziinci. Ndisatshaya…
Molweni, My name is Vuyiswa Nomazela
Please help me out my dad passed away when i was about 5yrs and i was raised by my moms family the Sothos. i really want to know my roots, and my mom is not helping either, all i know is “uGaba, Mngqosini, Thithiba,Cihoshe, Mtomlambo.
I would really appreciate you help
Thanking you in advance
Vuyiswa Nomazela
Bhota Vuyiswa
I hear and understand your situation. I hope that you will get all the help you are looking for. Let us start by you giving us exactly what kind of help you are looking for. By that I mean be very specific. Do you want an elaboration of the ancestral lineage you have given? Because in my opinion, knowing the language is an integral part of this exercise. It is not compulsory, however.
Keep well and we hope to hear from you soon
Abongisocial
Hi, thank you very much for getting back to me.
That’s exactly what i’m looking for an elaboration of the ancestral lineage. i do understand isiXhosa, i can also read but i cant speak proper Xhosa even though i’m still leaning its difficult because i have no one to speak Xhosa with. I’m from Potchefstroom in North West. And the other thing i want to know Iziduka sam, the whole lot of it, i dont know if there’s more to that i know.
thank you so much, i really appreciate you help.
sithini isiduko sakwa dweba
Ewe ke Vuyiswa, kaloku ooGaba ngamaXhosa ukusukela entloko uyokutsho eluzwaneni. Uba uyakhumbula uNtsikana owayeyimboni edumileyo emaXhoseni wayenguGaba, kunye nomfundisi uTiyo Soga owaqokelela imbali yabantsundu ze wabhala incwadi ethi Intlalo ka Xhosa, engowaseMgwali. Ndibethe kooZelekazi, inkosi uNgqosini wathwasa emlanjeni kwisiziba sakwaCihoshe. Nizithutha nithi:
Gaba,
Thithiba,
Cihoshe,
Mntuwomlambo,
Nozinga,
Thikoloshe,
Mbokodo emnyama kaHili ,
Zihlobo zoMjobi,
Ziyabiza ngesizib’esithethayo.
Uyakuzandisela wethu Vuyiswa xa ungadibana namanye amaNgqosini maninzi kwaGcaleka, kwaRharhabe nasebaThenjini kulo lonke eliya.
Mna ke ndinguNxuba waseMthatha kwaye sikunye nooGaba elalini. Amasiko esiwenzayo ayafana, siyathombisa sonke. Senza imbeleko nokuqaba nokwalusa amakhwenkwe ngokufanayo. Manditshaye…
Hey Zama,
Thank you for you help it really means a lot.
Thats my dream to see myself on the Eastern Cape one day, but my problem is i dont know anyone who lives that side.
Your help is much appreciated!!!
Ndingulo nxuba ndisadinga utetenyiswa zinto zakuth zama ndikuxheshile rhudulu omhle wena ungafiyo
Ndicela ukuthuthelwa esisiduko Sukude.ndazi kuphela Sukude,mkhondwana,gxarha,mfazobelinye phesheya komfula
Pleasure Vuyiswa,
Step one will be to make friends with a Xhosa person from EC and indicate your intentions to visit the Cape. Don’t try too hard to get a friend as that chance will present itself. You will bump into someone at the library for instance and you’d better be the one to break the ice. Ixesha elininzi ndizakuthetha isiXhosa ukwenzela ukuba nawe usiqhele. Kufuneka uzame ukuyifunda yonke ke le Blog uyakuzuza nto. Kamnandi
bhotani bethuna mna ndinguYolanda Mgwili ndicela nindincede ngenvelaphi yoXhanga kwaye nindiphe nekiduko zabo zonke mna andzazi zonke, ndinebhongo neqhayiya ngento endiyiyo andifuni ilahleke. Nam ndiyathand ukuzithutha ndibize ooXhanga, ooKhwetshube, mhlambolalintaka. ndiyacela zihlobo zam ndincedeni.
NgaMampndo lawo sisi,ooKhwetshube,mhlab’olal’iintaka
Good Sir,
Ndikhulele kulomama, ndisebenzisa isiduko sakulomama. Ndisandulukwazi ukuba isiduko sam nguMcirha. Ndicela undazise ukuba amaCirha athini ukuzithutha. Adibana njani amaCirha naMatshawe kunye naMakwemnte?
Phumlani ndicinga ukuba noko amaCirha namaTshawe avele elubala pha kuludwe lweziduko. Khangela nje wena uzo kuzufumana. AmaKkwemte wona iseyindaba kamkhozi. Masithembe ukuba iinzulu-lwazi zethu (ndiquka noZama othandekayo ke apha) ziwathe nta amehlo.
Phumlani
uNkosiyamntu kaloku wazala uCirha, uJwarha noTshawe inci. uTshawe wathi ngobukhalipha wabuthabathela kuye ubukhosi encediswa ngaMaRhudulu(amaMpondimise la singawo thina booNxuba, asel’ebizwa amaNgwevu loo maRhudulu ukususela loo mini). Ndingaphambukanga kuyaphi, uCirha no Tshawe badibana nje ngokuzalwa nguNkosiyamntu – abazithuthi ngokufanayo. Cirha, Nojaholo, Ntswentswe, Qhanqolo, Ncibane, Owancam’ubukhosi ngokunyoluka, uHlomla mhlantla, Hlomla lidala lineempondo.*******************************************************************
AmaKhwemte (hayi amaKwemnte) athi wona Meka, Dabane, Sigodi, Hlamba ngobisi amanz’ayakutyabula. Andichani kuzalana namaCirha konke konke, mhlawumbi nendiselene okanye nisesithebeni kunye. Umzekelo thina booNxuba phaya elalini sisesithebeni namaNdlane, loo nto yenza sibengathi siyazalana ngoba imicimbi yekhaya siyenza kunye. Lityala xa omnye engabizwanga. Kodwa singaphuma esithebeni xa sifuna ukwenza oko. Kamnandi
Mandibhotise kumz’oNtsundu ngokubanzi.
Ndicela ukuhlomla gxebe ndiphose ilitye esivivaneni, uDabane, uSgada uKhwente.
Yayingunyana ka Cirha nowathi xa eyalelwa ukuba ahlanganise umkhosi
wakhe ukuzokuncedisa xa kwakuhlaselwa uyise uCirha nguTshawe
Yena wakhetha uncedisa uTshawe.
Wathi wakuwutyeshela umyalelo watsho waphucwa ubundlalifa kwathiwa uMkhwemtile.
Yaba kukuzalwa kwaMakhwemte.
Sibamba ngazibini ke Sgada!!!
Molo Yolanda. Ndandike ndaphangela nomfo wasemaMpondweni, uKhwetshube andiyazi ke ifani. Wayesithi unguKhwetshube kaXhanga. UMhlambi olaliintaka. Kazi ukuba utshile nje zolala phi. Andisakhumbuli ukuba wayegqitha athini. Ndizawukubuzela ndiphendule kwalapha kule mbutho. Into endiqiniseke ngayo ningamaMpondo (Ngqeleni, Libode njalo njalo). NdinguNxuba waseMthatha ke mna. Kamnandi
Molo Abo. Unentlondi mfondini andiyonzululwazi, intenayo ndiyazingca nje ngesiXhosa sakowethu. Nam ndisafunda, ndiphic’isity’emnyameni. Enkosi kakhulu mandibulele. Sakumane siphokozelana. Yatsho nembongi kaZanzolo yathi “Mathole anyongande kudlelana, zimazi ndini ezimabele made okwanyis’usapho lukaPhalo” Kamnandi
Ndicela ukuthuthelwa esisiduko Sukude.ndazi kuphela Sukude,mkhondwana,gxarha,mfazobelinye phesheya komfula
********************************************************************************************************
Mntu wasemzini, uMakhulu wam nguMasukude intombi yasemaMpondweni.
Wayesenjenje,
Mkhondwana
Gxarha eliphezulu
Sitshwili
Bele de
Mvanga
Noxhofuxhofu
Nontwemnandi
Rhasi
Tsikitsiki
Sihumba
Yezeni
Umthi kaSihula
Usikhuni somthathi nesomlotha
Siqutywa singeva
Santsabe
Akasekho kweli phakade ngoba zikho iindawo endizilibeleyo.
ndicela khe undincedise ukuzama ukuphanda ngengcambu kathyali ekunye nomaQoma mntakwethu
Molo Mandilake. Ndicinga ukuba umntu onokunceda ngu Mbuy Klaas nabanye kuloo ndawo. Mandibe ndigabulel’izigcawu umntwan’enkosi, Tshawe!!! uMaqoma No Tyhali kunye noNtimbo bazalwa ngu Ngqika ekunene, inkulu kaNgqika ngu Sandile. uNgqika uzalwa ngu Mlawu ozalwa ngu Rharhabe, osekunene ku Gcaleka. Lilonke uNgqika uzele uSandile, Maqoma, Tyhali no Ntimbo. Mandithi xha…
Hayi wena Zama ungugqufta walapha. Ndikothulela umnqwazi nto yakuthi…
He he he! Ilapho ukuba ngaba ayithathwanga Abo. Ndiyabulela nkab’akuthi. Uze xa unethuba ukhangele ukuba akunakuyibhaqa na incwadi okanye imisebenzi Rev TB (Tiyo) Soga – ethi Intlalo ka Xhosa, iqulethe lukhulu kodwa endinayo yaphumpeka amaphepha awasaphelelanga neempuku zagrenya zaziyekela. Ungamyeki no DM Tyatyeka kwincwadi ethi Iziduko nezibongo, ISBN 13:978 0 947 477 622. Ulwenzile uphando lamfo wasemaQwambini, “sibamba ngazibini Holomi, maz’ethole”. Nantsi enye indawo “A BRIEF SURVEY OF NINETEENTH-CENTURY XHOSA LITERATURE
By
Jeff Opland
School of Oriental & African Studies, University of London
Masifunisaneni apho isisele senyathi sikhoyo nto zakuthi….
Zama hayi wena bekumele yeyakho le blog ngoba uyasebenza nyani. Ndiyaphinda ndiyabulela kumntu wonke oncedisayo, ingakumbi wena.
Molweni nonke,Nizondixolela andikho mhle to write isiXhosa ke mna ifani yam nguSotshangane ndibendingu Ncwane, uStshinge, uNcincithwayo umaVuma,uVumintwengavunywayo,uNgeyiya. Ke amaNcwane manitsi emaXesibeni(Mt Ayliff) ndincendeni mawethu sidibana kanjani naboCebekhulu or ooLinda , ooDlamdaka, ooGwamanda.Ke ndicela ukwazi ukuba singama Xesibe,amaBhaca,amaZulu,amaXhosa or amamPondo.
Nam ke ndingu diya,bejula,qhwesha,nene,gungu,seya,ngubengcuka.
Uvakele Diya…
ndiyabulela Zama ngothe wandenzela kona, ndiyathemba ukuba usazaqhubeka undibuzele njengokuba uthembisile
Yolanda uncede abakho ke nawe. Nokuba ubanike i link yalapha…
Ndibhotisile sizukulwana sikaPhalo, ndinguKhawulela isiduko kummandla wamaXesibe eMt Ayliff. Ndiselityendyana lomfo elilula kakhulu andikwazi ukuzithutha (ndinguKhawulela) ndicel’uncedo.
Help me with the Nkomo clan
molweni lusapho luka Bawomkhlu uPhalo Mna ke Ndingu Mandilake Ka Qhunyana ndingu Sisthathu,Ndebe Khophoyi Chisane, Nkomozibomvu, Hasa Thikoloshe yity’uhluthe ndizokthuma emaMfengwini, Sithunzela andifun’udlala nawe ngoba mna ndidlala ngogibisela.emhlabeni ndize nge ntombi yase Mabambeni,Fingo, Thangana, Krila, Mbombo, ubawo Uzalwa Ngu mamCira, Qhanqolo, Ncibane Nojaholo, yena Uma Uzalwa KwaZabane, Wushe, Baca Fusani Into ezity’inyama iluhlaza zithi ziyafukutha. mandenze umbulelo ongazenziyo kuni nonke ngokuthi nizixhamle ngoku zama ukusibuyisela embo.mandithi mazenethole, kungade kuthiwe ibhonga ilele
mna ke ndizinze apha KuCentane idolophana engadume kuyaphi, kodwa uyibuzile kum awnawvala umlomo.Mandenjenje ukunika amabal’eNgwe ngale Dolophu Yam.Ndiqale Kwii Koomkhulu zalappha sineMingcangathelo (apho ndikhoyo mna Aaah Dalibhunga), ImiDange, AmaMbalu, ImiDushane.Kumhlaba wase Qombolo Kwilali Yakwamdange Kulapho Ikumkani Ukhawuta KaGcaleka Kaphalo alelikhona.Kumhlba Ka Feni Kwamjo kumlambo wase Gxara Kulapho Inzwakazi Ka Mhlakazi yabona khona abaphantsi.Ndiye ezantsi elwandle koo Gqunqe Chebe Nxaxho Khabakazi ezo ke zilali ezaziphantsi kweNkosi engasekhoyo Ikhalipha nekroti uBawo UMaqoma mandipheze hleze ndophele Maxhosamahle
October 6, 2011 at 10:05 am # molweni lusapho luka Bawomkhlu uPhalo Mna ke Ndingu Mandilake Ka Qhunyana ndingu Sisthathu,Ndebe Khophoyi Chisane, Nkomozibomvu, Hasa Thikoloshe yity’uhluthe ndizokthuma emaMfengwini, Sithunzela andifun’udlala nawe ngoba mna ndidlala ngogibisela.emhlabeni ndize nge ntombi yase Mabambeni,Fingo, Thangana, Krila, Mbombo, ubawo Uzalwa Ngu mamCira, Qhanqolo, Ncibane Nojaholo, yena Uma Uzalwa KwaZabane, Wushe, Baca Fusani Into ezity’inyama iluhlaza zithi ziyafukutha. mandenze umbulelo ongazenziyo kuni nonke ngokuthi nizixhamle ngoku zama ukusibuyisela embo.mandithi mazenethole, kungade kuthiwe ibhonga ilele
Your comment is awaiting moderation.
Reply mandilake
October 6, 2011 at 10:33 am # mna ke ndizinze apha KuCentane idolophana engadume kuyaphi, kodwa uyibuzile kum awnawvala umlomo.Mandenjenje ukunika amabal’eNgwe ngale Dolophu Yam.Ndiqale Kwii Koomkhulu zalappha sineMingcangathelo (apho ndikhoyo mna Aaah Dalibhunga), ImiDange, AmaMbalu, ImiDushane.Kumhlaba wase Qombolo Kwilali Yakwamdange Kulapho Ikumkani Ukhawuta KaGcaleka Kaphalo alelikhona.Kumhlba Ka Feni Kwamjo kumlambo wase Gxara Kulapho Inzwakazi Ka Mhlakazi yabona khona abaphantsi.Ndiye ezantsi elwandle koo Gqunqe Chebe Nxaxho Khabakazi ezo ke zilali ezaziphantsi kweNkosi engasekhoyo Ikhalipha nekroti uBawo UMaqoma mandipheze hleze ndophele Maxhosamahle
Your comment is awaiting moderation
mandilake
October 6, 2011 at 10:05 am # molweni lusapho luka Bawomkhlu uPhalo Mna ke Ndingu Mandilake Ka Qhunyana ndingu Sisthathu,Ndebe Khophoyi Chisane, Nkomozibomvu, Hasa Thikoloshe yity’uhluthe ndizokthuma emaMfengwini, Sithunzela andifun’udlala nawe ngoba mna ndidlala ngogibisela.emhlabeni ndize nge ntombi yase Mabambeni,Fingo, Thangana, Krila, Mbombo, ubawo Uzalwa Ngu mamCira, Qhanqolo, Ncibane Nojaholo, yena Uma Uzalwa KwaZabane, Wushe, Baca Fusani Into ezity’inyama iluhlaza zithi ziyafukutha. mandenze umbulelo ongazenziyo kuni nonke ngokuthi nizixhamle ngoku zama ukusibuyisela embo.mandithi mazenethole, kungade kuthiwe ibhonga ilele
Your comment is awaiting moderation.
Reply mandilake
October 6, 2011 at 10:33 am # mna ke ndizinze apha KuCentane idolophana engadume kuyaphi, kodwa uyibuzile kum awnawvala umlomo.Mandenjenje ukunika amabal’eNgwe ngale Dolophu Yam.Ndiqale Kwii Koomkhulu zalappha sineMingcangathelo (apho ndikhoyo mna Aaah Dalibhunga), ImiDange, AmaMbalu, ImiDushane.Kumhlaba wase Qombolo Kwilali Yakwamdange Kulapho Ikumkani Ukhawuta KaGcaleka Kaphalo alelikhona.Kumhlba Ka Feni Kwamjo kumlambo wase Gxara Kulapho Inzwakazi Ka Mhlakazi yabona khona abaphantsi.Ndiye ezantsi elwandle koo Gqunqe Chebe Nxaxho Khabakazi ezo ke zilali ezaziphantsi kweNkosi engasekhoyo Ikhalipha nekroti uBawo UMaqoma mandipheze hleze ndophele Maxhosamahle
Your comment is awaiting moderation
Molweni
Igama nguAnelisiwe Sentiwe eDutywa nangona ndingazange ndihlale kulamhlaba wase Eastern Cape ndiyazingca nge mvelaphi yam.
Ndingu maDlamini isiduko, ujama ka sjadu,ekuqaleni kwam ukundwendwela e Eastern Cape ndiye ndaqaphela ukuba mna no Makhulu (dad’s mom)
wam sitya esityeni esinye kwisitya sentombi zakwaDlamini, ekubuzeni kwam ndaxelelwa ukuba ooDlamini bohluke xase ungena nzulu.
Umbuzo wam yinyani nale nto, ngoba zange ndide ndifumanise ukuba umaKhulu ungomphi uDlamini, uba yinyani bohluke kanjani? Undithuthe bobani ngokohlukana kwabo.
Akasekhi kweli limagade ahlabayo! May her soul rest in peace!
Ndizalelwe eSoweto, Ndakhulela eKlerksdorp eNorthwest,ndiqale ukuya eDutywa ndifunda ibanga lesibhozo.Kuyo yonke lonto akhonto
Ayindithintelanga ukuba ndingazi ngemvelaphi yam ne yamaXhosa.
Ndiyabulela!
#nizakundixolela kwezinye indawo my Xhosa is not perfect#
Anelisiwe uvakele. Kwaye wonke umntu olapha enendlebe nje (nokuba yilamigqobho yeendlebe ukuba azikho zona) unetyala.
Yazi imbali yakho ayohlukanga kuyaphi kweyam. Ndizalelwe eKhayelitsha, eKapa. Ndifunde khona, ndakhulela khona kwade kwafika ixesha lokoluka. Kubengona ke ndiqala ukuya eCacadu (Lady Frere) ukuyokudlulisa loomcimbi. Emva koko ndaazibona ukuba ndingumXhosa nje ngegama, andazi nto tu, ndaze ndafunga ukuba ndizokufunda kangangoko ndinako ngesiNtu. Ukusukela ngoko ke ndifunde lukhulu. Ngoku ndide ndodlula nabafana abazalelwe apha endandoluke nabo ekuquleni iintonga nasekuhlinzeni nokukhupha iinyama zempahla emfutshane xa ithe yaxhelwa. Kodwa maditsho ndithi kusekude mpela engqinibeni. isiNtu ayondlwana iyanetha. Kodwa ekunyamexeleni nasekuzimiseleni ukhona umvuzo.
Mandisondele kulendawo yooDlamini abangafaniyo. Ngolwazana lwa olunganabamga kuyaphi uDlamini sisizwe hayi umnombo. Nto leyo ke ethi isizwe sibanabantu abaninzi abamagazi athanda ukohluka. Isizwe ngabantu abadityaniswe yintetho nesidingo sokwahlula nto ithile. Kwesi sizwe sikaDlamini ke kubakho imizi ethile. Mizi leyo ke ithi ibenegazi linye. Nanku umzekelo:
UDlamini sisizwe
UZizi, Jama kaSijadu ngumnombo womzi kaZizi
USibakhulu, Ndlovu zidle khaya ngokuswela umalusi, uNomagaga ngumnombo womzi kaSibakhulu
UFakathe, Nxi, Buya, Gwili, Mhlanga, Nomali, Xuba, Phandliwe, Nodaba ngumnombo womzi kaFakathe
Njalo njalo ke.
Ndicela ukulungiswa ke ngulowo uthe wanolwazi oluthe xhaxhe.
Ndidla’ amanqathe.
ndoda awkhangeleki nje ngomntu okhulele eKapa isiXhosa sakho sisulu ngekile ndiyancoma
Hayi bhuti sele kukuninzi oko ukwaziyo, qina ufunde uqhubeke ukuze siwufumane umlandu waso isizukulwana sikaxhosa. Enkosi.
OoDlamini, ooRhadebe, ooBhele… yimizi emikhulu le, kangangoba ngelinye ixesha uye ubone betshatiselana.
Abanye ngamaMfengu, kodwa bonke basuka emaHlubini. Zonk’ eziziduko azindalang’ apha kwaXhosa.
Bakho ooJama ka S’Jadu, Bakho abakwaNjokweni, Bakho ooTsweleba, akhona aMakhuze, Bakho abaseMandlovini.
Bakho ooSolanga, uDinabantu, uMqondile, uMathumbamhlophe njengetsheleni. Umlamb’ awuwelw’ uwelwa zinkonjane kuphela.Uninzi lwabo naluya …eMandlovini ngaphaya kweBuntingville.
Abazizo imfengu kuba azange bamfenguze emqwashwini. Bona bawela uMzimvubu noNkosi uNdamase kaFaku ngenyanda owema eBuntingville, bona bema eMandlovini. NgooMakhongwana, ooHobe
no Thutsheni ibengooYehana noo Thutsheni eBhantini, ooSgwasele, ooMakhongwana nooMbiko aMdumazulu. Naabo ooTsweleba eqokolweni phesheya koMthatha abanye bema eTshani nase lwandile bedlis’ inkomo zabo phezu koMdumbi.
Ifun’ ukdibana ke lento nooSibakhulu eMzimkhulu, kuba kubakho ndawo ethi izinto zikaMakhongwan(e). Kukhona ke nalomcimbi waMandlovu.
Mfo ka Klaas ndikhe ndacela apha ukuncedwa nge mbali emalunga no Maqoma ekunye no Tyhali, ndiye ndaphendulwa ke ngu Zama no xanje ndingakhange ndonele ncam ncakasane, uye ke yena wathi maze ndingqinisise apha kuwe mhlambi ulwazi oluphangaleleyo unganalo.
@Qhunyana
Khawb’ urhabul’ aph’ unga finci.
Ndisa zam’ ushwankathela incwadi engu “Maqoma: Xhosa resistance to colonial advance”. Ndizo kwazisa xa ndigqibile
Musho Tshawe elihle. Yiyo kanye leyo nto yakuthi. Ndifuna nje ukunabisa kulendawo kaSibakhulu. OoSibakhulu aba ikwangabo ooDlamini bona bephuma kuSibakhulu kwaye bazinze eNatal kunye nase Mzimkhulu/Mzimvubu. Bazibiza nge Ntlangwini bakhokelwa yinkosi uMelizwe: Dlamini III.
Molweni mzi kaXhosa . Mna ndinguMmbajwa ndizalwa ngu Mamiya . umama ozala utata ngu Mam Qwathi kaundincede mntu wakwantu nngezizibongo zithathu> Enkosi
Ndikhuliswe ngu makazi kwa KEFAS umNyasa.bathi ndingu Jambase wakwa Magaqa eTranskei ku Cofimvaba,intombi ka Mgugululi.ndicela undixelele ndiqale phi xa ndizithutha.
enkosi Nomhle dade wethu mandenjenje ukubetha koomofu, xa kusithiwa ungu Janbase ngokuqinisekileyo ungu maMfene, Jambase, Zangomvel’eliweni Hlathi njanjalo ke bosele begqibezela ke Amanye amamfene.
Nomhle…Ndicinga ukuba wawukhe weva ngoNongqawuse intombi kaMhlakaza, uMhlakaza ke nguMfene. Loo nto yenza ndiqiniseke ukuba ngamaXhosa. Nithi Hlathi, Canzi, Lisa, Jambase, Sanzanza, Uhla nomv’eliweni, Umpundu zilingen’ukusuza, phala ngezandla.
Zama ndingu Nxuba unankwena urhudulu uncingane umntu womfula uwashota umntu owashota ngemali ezothenga imoto wathenga inkomo.. Ndiphelele nam ndisicholachola apha egoli zange ndahlala notata nomama akasazi kodwa ndazalelwa encolosi ku tsolo ndipha ko majaba no jence ndicela undincede ngokuzithutha ndilirhudulu nd nawe ulirhudulu
Ndifuna nje ukulingisa mpazamo ithile malunga nelithi amaXesibe ngamaMfengu. Akunjalo. Umbhali uMlungisi Ndima uthi amaMpondo namaMpondomise namaXesibe azalwa mntu mnye. Uthi kwincwadi yophando “A History of the Qwathi People from the Earliest Times to 1910, Rhodes University, 1988” uMpondo noMpondomise (amawele) noXesibe bazalwa nguNjanya yena ozalwa nguDlemini yena ozalwa nguSibiside bonke bezalwa ntlandlolo. Umhlaba wamaXesibe lo akuwo namhlnaje kwisithili saseMt Ayliff sisihlalo semvelo yawo kwasekuqaleni. Kuyenzeka ukuba amanye amaXesibe adudulwa ngexesha le mpi kaShaka amfenguza kodwa sona isizwe samaXesibe asinabuMfengu.
Utsho kwavokotheka Zizwe Zonke. Bendingazi ukuba uXesibe uzalwa kunye noMpondo noMpondomise. Mandikuqhitse, yiza nomnombo wamaMpondomise uzokuthi ga apha kuMditshwa. Ndifuna ukucacelwa yilendawo ithi uDosini yayinguye inkosi ze uJola waburhuwila, nokuba injalo phofu ayintsha loo nto ngoba nobukaCirha ubukhosi bathatyathwa liqadi (inci) uTshawe emaXhoseni. Yiza nazo ke Zizwe, ungumni kakade?
ngxatsho ke Zizwe Zonke ndiyekele ndigxeke ndincome ngonedo lwakho ozenalo kuba kalok nam lo bendifudula ndisithi amaXesibe la ngamaMfengu mandithi mhlambi kuku ngazi.Kodwa ndinalo mbuzo kambe awutsolanga kuwe kuphela, ndiwujolise kuye wonke ubani: Nxayiphi na nentetho okanye ne mbali ethi uMnguni wazala uZulu, uXhosa, Mpondo,Thembu kunye no Bhaca? zenihlabe amadlala apho niwabona khona okanye nongeze apho kongezeka khona
Mfo ka Qhunyana. Ndiba uMadzikane wayeyintoga esekhosi ka Tshaka Zulu, wathi akusaba neqela lakhe waza kuma nganeno koMzimkhulu kwatsho kwavela esi sizwe kuthiwa ngamaBhaca. Banduluka xesha nye namaMfengu ngaloo ndlela andiqondi ukuba baphuma ngqo kuMnguni nje ngabanye aba ubakhankanyileyo. Lilonke ndingqinelana no Zizwe ngomnombo wamaXesibe kwaye ndingaqinisekanga ncam ngenzala ka Mnguni. Andizimelanga ngenkqayi elangeni. Sondelani nto zakuthi…
Mandi Bhotise Zama, okuqala mandibulele ngengcombolo ozenayo, kukhona Saci sithile endisithandayo apha esiXhoseni (akho Nzwana ingena Siphako), ngoko ke ndithi ndibamaba ngazibini kuwe Nto yakuthi.Kalok ezimbali siziva kooBawo mkhulu babe nabo bengaqinisekanga kuba kalok imbali kaNtu inde ifana nantsomi
Lo mbuzo awujole kubani koko kuye wonke ubani onolwazi malunga nalo mbuzo.Ndicela ukohlulelwa phakathi,kwe Xhiba,Qadi kunye noKunene
Bhota nawe mfo ka Qhunyana. Mandibulele ngokuzenzisiyo nam. Njengoko bendikhe ndatsho ngaphambili, masincedisane ukukhangela isisele senyathi. Isithembu saphela kwela lethu icala, ngako oko kunzima ukucalula iQadi, uKunene neXhiba. Kodwa ndizakuphanda ndibuyele kule mbutho. Ndithembele kuntwan’enkosi uMbuy Klaas ke apha nakubantu abasuka kwaGcaleka ndicinga ukuba bangasihlangula. Ukuthiywa kwezindlu akulula. Masithi akukho mawele, Umfazi wokuqala uzala inkulu, ze owesibini ibe ngowasekunene, emva koku ke kulandela iqadi. Andazi ukuba kuqala liphi iqadi, elendlu enkulu okanye elendlu encinci. Xa uthetha ngexhiba kutyatyekiwe kum ke ngoku. Ndalahla incwadi ka mbhali utat’u Witness K Thamsanqa eyayizicacisa zonke ezi zindlu. Ezichaza ngokuma kwazo kwaGcaleka…
Ndinalwazana luthile nam ngalenyewe noko lungabhekephi na, ke ngoko nosele nihlaba amadlala kwiziphene endinazo nam.Mandiqale, NgokuNene, yena ke uvele mhla uPhalo wazeka intombi ezimbini eziphuma kubu kumkani obulinganayo ( Thembu & Mpondo), UkuNene ke asindlu incinci kambe asindlu inkulu, yindlu endinothi lisekela lendlu enkulu, kuba xa kunokwenzeka ukuba indlu enkulu ingabi nanyana, ubukhulu ke boselele busiwela kukuNene.Ndibuye ndingene kwi Xhiba, lona ke liyindlu yokugqibela kambi eyona incinci apha emzini.NizekwiQadi, kunzima ukuba ndingalicacisa kuba wofumanisa ukuba likhona iQadi lendlu enkulu likwakhona nelendlu encinci.Kodwa endikwaziyo kukuba iQadi lendlu enkuku( Mgudlwa ebaThenjini, Daluxolo pha kuDike) bona ke abasayikuze okanye bangathatha ixesha ukuba ubukhosi bufike kubo.Manditshaye……
Okokuqala, mandibhotise bethuna, e ndidlulise namazwi ombulelo ku Abo ngokuvula eliqonga khonukuze nabafana nam babenako ukufunda bazuze okuthile.
Ndingachithangaxesha, mandithigqabagqaba ukucacisa umba endingawo; ndizelelwe kuloMama enguMagatyeni ke phofu ngesiduko (sikaYisewakhe), Mama wam lowo ezalalwa yintombi yaseMasukwinini. UTata ondizalayo uzelwe yintombi yasemaZotshweni, aze uyisekaTata wam abenguHadebe (iNdebele ngokomnombo).
Bendingathada ukwazi ukuba ooMamani, umnywabe, ndondela, gatyeni, nkom’ez’bomvu, s’fubes’noboya, sandles’nemali, ndlebez’ntle zombini- umnombo wabo uthini (nomntu ozaziyo izithutho zabo ezingaphezukwezi angongeza).
Okwesibini bendicela ukuthuthiswa Amazotsho kwakunye naMasukwini.
Okwesithathu, njengoba abazaliba bam bengazange bazimanye ngeqhina lomtshato, sesikabani isiduko endimelukusisebenzisa, (phofu okwangoku ndisebenzisa esakuloMama, kulungile njalo?)
Ndiyaxolisa bethuni ba ndiyeyandamde ngemibuzo yam, kodwa andinakubhadula nikhona.
Ndayabulela kakhulu.
AmaGatyeni ngamaXhosa nozwane. Futhi uwathutha kakuhle. AmaSukwini – ngokwecwadi ka mfo ka Tyatyeka, yinzala kaGcaleka owangena iChwama: Chwama, Inj’ebomvu, Dibashe, Khawuta, Tiki ayivumani nepokotho(yeyona ndawo ndiyaziyo ke le). Mvaba yiketile, Mnqayi linqindi, Ngqongqo yikatala, Bhunguza lam yintloko, Ndlu bathi yihotele. AmaZotsho ndizawuke ndiwakhangele…
Ndithi mandizibulisele kuni ema Xhoseni, Ndingu Sukwini, Lawu, Chwama, Dibashe, Somda, Somchiza, Ndlela, Ndlakhwe, Njabomvu, Lubisi u Sandlalangca ndizalwa ngu Mam Gcina, Xhamela, Nokwindla, Tyhopho, Mamthembu. Ndithanda nje ukucacisa lendawo yemvelaphi ka Sukwini, kaloku thina asivelanga ngoluhlobo lichazwa ngulo mfo ka Tyatyeka, ingathi waybamba esiqwini kudibanisa nezinqulo ezi zisekugqibeleni azibizayo(Tiki ayivumani…ndlu bathi yi hotele) kaloku ezi yayizi ntetha zoku bukulana. Ngokwe mbali thina siphuma phantsi kwendlu yama Khoi (khoi Clan) abantwana begazi phantsi kuka nkosi u Hinsati (Khoi Kingdom), kube ke u Sukwini lona wayeyi Njengele and a Great Concillor and Chwama abe ngunyana ka Hinsati. zikhona ke izizathu zokukholelwa uba u xhosa uphuma ku khoi//kosa ethetha indoda ecaphukileyo (aziqinisekiswanga ke ezi). Ibuya ithi ke imbali, kwa amagama amaninzi asetyenziswa kwisi Xhosa asusela kwa kulwimi lama Khoi. ndizakutsiba ke ezinye ii ngcombolo, emva kweminyaka ke behamba behlala kodwa kwicala le koloni ngeminyaka yee 1700 amaxhosa nama khoi besebenzisana, yabuya ke yabuntlandlu mbini indlu yama Khoi, u nkosi Hinsati wombuso wama Inqua, oyena wayongamele ngamandla kubaphathi, wenza impazamo ngokunikela ngendawo ku Nkosi u Gwali owayebaleka u mntakwabo u Mdange ngenxa yokungavumelani ngenxa yomntwana umdange aweza naye ku Gwali esithi ungumntwana ka Tshiwo, (igama ingu Phalo) akamvuma ke u Nkosi u Gwali ke lomntana, waqala apho ke umlo wabo, wabaleka u Nkosi u Gwali wacela indawo ku nkosi Hinsati, waze wamlandela wamfumana apho kwa Hinsati, apho ke u Mdange wamthatha isicoco wabe ke seledibanisa abantu bakhe nabaka Hinsati, babeke oo Sukwini, Gqwashu no Nqarwane benza isizwe esinye sika xhosa. Ndiyacinga ke noko uba iyavakala, oqonda ngakumbi angeze, kodwa leya yomfo ka Tyatyeka ayikho, ningandilungisa uba ndiphuma endleleni!
molweni
mna ndikhule ndisebenzisa umamMfene ibe isesika mama kodwa kuthe ngenxa yemeko kwanyanzeleka ukuba sigodusiwe..saya ke emampondweni e Port St Johns apho ke siye senzelwa imfanelo sabizwa ukuba singo Ngcwangule, otita, ophelane, ngqashiya, inkwenkwezan’emhlophe ekhokela ezinye…andikasazi ncam, ukuba ungandinceda ndingavuya kakhulu.
Khanandana, Sihlobo sembongolo!!. Kukongeza nje…
ntozakuthi maan nam ndingutita, ugcwangule, uphelwane, ngqashiya, usikhunisonga nomthole esingeva kuqutywa, inkwenkwez’emhlophe ekhokhel’ezinye, dodo maxhwele…. Azgqitywa ezntwezi ke nani ndrilimpo kemna kuloma ngonozulu kuyasa liyasibekela, omchumani, omacocobela, ompangazitha, onompundana ezincinci kdwa hay’ukunuka, othukela….. Intle maan lento niyenza pha ningabisayiyeka ntozakuthi. Umbuzowam uthi sihlangana ngani nosukude singotita ningandnceda nje ngalombuzo ntozakuth enkosi
Ndibulise Xolile. Ndandike ndayibalula kule mbutho into yokuba amaSukude ngamaMpondo. Mhlawumbi wawungekangeni njalo njalo. NguMkhondwana, Sitshwili, Bele de, Mvanga, Umfazi owanyisela phesheya komlanjana, uNoxhofuxhofu, unoNtwemnandi, Rhasi, Yezeni, Mthi kaSihula, Sikhuni somthathi nesomlotha siqutywa singeva. Santsabe, Bhalel’esendeni. Inoba nidibana ngobuMpondo, mandithi uMpondo ozalwa nguNjanya uzele Sihula, ze yena wazala Mwa, ozele Santsabe, yena wazala uMkhondwana kanye lo uzele uSukude, uSukude wazala uHlambangobubende (lo amaNyawuza azithutha ngaye). Kha ujonge ke Xolile ukuba ungazinyakathisa ndawoni na wena. Nditsho nditshaye.
Molo Zoleka, nam ndiliNgcwangule. La Phelane ufanele abengu Phelwane. Enye endinokunceda ngayo yile: Isikhuni somthombe siqhutywa singeva.
Ndithi xandizithutha: NdinguMaNgcwangule, uMatita, uNgqashiya, uPhelwane, isikhuni somthombe siqhutywa singeva.
Molweni bethuna,
Ndiavuya uba kukho umntu othetha ngesizwe samaxesibe( Mt Ayliff) kukho ke iziduko ezingekhoyo zamaXesibe ezinje ngezi:
Bhuku, singqashe, nkamangane, mfaz obele lide elinyisela ngaphesheya komlambo, mbhamla,mbhele, amawele mabini nguDaka noSifolo: ndim ke low
Sinama, Rhadu, somadoda, umalandelwa yintombi ithi”ndizeke”
Khwetshube
Silangwe.
Ndicela ukubuza uba ooNgwane bona bekweliphi na icala
Mna ndingumamlungu ke andazi imvelaphi nengcambu yesisiduko ,umnqweno wam kusazi apho sivela khona nokuthuthwa kwaso
Nolundi, lengxelo ndinayo umthombo wayo ngu J.H. Soga ze yabhalwa ngu DM Tyatyeka, ikho nencwadi engena nzulu kwimvelaphi yenu. Ithi The Sunburnt Queen-by Hazel Crampton. Ngamafutshane niyinzala yomlungu uJekwa owasinda kwenye yeenqanawe (castaways) ezazika eWild Coast ngokwalamaxesha. Jekwa lowo owaphiwa ubukhosi waba lixhiba lamaTshomane emaMpondweni. Kule ncwadi kaDM Tyatyeka kuthiwa: Zilo zikaMbomboshe, zikaNyamka, zikaMkhonto yimesi, bafazi thwalan’iminqwazi nixel’amadoda. Zilo zikaMpofu ngampondwana,zikaMathithi….mandisithele…Nxuba
Ndiyabulisa mhlekazi ndiyendaziva ndiculumance kakhulu ukubona kwam lento kangangento yokuba ndiye ndafunda yonke imbalelwano yabantu. Masiyibambe siyiphakamise ingubo emnyama, sizince kwaye sibenelunda ngobuntu bethu. Yenye yemibandela edla umzikakhulu le kwaye ifuna lempi isakhulayo ukuba ihlabe umkhosi izame ukulwa nento ekuthiwa kuku lahleka kobuzwe.
Ntwenkulu xebe ndivele ndambonzeleka ndangena exholweni ndinga khange nditsho ukuba ndingubani. Nguhlomo lo usophitsho uyem yem uzela bembhentsel umadiba uzondwa zintshaba. Ndizalwa yintombi yasemaqomeni onyohela osiqho onolala ndiwenze.
Luja igama into Thambolenjoka elobufana Tasmente
Amamfengu yayingamaHlubi onke lawo kusahlalwa eMbo.
Nam ndithi makhe ndihlomle ndiyiledyongwana yasemaNuneni, amaXesibe ooMatshaya ooBhelesi. Intle ke le nto uyenza apha Qhudeni, Mvelase. Siyabulela ngoba kaloku kule mihla iziduko zethu azisenantsingiselo.
Yithi ke ndibuze, kudala ndisiva ngamaXesibe angamaMfengu nangala angamaHlubi (Mt Aylif), ingaba zizizwe ezahlukileyo ezi? Sesiphi isizwe esazala esinye kwezi? Ndimile
Made mabephi ooletha amantakwende, udiya ngundungwana kaloku kufuneke uba uyicacisilondawo. Nomanzana andimfumani?
Enkosi kakhulu ngokusikhumbuza ukuba singobani na! Kanti ndigubani ke mna?
NdinguMaNtlane, ubhengu, umalishe, umanz’akanamini akanabusuku, umgangx’ebhubesi, ucala lebhokhwe liyafunw’ekhaya, usibala nkwenkwezi abanye bebal’iinkomo, urhuba lesichotho, usukude(Mkhondwana!!!)
Ndicela ukwazi ubudlelwane ku magebe namaHegebe
AmaHegebe endiwaziyo ziinkosi zakwaBomvane, ooHolomisa aba.AmaGebe andiwachani konke konke. Masithembe ukho ozakuvela noncedo…
ndifuna ukulungisa le nto yokuba apha kwaMiya abantu banento yokuthi Umakaluza sisiduko kanti umakaluza akasiso isiduko nguKhokho ngoku sesizokuva abantu besithi Bavuma ,Fliphaza, Mila ,Gwebushe ,Maqhiza xa bezithutha okanye Nokhwe ,Sonqishe kanti ngooKhokho bethu aba uzova ngenye imini kusithiwa ooMiya bayazekana ngenxa yale nto yokufaka ooKhokho bethu kwiziDuko zethu……….
zanele na iziduko zakwa Gatyeni? qhubeka und’ xelele zona
mandizibulisele apha emva kwemini.
NdiliNtlane qha andikwazi ukuzithutha ndingayazi nemvelaphi yam, ngoku ndimi kumhlaba wamampondomise kuTsolo kuthiwa omtamkhulu u Soxa or u Funda babesuka phesha koMbhashe ngexesha le mfazwe zamandulo, bafikela kwandadobawo wabo owayendele kwaGcanga.
AmaNtlane asuka phesheya koMbhashe ngaMaXhosa, nditsho kuba abasemaMpondweni ngooThahla ka Ndayeni. Nina ningooLeta, Gcaleka, Khawuta. uRev T.B. Soga wase-Mgwali ubalisa athi uNtlane wayedla ngokuthunywa ngukumkani uHintsa (Ah Zanzolo!!!) ukuba aye kukhawulela iimbacu phezu koMthatha azise Komkhulu ngexesha lemfecane. Ngaba bantu baye bathi bangamaMfengu xa bebuzwa imvelaphi. Lilonke ke nina MaNtlane ningabakomkhulu…Maz’enethole…NdinguNxuba ke mna
MOLWENI BETHUNA! NAM NDINGU MAMNTLANE, BENDINGATHANDA UKWAZIBANZI NGE MVELAPHI YAWO AMANTLANE.
Ndiyafuna ukunceda Neliswa kodwa ndixakwa yinto ethi wena uliNtlane , mna ndinguMntlane , uNdingi , uNqabane ungadlula ke ngokwezindlu . Iintsuka yamaNtlane iseMampondweni eLusikisiki kwisithili
saseMantlaneni elalini ekuthiwa kuseNtsimbini , kodwa kuthe ngeempikiswano ngobukhosi noNyawuza amaNtlane abonakala ethe saa – Uninzi lawo lukuCentane – eQolorha umzi omkhulu wakwa Nkonki ulapho , naseNgqusi kwa Fihlani nakwa Matini abazukulwana bakaSidinana. Ifani ke esiqhelekileyo zaMantlane ngooNkonki , Matini , Makana, Bovana
Woow ndiyakubulela ngokusikhumbuza imvela phi yethu ,mna ke ndizalwa nguma Marrharha,mavuyani ,jojose ka nokhweli thole umagawuza oyintombi!
Molweni maXhosa asesiXhoseni athetha isiXhosa acikoza njengamaXhosa. Ndiyabulela ngokuthi ndidibane nale ncoko imnandi kangaka. Mandizazise ngelithi ndinguMandungwane, Bejula, Gungu Qwesha Diya Mageza Langa ondlela zibeth’ekhaya kwadin’izinja ukukhonkotha. Sithabo ke abantu abanobubele. inkaba yam ikwaLanga eKapa. ndizalwa yintombi yasemaHlubini omthimkhulu ndlebentle zombini oomafuza fulele, umashwabada owashwabadelinkomo nempondo zayo. ndingumzukulwana emaQwathini azala utat’ondizalayo, ndikwanguye umzukulu emaZizini apho kuzalwa khona umaRadebe uMa. Ngale ngcombolo ndizama ukuthi mandihlomele nam ngelithi sifundiswe aph’ekhaya ukuba umntu uzalwa kane. Naxa sizichaza kuyafuneka sibakhankanye kuba nabo banendima enkulu ebomini bethu.
Ndisatshaya kube Camagu kube Chosi ngakumbi kuwe Abongisocial othe wavula lombhobho wokuba khe sincokole sizokhula ebuntwini bethu
Awu! Yangena into kaMengu ndinguMpandla, umbona, utshayingwe, ukhiphu, uheke, umandlana ndizalwa yintombi yaseMagiqweni, Mhlekazi wam ndicela undincede ngesduko samampandla ndiphelele apha ekuzithutheni andikwazi ukubheka phambili yaye ndiyacinga okokuba siyaqhubekeka sona ungandinceda mhlekazi. Makubechosi kubehele.
Mengu
Ubashiya phi ooKatshini oonobhabhaza phezu kwamabele abantwana oononkosi omakhalelwa zintombi zithi ndizeke owabhubha (ifani zabo ngumsizi rhubuxa sonjani funjwa base dikeni uninzi lwabo basetsomo nawillowvale ngamabaca
Ndicela ukwazi ngesiduko( uVumisa, uDitya ,vandla ,msongo ,cabintsasa,nzalamzi,uSilangwe) ukuba sisuka phina? Ndifuna ukucacelwa ngemvelaphi yam.
Bantu bakuthi kudala ndinimamele khanitshoni amaqwathi la ngamani okanye ahluke njani. Ngoba ndihleli nomntu apha endlini kodwa andimazi ncam.
AmaQwathi sizwe esiqekeke kumaXesibe, sikhokhelwe nguMtshutshube owayezalwa emaXesibeni waye wathiya isizwe sakhe awasiqalayo yena ngenqu ngegama lenkomo yakhe eyayinguQwathi owayesokwe ngayo ngelixa wayebuya esuthwini, atsho amaQwathi Naxa ezithutha athi “mazibuye inkoma zikaMtshutshumbe” kodwa kengoku amaQwathi azindidi ezininzi mna ndazi Laka Fubu athi xa ezithutha athi ndingumQwathi, uDikele, uNoni, uNtswayibana, uPhemb’ eshiya, amaQwathi aphantsi kwesizwe sabaThembu ikomkhulu lawo liseNgcobo ahleli nezinye izizwe zabaThembu khona ezifana namaNgxongo, nezinye endingazikhankanyanga.
Thembelani enkosi ngezimvo zakho. Kodwa hey umnqwazi wam awuqini. kodwa ke andinakuphikisa ngoba andazi nto. Ndisafunda nam.
Mna ke ndiMasango uNzitha Thsanana Mlungwana Ncobeni Nyandeni Khwayi-Khwayi Bhongo Bhongo Ngangedonki umlung’omhlophe balala bebabini bavuke bebathathu…..umnombo wethu ke ukwaBhaca……safudukela eQamata kodwa ngoku sesithe saa eGcuwa Dutywa kwaPaine Qweqwe eMthatha…….ooMasango abaninzi baziwa ngeefani uBhongoza Nompozolo noMehlonyosi………mhlawumbi ke xa unokukhe usifake nathi nabanye ooNzitha bayakongeza ngoba ke lo uthethayo uselithole nje akhona amakhwahla awaziyo lo mnombo.
Ozithobileyo
Andiswa Mehlonyosi
mna ndingu Nqarhwane, Ziduli,hintsabe, maqhula,mabhele,hlabilawu ngenxa yenyama
nguMamNgxongokazi lona bethuna, nam ndivuyiswa kukungena kulewebsite, intle kakhulu lento yenzeka apha. mna ndikhula utata wam esithi amaNgxongo ngabaThembu andazi ke. ndicela ukwazi ukuba amaNgxongo azalana njani noMadiba?
AmaNgxongo kaloku ngamaNtsundu, ooSopitsho, Yem Yem. Ngokuqinisekileyo ngabaThembu bakwaDlomo. Phanda nje umnombo ke Ntombizakhe. Kamnandi…. Zama (Nxuba isiduko)
AmaNgxongo, ngoNtsundu, oBhadela, oMadiba, Sophitsho, inkosi enkulu ngokwabathambu ivumelekile ithathe abafazi abasixhenxe uninzi lwabo izindlu abaphuma kuzo ababafazi zibaluleke Kakhulu kubathembu ngoba zigcina umnombo wenkosi zabathembu ndikuxelele ezizindlu ngokokulandelelana kwazo: sinoNdlu nkulu “great house” ngelwamangesi, sebenendlu esekune, sibeneQadi lendlu enkulu, sibeneQadi lendlu esekunene, sibe neXhiba, sebe nendlu esithi nguMsengi wendlu nkulu, kwakunye nendlu esithi Ngumtshayelo wendlu nkulu, amaNgxongo aphuma kwenye yezizindlu ndizikhankanyileyo.
OoMkhonde , sikhondo siyakrakra ,oomasokana,omahlab’inkomo ingawi ithi yakuwa ijongise amaphondo kumasebe omlambo ithukela .Ngamampondo ke mntam lawo afumaneka kakhulu eNtabankulu .
Ndicela nindazise izibongo zabantu abanefani yakwaMbono
Ndizalwe yintombi yamaQwathi kodwa ndiva ukuba my father was actually from kwaMbono ifani yakhe.
Molweni bantu beNkosi mna ndingumaMnune,doyi,mbokothwane,mamnyele andazi noba siphelele apho na kodwa siyindlu enkulu yamaKhuma,amaXesibe
Amanda nam ningumamnyele ndiyafuna uyazi ba ithin lento yethu namakhuma
ndiyabhotisa kuni bantu badala
Mna ndinguNokuthula intombi kaMgqobhoka, pho nje sizi biza kuba singa bakwa Mbaleki. ikhaya likuGatyana mna ndizalelwe ndakhulela ekapa, isduko ndingu mamaduna, gubevu, nokhala, ujiyana, umsuthu, oonozitshuba, usalakulandelwa, oomaduna abankomo zimbomvu ezagqiba instimi ka jinoyi kwasa imdaka ngobusuku.
Ndiya vuya ngalento niyenzayo mzi ka Xhosa, kuba nam ndiyazi thanda into zemveli kude kuthwe ndisisiXhosana ngo gxa bam, ndiyabulela kuba ndizakufunda likhulu apha.
Please excuse my xhosa if i had any wrong spelling zange ndasafunda kukuzama noku.
iGubevukazi
Yhoo hay bethuna intle into eniyenzayo nikhe nibuyisele indlu yabantsundu ingathi salibala ukuba siyinzalelwana ka Ntu.
mna ke ndingu ZIBULA, MHLWANE,MESABISO,SGAYELA,SHLAHLA SOMNQUMA USGAWULA NJE SIYAHLUMA,VUNGANDZI,THSIYA,SKETO,SBESHU,NOMANDLA,ZIBUL’OMNYAMA NENKOMO ZAKHE,ZIBULA NGAMATHOKAZI,INTO EZAWELA UMLAMBO NGENTAMBO YESIGCAWU,JENTILE,MEXUZA,STHEBE SOKOPHULELA IZIKHUTHALI HAYI AMAVILAKAZI.
JONGA KE PHAYA XA KUSITHIWA ZIBULA NGAMATHOKAZI ITHETHA UKUBA AWUNOKUTHI UNGUMFANA WAKWA ZIBULA WENA UZIBULE NGOMFANA UZIBULA NGENTOMBI.
Bhotani mawethu,bhotani zizwe ezokhelene imilambo engenamida. Elenkobe nguThobani ka Ntshiqa. NdinguNyosi uNdabazana Zotsho uNjokweni uKhwange uNodelubuthongo uphila kuzenzela ucubalikrakra lithi bhe alitshaywa nazingedle into zikaMshubeni.ndiliMpondomise!ookhokho bam bafudukela kulo mhlaba waseNgqamakhwe besuka kuQumbu kundawu ebizwa ngokuba yiSulenkama. Xa sizithutha akubikho nto isidibanisa nooJOLA. Kwaya ootamkhulu bathi singamampondomise kodwa asingabo oojola. Amaxesha amaninzi ke uthi wakuthi ulimpondomise abantu bakubize ngoJOLA MPHANKOMO QENGEBA zonke ezi ziduko zamampondomise omthonyama. Ndingawenzanga made,ndifuna ukuqonda ukuba zingaphi izindlu zamaMPONDOMISE kwaye ohluka ngantoni….andoneli ncam zezi ziduko ingathi zimbalwa, ndinomdla wokuziphanda. Ndinomdla wokwazi ukuba mna ndilimpondomise leyiphi indlu. Ndincede Nozulu ntanga. Enkosi
Thobani uvakele. Masithembe kukho lowo waziyo apha.
Bulelwa Mantyi
Mntambo,Gabada, maphanga, sozoso, mntungulwa, gigaba, ntethe ,nombonjena, mabukwashe ,xhelindlovu, mbabala efumanek’e ngetheni kuphela,novath’iblukhwe ngath’iziyamlingana,nondaba ungath’ibayashumayezana,novetshe,mbandeni, ngub’ayinyathelwa inyathelwa ngabayaziyo abangayaziyo iyakudabuka ,bhaca mntu,jiyana nqoboza,sukelo, Hlahla ngezembe, ngxaza njengemvula mntu womlambo, khadidi, nomawoqo nombonjeni, xhentsa ligijima, mbo kulombokazi, ntothoviyane
,
Khanincedeni mzi ontsundu, nge zithutho zoMdawe, ngabesuthu ke abo kaloku intonga entle ikhiw’ ezizweni. Injalo longo.
mna ndingu nolubabalo matininise intombi kamabhayi ukhetshe umsuthu,,yena uzalwa nguMadlomo usophitsho ungqolomsila. uvela bembhentsele,,ozalwa ndumndungwana udiya,uqwheahw..nduzalwa yingwevu yakwa blangwe, omtshikitsha ,omnyamana obhekizulu………yona izalwa nggumaphahla,,ozalwa ngumamqithi….ikhaya lisengcobo ingxaki yam kukuba zonke ezizi duko ndiyazishunqulelea cela uncedo mzontsindu liblangwe eli kula amhlophe
Ndicela nje ukwazi ngeziduko zo-Jola zizonke ziphelele. Ndinento endingayiqondiyo. Kuthiwa ooJola ngo Phahla o Ndleb’ endlovu, Mzi Welanga. Hayi ndiyaqala ukuyiva ke le.
Molweni Mawethu,
Ndicela ulwazi ngesiduko sika-Ndzotho/Nzotho. Ngoobani abo bantu kwaye ke baphi apha esiXhoseni? Ifani zabo zithini kuba ndazi nje le ka-Noganta?
Ndiyaxolisa ngoba ke ndikhullele kuloMama olihlubi yena ke phofu.
Enkosi.
Abongile ndicela ukubuza ukuba ndingaqhakamshelana njani nawe? Kukho umba endinqwenela ukuba undincedise ekuwusombululeni.
Ndikuthumelele i email. Wena thatha ngokuphendula kuyo.
Mna ndicela undicacisele ukuba Amaqwathi “AMAVALA nooDIKELA bohluke njani??
Vathiswa mhle lombuzo wakho. Nam nje ngomfana ozalwa emaQwathini ndinomdla.
Mandizibulisele nam ndinqwenele ufumana uncedo ngolwazi lwezithakazelo zoo mnguni mna ndiphelele kwezi zilandelayo. Nozulu, mpafane, thukela, mchumane. Enkosi
Kheswa,Mbanguba, ooMpangazitha, Ngabakhungwa ngogongolo, Entla neMpofana noThukela. Abacweng’ inga ngudade bonKosi. Bacwenga band’ ukususela. AbaNguni’ abahle bakwaNozulu, BakwamThathambi, nje ngeliphezulu, Lona ladl’ umntu alabekwa mlandu. AmaChuman’ amahle Eza emacocobela nje ngokwindla. Babutshelezi nje ngelitye lomfula. Baluhlaz’a abanamafinyela. Xa basongel’ esondweni ledukwe ngaba kwanele
Mna ndingu Mahlathi, uLisa, uJambase, uza ngomva eliweni……….umzukulwana ka Mbeje Ndizalwa nguDikela Unoni UNtswyibane intombi kaMdayi. Ndifuna bonke bonke abakwaMbeje nabakwaMdayi. Abazali baguqula ibhatyi sango Booysen no Burns noMatai.
Bhotani bantu bakuthi mna ndingu Sivuyisiwe Sintu, ndibawela torhwana ukuthuthelwa isiduko sam. NdinguMAMBAMBA ndiphelele apho.Ndicela torho umntu andithuthele sona. Enkosi
molweni ndangena ndingoyiki nguXolani ka Mnyazana uDanayi elesidoda amaxesibe asingomamfengu tu ngamabhaca oonanzaba,khandanyawana,iinto ezingabhinqi bhulukhwe ezibhinqa amabheshu kumadzikane ayeyothwala ngexesha lemfazo ndisathaya kuba ndingumatshaya andingomkhuma.
Molweni bethuna! Khanindincede bethu,mna ndingu Khiwa,Khonjwayo,Qwebeda,Nomakhal’endlovu. Andikwazi kugqitha ke apho.
Sandi Norton,molo mhlekazi. mna kuthiwa ukhokho wam yayi nguMphayinti/Mhaga ngoku ndicela ukwazi ukuba ehluka njani lamagama? zithini izithutho zabo? ithini imvelaphi yabo? ndicela uncedo.
Urhudulu unxuba ngalibali zama
Mna ndingu maGasela, Mtungwa,Mvemve, Celu, Mvetshane, Ngolo, Sdudu domfaba sidika abayeni, Ngelele, Unoqobo ndaphukile, Ndlovu zidl’ekhaya ngenxa yokuswela umalusi
Mna dingumCira ndifuna ukuqonda ithini into ukusuka kuCirha ukuzokutsho apha ezantsi – ndifuna ukwazi amagama ukusuka kuCirha ukuyokuma apha kuthi ezantsi.
Cirha asazi. Masiphandeni sonke.
Ndiyabhotisa maxhosa amahle
Mna ke ndizalwa emaTolweni,oDlangamandla,Zulu khaya, Zulu liyaduduma,Ngwenya nkomo,oovumba lempongo liyanuka,Mchenge,Bhanekazi,iThukela umlambo awuwelwa uwelwa ziiNkonjane zodwa ngoba zinamaphiko obhabha……..uMama yintombi yakwa Zibula,oSihlahla somnquma sithi sigawulwa sibe sihluma,Sithebe sophakela amavilakazi, ooNxuza, Sabiso ,Skhetho amaHlwane amahle, ndikhuliswa nguMakhulu umaKwayi Kwayi,uNzitha,Ngxongxo,Mhlamb’ehlala,uMghabhisa ozala uMama……..
Akukho nomnye okhe wazibiza eziziduko ingaba baphi abasekhaya
Bhotani
@Abongisocial
Mna nginguMnzotho ,uNyelenzi,uMaphango,uGxugxa,uHebebe,uWele – ngamahomba ke lawo.Ndithi mandithathe elithuba ndikubulele ngothatha ngothatha inxamleko yokuphanda emveni koko usirhabulise ngemvela yethu thina maXhosa .
Kamnandi ke usinikile imvume yoba singakulisa apho singangqinelani khona .
1.Uqale wathi kukho isiduko ekuthiwa ngama’Nzothwa’,singama’Nzotho’ hayi Ama’Nzothwa’ .ooMr Charles Nqakula nooM’fi uJohn Gomomo ngaManzotho ke lawo.
2.okwesibini uphinde wathi kukho isiduko ekuthiwa ngama’Zotsho’ emveni koko wabalanda ngookhokho bethu .Kodwa xandicinga bona ooZotsho ngooSopitsho ,ooNgqolomsila ,ooYem Yem – andiqinisekanga ke kodwa .
Uba ufuna ukwazi ngokuthevetshe ngamaNzotho ungasivakashela ku – Facebook ,iipage yethu ngu – amaNzotho Clan.
Mna ungandicenda ngophandela uba Amanzotho la asuka phi wona?
Enkosi
Khaya ndikuvile
Andinawo amazwi okongeza ngoba uwagqibile. Ukuphanda kona kokomntu wonke, hayi abathile. Siphangela sonke apha, ngoko ke luxanduva lomntu wonke ukuba enze oko anako ukuba aphande.
Mandidl’ amanqathe
Siyabulela Khaya, usebenzile, mna ke ifani yam ngu-Noganta dimazi ebudaleni u-tata and ndikwiphulo loku shicilela imvelaphi yamaNzotho ukuzofika apha kwii-fani zethu. Ndingaluvuyela uncedo lwakho ukuze Oonyana bethu bayazi imvelaphi yethu ukusukela kooBaw’ Oomkhulu.
Nzotho.
Umsenzi wakho uyancomeka mhle kaloku sizizizwe iziliqela apha kwaXhosa lonto undityhilele mna yacaca zikhoke nezinye iziduko ebendingakwazi ukuzibonga njengamaQoco kulomama camagu nkosiyam uyabulela uMcube uNjani uHala uNtande uBhetya uZondwazintshaba uYem-yem uSophitsho uNgqolomsila uVelanzenjalo ndinguMthembu eCofimvaba kwisithili saseNquqhu kwilali yaseMnqanqeni kwesikasibonda uJongizizwe aah Jongizizwe
Enkosi bhuti ngokundichaza kangaka noko ndiyakwazi ukuzithutha ngoku and ndiqinisekile,
Zamamiya
Mthembu omhle usendleleni eyiyo yokusibuyisisela ekhaya yokusityhilela iziduko zethu kaloku kubalulekile ukuba sazi nezinye iziduko ngaphandle kwezi zethu ndiyacamagusha mhle uyabulela uMcube uNjani uNtande uHala uBhetya uZondwazitshaba uYemyem uSophitsho uNgqolomsila uVelabembhentsele inkaba ukuCofimvaba kwisithili sasenquqhu kwilaliyase Mnqanqeni kwesika Jongizizwe ebathenjini aaH Jongizizwe
Molweni bethuna,
Yantle into endiyifundayo nendiyibona isenzeka apha. Ndakucela uxolo ukuba ayivakali lento ndizama ukuyithetha (cheesegirl), njengoko uAbo ebephawule… lol!
Ndibhala ndicela uncedo ngencazelo okanye imvelaphi ngesiduko ebekumele okanye ekumele ndizithutha ngaso, yaye ndakuzibika njani xasele ndizithutha.
Umama wam ondizalayo uzalwanguMadlamini owayendele emaNdlovini omfumene ngaphandle komtshato lowo (wabuya emendweni, waze wazala umama lo wam). UMaNdlovu(makhulu wam) lo uyewazekwa kwaTakata ooNondzaba ukuze kubekho umama wam. Utata wam yena wabhubha ndisemncinci bengatshatanga nomama, phofu siduko sakhe singuDlomo.
Ozithobileyo,
Pam
Intle qina,ndizophanda apho kuZangwa,bendingayazi le ka Nqene no Gcaleka enko
sithembele Mbuselwa
e Qonce
Amanzotho xa ezithutha wona athini ?
Enkosi
I would lyk 2 knw ukuzithutha ngoo bhayi I’m clue less plz help
Bhayi, Khetsha, Msuthu…
Enkosi. Ndiyaqala ukungena apha, sendizondwendwela rhoqo nam kweliziko, ndifunde-sabelane ngolwazi futhi.
Mna bafowethu ndiyazazi Ndingu Zulu UMABANDLA UMZUKWANA KANDABA UNOFISA ONGAFI NOMA SEBEMLOYA UKHALIMESHE so isicelo sami ibe ukwazi laba aba ne surname yakwa Mqambeli uba babonga bathini mna ndingu Mqambeli u Zulu
NguZodumo lo eMqanduli,ndingu MaMcirha,Ncibane,kodwa andizazi ntsulu andiyazi ne Nkaba yam,nemvelaphi yam.
zodumo mhlekazi andifuni kuqhatha konkenke mna ndizaku kuwe qala awuwedwanga kwaye unga lahlekanga mna ndingudiya mfana ecofimvaba .ndizath kuwe ngcambazisa abanga phambile kuwe utata wakho mhlawumbi unolwazi okanye uzakudlulisela kwaba ziyo ukuba akazi nto.ungalahli themba uzancedakala
Cirha, Nojaholo, Ntswentswe, Qhanqolo, Ncibane, Owancam’ubukhosi ngokunyoluka, mabamndla kaNyembezana ka Hlomla lidala lineempondo. Kaloku uCirha walwa noTshawe oyinci kuye ngobukhosi. Yaqala kanye kuzingelwa uCirha engavusanga, suka wacela iphuthi kuTshawe walandula esithi, alinakulingana nkosi lincini. Wathi uCirha ndihlomlele lidala eli phuthi lineempodo. Yaqhawuka kuloo ndawo zanqoza. Mandehle ndingoka Nxuba nje…
uMqwati, uDikela, uNoni, uDumba, uMtswayibana, uMbhangula uyazibulisela. Ndicela ukucaciselwa bantu bakuthi, ooKhombela badibana njani namaQwati?
Hi there, sorry to write in english, but i’ll be fast in it. Qwathi was a cow which was given as a gift after initiation to Mtshutshumbe, son of Mthetho, son of Hlabe. Mtshutshumbe begot Mndwane, who begot Ncobe and he in turn begot Nkovane. Nkovane had two sons, Ntswayibana (older) and Noni (younger). Ntswayibana had Dikela. Ntswayibana often left cases over to his younger brother, Noni. Who over time having gained wisdom, took over the chieftainship.
Noni had many sons, the great son was Mtshaba. And then there is Mxhiya, Gcaleka (different from the Xhosa king, Phalo’s son), this Gcaleka (noni’s son) has descedants in Western Thembuland (Noni died at his house). Another son of Noni was Njimbane; another Sidindi another Mncancashe and the youngest Ntondo. Today there are 4 senior clans within the Qwathi: ImiTshaba; amaDikela, amaSidindi and amaNtondo.
It is from Mxhiya (milker of the great house) that the amaKhombela come from.
I hope this helps to clear the confusion, if you need further clarification, shout. By the way NdinguQwathi, uDikela ka Ntswayibana, uNkovane, inkomo zika Mtshutshumbe, ogqaz’indlel’ ebhek’ ebeNguni.
Enkosi. Kodwa hey andazi.
This is an invalueble knowledge! Thank you so much! Keep up the good work. many people will read this for years to come and know a little more about themselves and others. NgesiXhosa sithi ngxatsho ke nto yakuthi.
Bhotani Zizwe , Bhotani mzonyama. NdinguZotso uXolo, Nzimakwe ,Mtshengetshane ,Dlomose uDlezi .Ndifuna umntu onokundicacisela ngawo Onke amazotsho nditsho ke enye Ingqokelela le ingengoXolo . Andule ukundicacisela ngamaZotsho la angoXolo nendawo axhaphake kuyo
oxaba andiveva bekhankanywa kulo mnombo weziduko.
OoXaba kunzima ukubalanda kuba sisizwe saseMbo esafika nomntakwaso uHlubi; ngenxa yemfazwe sasabalaka bambi bakho kwaZulu, Swazini, kwaXhosa nakwaNdebele kodwa ke simntumnye namaHlubi. Izithakazelo zawo ziyafana jikelele.
Sizithutha senjenje ke: Xaba, noNkosi, Mlotshwa, Mashwabadel’izindlubu namakhasi, Mashwabadel’inkomo nempondo, Mahlamba ngobisi, noNxa siyakhathala, noMbombo zinde, Mwelase, Linda omlindayo, nina ningavali ngemivalo nivala ngamakhanda amadoda, mafuz’afulelwe okwelifu lemvula, nina ninzipho zimnywama ngokuqhwayana, nyawezintle nge zingakokoswa, nomjoli, ngelengele, imiHuhu yaseMbo!
NdinguMaya, uMagwa, uSophitsho, uNgqolomsila, uYem-Yem, uvela bembentsele, uMagqabi akadliwa adliwa zibhokhwe ngoRhala, uNgubengcuka, uMthikrakra, uNgangelizwe, uDalindyebo, uZondwa, uNxeko, uMtande, uHala, uBhomoyi ndinguMthembu woqobo, Ndifuna ukulungisa indawana ezimbalwa eyokuqala isizwe sabaThembu asizange sabaphantsi kuwesizwe samaXhosa, ngoba abathembu sisizwe sokuqala ukuyokuthi cakatha eMsana “Eastern Cape” kwaXhosa lowo sisizwe esifanayo nezinye izizwe, ukuba unokujonga EC zininzi Kakhulu indawo ezithiywe ngenkosi zabathembu, ndikunike uluhlu lwenkosi ezinkulu zabathembu ngokulandelelana kwazo: ukumkani uZwide owayelawula ngo1080, yazakuba ngunyana wakhe uMbulali, yanguNjanye, yanguThembu, uThembu waba nonyana ababini uNdilo noMvelase “uMvelase wakhetha ukushiyeka kwazulu yiyo lonto namhlanje sinabathembu abakwaZulu” uNdilo yena wazala uNtongakazi, yena wazala uBhomoyi, yena wazala uCeduma, yena wazala uMnguthi, yena wazala uNtoyi, yena wazala uMtande, yena wazala uNxeko, yena wazala uHlanga (kundlu nkulu) noDlomo (kwindlu esekunene) uHlanga walwa noDlomo ngobukhosi wohlulwa uHlanga wabufumana ngolohlobo uDlomo ubukhosi uDlomo yena wazala uHala, yena wazala uMadiba, yena wazala uThathu, yena wazala uZondwa, yena wazala uNdaba, yena wazala uNgubengcuka, yena wazala uMthikrakra, yena waza uNgangelizwe noMathanzima kwakunye noFadana, uNgangelizwe yena wazala uDalindyebo, yena wazala uJongilizwe, yena wazala u Sabatha, yena wazala inkosi echo yo ngoku uBuyelekhaya Dalindyebo. Ukhumbule inkosi zabathembu zivumelekile zithathe isithembu ufumanise inkosi inye ijongene nezindlu ezisixhenxe ezinye inkosi kodwa zingezonkosi zinkulu zabathembu ziphuma kwezo zindlu, ngamaZima, amaNdungwana, amaNxongo, amaQithi, amaMaya, oMcube, amaTshatshu, nezinye endingazibizanga nam mandibulele Kakhulu ngokuthi usikhumbuze ngemvelaphi yethu singumz’ ontsundu, ndithi kuwe ungaphel’ amandla mfo kabawo
womelele ngakumbi msimbithi womthonyama.
molweni zidwesha zikaphalo. Ndijola mna Upha komo, Uqengeba. Igama ke ngu sibusiso, ifani ngu Naki. ikhaya Lingapha ku cofimvaba Kwilali Ya kubilatye. Ndicela imvelaphi yamaqadi Please.
Mna ke I’m a lost child, trying to find my roots. nje, andikwazi nokubhala isixhosa, kodwa ndiza linga. ndifumene kungekudala ukuba ndingu Zathu, Dlamini, zizi, jama kasijadu. isizukulwana sika Ananias Zathu, indodana yaka Madlangisa no John Zathu. Abakuthi bafumaneka e Dutjwa. uba ukhona obaziyo apha, please share some light. Ndidibane nomunye wethu who is also searching, ungu Makhosazana, daughter of Elijah Zathu. we are in desperate search for our roots. I’d appreciate any help from anyone that can give us some kind of a direction. Thank you, in advance.
Nami ngicela ningazise ngezithakazelo zaka Nqoko
Mna ndifuna ukwazi ukuba Amatyham ngamani
Bhotani ntozakuthi, Mna ndizalwa pha eMdlangathini, ooNgwenduna, ooNtlangwane,ooNtshozina, ooMngeya, UJuta onobhedu olwantinga labheka emafini, isilo somhlola, Mome sirhama somntwana,jikela ngaphambili ngoba ngasemva kuyanuka. Hayi nje wena bendicela ukuba ukhona umntu onento ayaziyo ngaba bantu anabe. Ngokwazi kwam sinaye ukhokho ongumlungu owaye wabanento yokwenza noMXhosakazi ( kula nto ithi uJuta onobhedu —->ukufana ne Coloured). Ndicinga ukuba ezi ziduko azixhaphakanga kwaye ingathi ikhona into esidibanisa namaZulu okanye AmaBhaca, Umzekelo, uJuta kum yifani nesiduko, bakhona abantu baseKZN abasebenzisa uMdlangathi as ifani, u Juta abesisiduko kubo. AmaDlangathi ayafumaneka pha ko Mount Frere neziphaluka napha kuGatyane, apho ndisuka khona
Khawongeze pha ku Zibula yihlo, Nguzibula, umhlwane, Sgayela, Shlahla somnquma esithi sigawulwa sibe sihluma, maxuza, masabisa, ka Manxeba, sithebe sokuphakela amavila namavilazana, Skhetho ka Lubelo, Notsiya, uMvungane….
Nam ndinguzibula umhlwane siseMthatha siphuma kuCentane ukuba phi nam andazi.kusekhaya kuphela ozibula abekho abanye.if kukhona obaziyo ungandithinta igama Yandisa Mfana 0787442931
Tiiiii,, inene uhamba ngumbona….Umna ndizalwa yintombi yakwaMengu emaThunzini (andazi kwanto) ndicela ucaciselwa imvelaphi yamaThunzi kudala ndibhadula. Umama uzalwa yintombi yakwa Magobiane ooMabi..Ndidibene noNomvuyiso ezithutha ngokufana,, ingaba ooNguta nooMabi aba yinto enye. Ndingavuya uba ningandinceda,, noko iintomb’indala ngoku kodwa ayiyazi imvelaphi yayo. Nindincede nangamaTipa ooBhayeni.
Busisiwe Daweti
OoLeta,oomboyi,oolibele,oosolizembe,oogqubemgqubeni,ootyebelendle,nditsho Amantakwende ngawo ke lawo.
Molweni nonke ngokulinganayo
mna ndinguMagatyeni,Mamali,Ndondela,Nomviko,Sgaqa,Vul’indlu uNkomo zibomvu nenkunzi yazo. Ndiphela apho andikwazi kugqitha ndicela uncedo enye into ndifumana ukuba kukho ooGatyeni abazibiza ukuba Ngoondlovu,boya benyathi kuphinde kubekho oontaka, tyelebala bhobho hai ndisuke ndixakwe ke ngoku
Hoha nto zakuthi mna ndinguMcirha uNtswentswe uNojaholo uQhanqolo ezantsi phantsi kweentaba zika Nomenti kuQoboqobo phofu ke ingcambu zomzi kabawomkhulu zikwaGubevu kumhlaba wase Zeleni eQonce ndizalwa yintombi yaseMagcina ooXhamela ooNokwindla ndichulumanciswa kukufumala olo ncuthu lolwazi ndithi kuni huntshu……….ntozobawomkhulu
Nditsalwa kukuba uzalwa nguMamgcina yinkosazanaleyo ekhaya kwaGcina, thyopho, Ncancashe, Nokwindla, Phatho, Magabul’ikhula, Malambayendle adlinyama yenyamakazi. Xa ufuna ingxelo ethegabalala ngathi ungafunda incwadi kaYimile Zothe Nithi zaluswa yiNtengu na? libali lesizwe samaGcina elo
mhlekazi mna ndingudiya uqhwesha ubhejula unene ungungu uvelabembhentsele umshweshwe mna ndiyalixhasa iphulo lakho ngoba sonke siza funda lukhulu kweliphulo khon’ukuze singa lahli amasiko ethu nezithethe ngenxa yongazi .sibhenele kumasiko asentshona kungeba sifuna ntonje sixakwe kukuba siza qala ndawoni siphele ndawoni.”kuba inyoka ayibanjwa emsileni”enkosi ngu THABO MONDREKI lona ecofimvaba
Uhhh, Uthethe kwavokotheka Qhudeni!
uMakhulu wam nguMa- Qhudeni, uMvelase, uNgoza, uMpafana, uMakhonz’ egoduka, oMfazi uncancisa isana ngebele elinye, kuThukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko, uMathibane bona bangadl’amathiban’indlal’iwile, Umthembu owanfenguza kwaXhosa.
ooh ngabantu abo !
Zama nawe Mvelase ndicela nindifunele iziduko ezipheleleyo zooNtshangase,uMlawu,uNgutyana,Noma-thebe,Msuthu,Mtshokwe OoZotsho Ndim Ke Lowo
aaaahhhh! mzi wengqobhoko nina nigqobhoke amabele nina nintyikotya oko mtywakutyi
molweni kwakhona kuneziduko ebendingazazi kodwa now ndifunde lukhulu ndikhulile ndimdala ndiyawabulela amamfene olisa ojambase ecofimvaba kwilali yasenquqhu kwisithili sasedikeni kumahlengele
Igama lam ngu Nokuzola Cata ( Zolani), Intombi yase maMpondomiseni, uMphankomo, u Qengeba… akhonto intle njengento yokuba uzingce ngengcambu zakho. Kule mihla uvele ugcwale luvuyo xa umntu ekubiza iqaba, ndiliqaba elizingcayo andinantloni ngobu Xhosa bam.
Bhotani mzi ontsundu
ndingu-(Lonwabo,Felimon Dlakavu)
Ndineqhayiya nebhongo ngexanduva lomthonyama oselula.Xaluthath’ inxaxheba ngokuqaqmbis isintu somthonya.
Mna ndingu Gxarha,umCweRha,uVambane,uMahlahlane,uMlawu,uPotwa,uSiyoyo,uJalamba
Ndizalwa nguMamirha,uSamb,uMzondi,uZiyeka,uThambolenyoka lihlab’elimzondayo.
Yen uzalwa nguMamfene,uHlath,uLisa,uJambas,uMsuthu,uCanzibe,uHlangomva eliweni,uHlalendle,Into engath’ ilele noxa ihleli ngenxayobubi
Whuntsu mzi ontsundu kuluvuyo nemincili, xathina basebatsha siqinise imibhinqo,saluqula laluqilima ukuze sibenokubuyisa isidima smthonyama.Mandingatyatyduli kakhulu ntozakuthi endingakutshonje…. kukuthi mayibuy imbo yethu.
Mna ndingowase Cofimvaba kwilali yase Mncuncuzo
Enkosi bhut Abo
Khanyisa Ngqata…ndidinga uncedo bethuna ngesisiduko sam. NdinguManduli, kuthiwa singoBhoma,Ophutha, Ocala,Ophalo Omayola…kodwa andizazi ncam uba ndiliBomvane okanye Impondo na? umama wam yena NguMamuliso, eziziduko zezaseMqanduli. umntu onokundinceda ngevelaphi yam angawonwabisa umphefumlo wam. Ndifuna nokwazi ngokubanzi ngenkolo yethu thina Bantu bakwaXhosa
molweni nonke bebethuna
Wow andikwazi nothetha yindlela endinemincilingayo ndiyaqala ukuyibona le blog namhlanje
Mna bethuna ndingu Mandlovu uMtungwa uGengezi uMalunga uNcobo ndicela ubuza uba nginguye na uzidl’ekhaya?
Ndendele eMakhuzeni oDlamini oSibakhulu oTiba ooNdlovu zidle’ekhaya
Ingaba ziyazalana
Enkosi
MaNdlovu omhle uNdlovu uzala uDlamini yiyo ke lonto ngelinye ixesha usiva kufakwa uDlamini kwisiduko sakwaNdlovu. Imbangi yoko ikukuba ubukhosi bomgca wama-Ndlovu bathi baphela ekuhambeni kwexesha noko kwasuka kwanda obendlu kaDlamini ke ngoko ekaNdlovu yoyama ngale kaDlamini yade yakhahlela uDlamini ngolohlobo.
NIYA KUNDIXOLELA UKUBA NDIBHALE ISIXHOSA ESINGESISO, NDILIHLUBI ELAHLUBUKA KWAZULU NGOKUFUNA UMUSA, UTHANDO NEMVISISWANO………………………………………………. Aah Bhungane, Mthimkhulu, Rhadebe, ndlebe zintle zombini, yinkosi yaMahlubi kumhlaba waseHeshele kude kufuphi nentaba zokhahlamba ezahlule iHeshele nelaseLisuthu (Lesotho). Mna ke, ndinguDuna, Gubevu, Msuthu, Zjiyane, Ngqukuva (inkomo engenampondo), Khaba’ldaka, Nokhala, Impunguty’ engena mgane, Isala kulandelwa, Umasiz’ efulela nje ngelifu lemvula, Intak’ ezadla (ezatya) intsimi zade zayitshikilela zakha amanzi ngempiko xa zifika edwaleni zawaphalaza. Ndizalwa yintobi yakwaDlomo, Sbhushwana, Imbabala kaMashiya noDlomo, Hlangothi amahlola ntaba ( Hlangothi kwaku ligama lika Tata ozala uMama). Ngolwazi lwam oluncinci endalifumana kulenkonde yakwaDlomo ngemvelaphi yesizwe samaHlubi, nangona ndandisakhula ndazi ngalendlela ilandelayo, AMAHLUBI abaleka impi kankos’ uTshaka kwazulu (abhaca), abhacela kumhlaba wasempuma koloni kufuphi neLesotho, bekhokhelwa yinkosi uMehlomakhulu (Rhadebe) bamkelwa ngabeSotho ngenxa yokuba amahlubi engafuni ukuthi ngamaZulu kuba bayakuqala omnye umlo bathi ke sisisizwe samaHlubi. Kwaze abeSotho banyanzelisa amaHlubi ukuba oluke ukuba afuna isahlulelo somhlaba, ngenxa yento yokuba amaHlubi ebengafuni mlo, aphoqeleka ukuba oluke, oluka olohlobo ke amaHlubi. Kuthe ekuhambeni kwexesha anikwa umhlaba aze aka isizwe samaHlubi. ……………………………………… Niya kundilungisa apho ndiphazame khona UYABONGA UGUBEVU….
Mfo kaNokhala, Gubevu Msuthu osishuba sisemqolo. Hlub’elihle elinzipho zimnyama ngoku’qhwayana.
Awuliphosanga tu mfo omkhulu lilo kanye elo. Kodwa ke Mtshana wasema-Dlomeni le ndawo yokwaluka kwama-Hlubi ngenxa yokunyanzeliswa ngabe-Suthu inokunganyaniseki phakathi. Ama-Hlubi ayelenza eli siko kwakude kudala kodwa ke ithe sakufuduka eNatala saze sahlanganiswa nabeSuthu okanye abePhuthi yathi ngokuncomeka kwesiko labo sathatha pha napha izinto zabeSuthu nje ngeengoma zabo (ukuzithoga) kodwa ezinye zezinto isezeziya zakudala.
andiqondi ubelithathaphi ngoba kwawena uyatsho intokokuba nanisuka kwazulu nifudulwa yimpi kashaka akwalukwa kwazulu iziduko zamahlubi ziyafana nezamazulu ntoleyo ibonakalisa ukuba aphuma kwazulu so alifumene njani uthi wena babenalo mandulo babelithathaphi. ngokuzithobileyo mhlekazi ngandiweze
Ndingu mamGiqwa uJikijwa uThotywayo uNtshinga uBelethe uKhwaza.uba kukhonto ndiyphosayo ndicela ulungiswa. Umama wayezthutha ngoluhlobo uTshawe uTshiwo uCika uNela nezinye ke
Molweni kweli gumbi,ndimibuzo emibini nje endifuna ukukhanyiselwa kuyo mna kuqala ndingu Maya,Mgqawe,uNtande,pha ku Cofimvaba
Umbuzo wam wokuqala ulapha ko Maya ngaba ndiyaqaphela pha kwelacala lethu bayacalulana kukho oMaya ooMagwa kuphinde kubekho ooMaya ooGqawe iyandibhida kemna lento.
umbuzo wam wesibini ulapha koo Maya,oMadiba,oDlomo ingaba bukhona na ubuhlobo apha phakathi kwabo?
OoMaya bakwaMagwa ngabaThembu, Sopitsho, Ngqolomsila, Yem Yem, Velabambhentsele. uMgqawe andikeva ngaye.
Khanityebise apha bantu bakuthi, olunga omlugwana, gubanca, mandende, balalenkomo…
NDICELA UNDIXELELE NGOO TOGU ABANGO JIM OMALANGANA NOT ABANGOO NGCONDE PLEASE
OoTogu bengamaTshawe nje ntombakuthi bayakuthini ukungathi Ngconde, Malangana ngoba ngunombo omnye nje lowo?
nomihlali FENI
Ndikuphendule okwesibini. Nanku umnombo wakowenu:
Xhosa
Malangana
Nkosiyamntu
Cirha – Jwarha – Tshawe(wathatha ubukhosi kuCirha)
Tshawe
Ngcwangu
Sikhomo
Togu(wazalwa ngo 1686- ukuqhekeka kwenqanawe uStevanise)
Ngconde(lo ungamfuniyo, uzalwa kanye ngu Togu)
Tshiwo( uGando wayebambele uTshiwo, amaKwayi yimpi kaGando)
Phalo
Gcaleka – Rharhabe…
Mandipheze kanye kule ndawo ngoba ikumkani yokugqibela yamaXhosa onke edibene nguPhalo, suka wazala amawele. Kamnandi wethu Nomihlali…
uGcaleka noRharhabe, yayingengo mawele mna ngokokwa ukwazi. Babezalwa ngomama abehlukeneyo kutata omnye, uPhalo (ikumnkani). Kuthwa oonina babo babengabantwana benkosi (iinkosazana) bobabini, ngokoke unina kaRharhabe wayengowendlu encinci, uRharhabe ububanga ubukumnkani kuba unina eyinkosazana kodwa ke ezekelwe indlu encinci akanalungelo kengoko.
NDINGU TOGU MNA,BONKE OTOGU NGONGCONDE OMALANGANA,KHUMBULA ABANYE ABANTU ABAZAZI.FUTHI KUFANELE BAFUNDISWE.UMNTU UKUXELELE INTO AYAZIYO, ANGAYAZI AYIKHO KUYE LEYO.
Molweni
Nam ndi phathene ne ngxaki apha kum, u tata wam undixelele ukuba kulo nyaka ozayo kwamele ndiyo lukwa/luka ke ngoku m’na and’kwazi uku thetha e sona isiXhosa esi bhadlhile futhi andisazi isiduko sam siphelele. umbuzo wam uthi xa ndise e suthwini ngeke kube ne nxaki nah? ndiya bulela
Bhota ndlukaXhosa, nguNala, uNdokose,uMpembe ,ooHlubi, oonoJakadela ungahamb’ehlungwini uzoba mdaka, lo. Mandithi xha, ndivumeleni ndibuze apha kwaXhosa. Ingaba OoNala, no(Valela, oGcuda, oNtlane …)bawela kweliphi icala apha kwaXhosa? Kuba inkoliso yabo ikhonza ooTshezi inkosi zakuBomvana kwaye abakhankanyeki kwiziduko zamaXhosa. Mandehle!
MaNdokose amaNala akadibene tu namaXhosa okanye amaBomvana. Ngengoko ukhankanya kwisithakazelo sakho uHlubi yiyo kanye ke leyo intluva yakho. UliHlubi ngqe kodwa ke ngenxa yokuhlala phantsi komhlaba wesinye isizwe kwanyanzeleka ukuba niphathwe yiloo nkosi kodwa amaNala ngamaHlubi, ngooSbhekuza.
molweni maxhosa amahle ndicela umntu onolwazi ngesisiduko oomakhatshini ngamani?
Ndicela unkohlulelwa amarhudulu ndiphinde ndicaciselwe uba oNxuba bayi ntoni ebu mpondomiseni
Molo Msimelelo
Apha ngezantsi ndandiphendula uNdumiso, ungazuza:#Molo Ndumiso. Kaloku ngexesha uTshawe wayesilwa nomkhuluwa wakhe uCirha ngobukhosi wancediswa ngamaRhudulu, amaMpondomise ze woyiswa ke uCirha. Loo maRhudulu zange abe sabuyela emaMpondomiseni, aba ngamaXhosa ka Tshawe, lendawo ithi Sikhomo ngunyana kaNgcwangu ozalwa nguTshawe. Yathi impi kaCirha,
‘sibethiwe nje zezingwevu ezi” bencoma ubuchule bokulwa hayi ukuguga. Naba ngaMangwevu ukususela loo mini. OoNxuba ngala maRhudulu asengamaMpondomise nangoku. NgooNgcengane, Gaduka, Washota, Nonko nanko namhlangenzanganto. Magubu wasemlanjeni. Asinayo thina booNxuba indawo ethi Sikhomo, Tshangisa, Mhlatyana – yeyasemaXhoseni leyo.
Ndizibulisele
Mandiqale ngokuncoma, intle into eyenziwa apha. Ndicela ukwaziswa banzi ukuba uMqwati unxulumene njani noBlangwe kanye Nombathane?
Ndingu Dikela, uNoni ke mna, ngapha eNgcobo
ndinguNgcitshana ndifuna ukwazi ukuba ndizibonga njani okanye ndizithutha njani
Ke mna ke ndi khwalo, uncuthu, umlanjana, usohobese,unkuma. Ndicela ugqithele ndoyiswa kulendawo, ingaba okhwalo ngamanfengu okanye ngamaxhosa.
hellow to you all
im anelisiwe paul, i am from lady frere thats my home town but im leaving here in Umthatha…ndingu nondzaba isiduko i only know a few nondzaba,xesibe,mbathane,khandanyawana,matshaya,mkhume,,,,,,,,i think i still need to know more so please people help me nindithuthise
Ndikufuphi apho, Anelisiwe. Ikhaya lisecacadu. Yeka nje ukuba ndizalelwe ndakhulela apha eKapa.
Ndingathanda ukuva ngamaCethe sizukulwana sikaphalo. kuluvuyo ukubona inkqubo ezifana nale
Ndivuya kakhulu ukubon’ukuba kukho abantu abawakhathalele ngoluhlobo amasiko esintu kwaneziduko nemvelaphi,ingakumbi yamaXhosa,kwanga abantu abanje ngawe bangaqhubeka ngokusixhobisa ngolwazi kwakunye nemvelaphi yesizwe sakuthi,mna ke ndimNdlane,uTutuse,uNomdimba,uNtlokwan’ibanzana.
Ndicela undicacisele ngaMantlane ndibona ezithutha amanye azibiza Nqabane aze amanye azibize Nqabashe.Kanti uphi umehluko?
Molweni
Mna ndizalwa nguMqwathi othi uliBhulangwe ndicela ukucaciselwa ukuba yintoni umahluko kumaBhulangwe noNoni
Phakamisa mhle lombuzo ngoba nam ndizalwa nguMamQwathi. Kodwa ke lo uMamQwathi ngu Bangula, Dumba, Mhotho, Cakeni. Ayohluka kakhula amaQwathi. Akaphelelanga pha Dikela lo udume kangaka. Ndiyathemba uzokuphenduleka ze nam ndithyileke.
tyatyadula ngooNdlovu
mna ndinguNzaba, Msuthu, Bhili, Mancoba, Ndulinde, Gasa, Mwelase…
Mna ndingu Silangwe ulwazi endinalo ngoSilangwe lifutshane.
Nto endiyaziyo ndingu Silangwe umazokhwe,ndukude,sothongoshe,uhkaba ngomkhonto ematyeni kuvuthe umlilo untamonde usiwisa untuli. Ndise ndikwiphondo leMpumakoloni kumhlaba waseXhora.Andiyazi noba ndingu Mthembu,Bomvane/iMfengu na kwaye notata ondizalayo ndinentloni ngokumbuza imvelaphi yethu
Ndicele ukwazi bhetele ngeduko sikaSilangwe uMazokhwe uNtuli uHlabangomkhonto ematyeni kuvuthe umlilo
ndinguMkhuma. AmaXesibe adibana phi?
umKhuma nguMbathane, Matshaya, Xesibe, Nondzaba, Khandanyawana. Ndicing’uba bangumntu omnye.
Igama lam ndinguNosipho Sodladla ndazalelwa kumhlaba wamaBhaca kwilali yaseLugangeni, ndizalwa yintombi yakwaMbewana, ndazi ukuba “ngosango alivalwa livalwa ngentloko zamadoda” ukugqitha ndocela uncedo lwenu,
enkosi!
Kubalulekile ukuzaz ukuba usukaphi nangona nje apha oskhoma bengacaciswa kakuhle ndkhule de ndabe ndimngaka ndizazi ukuba ndngumngwevu tshangisa skhoma rhudulu snuka umhlatyana kodwa ndthe apha ekuhambeni ndava ukuba kukhona nonxuba chuphu andaz ke ukba bangena phi xa ktheni ndingavuya ukba mhlekazi ungandcacisela ukuba umahluko uphi na yeyele
Molo Ndumiso. Kaloku ngexesha uTshawe wayesilwa nomkhuluwa wakhe uCirha ngobukhosi wancediswa ngamaRhudulu, amaMpondomise ze woyiswa ke uCirha. Loo maRhudulu zange abe sabuyela emaMpondomiseni, aba ngamaXhosa ka Tshawe, lendawo ithi Sikhomo ngunyana kaNgcwangu ozalwa nguTshawe. Yathi impi kaCirha,
‘sibethiwe nje zezingwevu ezi” bencoma ubuchule bokulwa hayi ukuguga. Naba ngaMangwevu ukususela loo mini. OoNxuba ngala maRhudulu asengamaMpondomise nangoku. NgooNgcengane, Gaduka, Washota, Nonko nanko namhlangenzanganto. Magubu wasemlanjeni. Asinayo thina booNxuba indawo ethi Sikhomo, Tshangisa, Mhlatyana – yeyasemaXhoseni leyo.
Ndithe ndakufunda oku kungentla ndaziva ndinomdla wokwazi banzi ngeziduko zakuthi nangemvelaphi Yazo. Lo umbhali undenzele umdla kwaye ulwazi lwakhe luyachulumancisa. Obebhala ngu Manyawuza, u Mafaku, u Thahla ka Ndayeni, u Ziqelekazi, Hlamba ngobubende amanz’ekhona!
Ndithi nam xa ndibona lento intle kangaka mandiziveze noko nangona ndibawela ukuva ukuba ingaba ooTshezi aba baohlukana na, kodwa ndikhula bonke ooTshezi bebanye nokuba ngoweyiphi na indlu. Khanindincede apha mhlawumbi andikwazi kusityatyadula isiduko sam: ndinguTshezi Tenza Mkhabela Saliwe Mkhont’ubomvu uDzakwe.
Ndingavuya kakhulu ngoba ngoku ndisemzini wam kweye ukufa kuyafika kufuneke uzithuthe kube kunzima oobawo mkhulu befuna ukubizwa bonke ukuze baphendule.
Molo Ncedeka. OoTshezi bandidi zintathu. amaBomvane, amaBhaca nabaMbo. AmaBomvane ke ngooJalamba, Mqal’ungangenduku. Njilonjilo.Gambushe. Wena ukwelicala lakwaBhaca, uNgcitshane, Fakade. Ukuzalana kona kukho noba kundawoni.
OoTshezi ngama Bomvana okanye abaMbo futhi abohlukenanga ngabantu banye kodwa into ebohlulayo yimihlaba abahlala kuyo yilonto ke ufumana abazibiza ngamaBhaca, Thembu etc. Kukhona kona ukohlukana ngezindlu eg ekaGambushe neka Dubandlela kodwa ayithethi nto lonto.
Lombuzo wakho undinika umdla omkhulu. Masithembe ukhona onempendulo. Siyabulela Mkhont’ Obomvu.
mhlekazi kunabantu abthi ooTshezi zimfengu,ingaba bundakanani ubunyani apho…umna ndinguTenza,Mkhabela,mkhonto’bomvu,Citshane,saliwa.Tshabetsa,Mthuzmele,Mqal’ulingene uginya!
Ndicela ukuncedwa ngesiduko samaTipha andisazi,abanye bathi Singobhayeni,manzi.siyandixaka andazi nemvelaphi yaso.
Molweni nonke, sizukulwana sakwa xhosa…
NguMzukulwana ka Tshiwo, uMdange lo uthethayo. Nditkhe ndava umntu esithi isiduka sakhe ngoTshuku, andinalwazi ke ngesi siduko. Ingaba ndiluvuyela ulwazi lwenu
Molweni
Igama lam ngu Vakele,ndi fun’u kawazi ka banzi,nga ma Gcina,amasabane,amalabendle,amadli nyamenyamakazi ooNokwindla ,ooTyopho,ooXhamela!
Ndicela ukwazi kabanzi ngesiduko samaTipha oobhayeni,Manzana.
Mandincome ndibulele lomsebenzi omhle kangaka eniwenzayo kule site. Nam ndicela uncedo ngezam iziduko. Ziyingxubevange ehamba ifaka neziduko ezininzi. Intwan’ endiyaziyo ithi ” singo Gcuda, doyi yekana, mzokuzenzela,sikha njekenjakazi mphungulwa wembiza mphokophela…..Kuhamba kufakelwe o sukude oomkhondwane amawele ukuzana novalela…Andazi nokuba sizilanda kakuhle. Simi kulaa mhlaba wasemampondweni. I fani endizaziyo ezingathi zihlangana phantsi kweziziduko zezi Busuku, Mboyi, Nakasa
Khaniyonyule mawethu yeyele……ndiyakusifundisa ntini intsana zam.
uGcuda noValelo ngamawele aseMantlaneni(Mpondo). Yekana, Doyi, Sikha, Mntshontshose, Mzi wokuzenzela, Mphunguli wembiza kuba kuthiwa bayarhala
Ndicela ubuza uba sikhona na isduko esingu “Nkambi” or something similar to the name?
Ndinofifana ngoo Gambu, Memela, Msuth’onesishuba. Khawuvele kancinci
Hi Zama
Mna ndingu Gabathithiba,cihoshe.nozinga.mjobi,thikoloshe.mntuwomlambo umsuthukazi wakwa Bodlani De Aar,ndizalwa yintombi yasemaYirheni,sambo.ziyeka,zondi thambolenyoka lihlabelimzondayo
Thozama Bodlani
Molo Thozama. Utsho kwavokotheka. Uyazazi iziduko zakowenu, uncede nabanye ke wethu. Kamnandi…
mna Bhuti ndili (mfengu) ndili Bhele Sindane, uLanga , uMlondo, Ngoku ndifuna ukwazi ngcono ngoBhele kuba kuko noNontanda, o Dlambulo kandibhetsisele esi si Duko sam nemvelapi yaso
Khaya amaBhele la maninzi kwaye ohlukene kuba kaloku ehamba ehlala kwiindawo ezinintsi. Ayafumaneka ke kwaXhosa (E.C) la angooLanga ooKhuboni, kubekho ooDlambulo abakwangooLanga, babekho ooDongo endicinga ngulo unguye wena. Kodwa ngamanye amaxesha ufumanisa ukuba ziyafakwa zonke ezi ziduko kodwa yindlela ezilandelelana ngayo le yohlukayo. Kodwa ke ooBhele aba banto nye kohluka nje izindlu eg ekaLanga neka Dongo nooDlambulo ooNdabezitha nooMafu.
Molo Khaya
Mna ndiliBhele,uLanga,uKhuboni,uNdabezitha,uNcwana,uMikazi,uMamba,uDibandlena,uQunta,uMnomana,uNontanda,uMafu!Amabhele asuka kwintaba yeLenge(Ladysmith).Kukho amabhele akwaNtuli(Zulu) aweyephethwe nguSompisi,kubekho amabhele akuloKhuboni under chief Qunta(Mfengu).Amabhele kaQunta awushiya umhlaba wakwaZulu ngexesha leMfecane baqabela Umzimkhulu bazozinza eMpuma Koloni.The Mbheles under Sompisi stayed behind kwaZulu.If u need more info plz contact me:luvuyo.nyathi@basf.com
Lubabalo
Bhotani mzi ka Xhosa, bendicela nindombele banzi ngemvelaphi yamaMvulane.
Molweni Mawethu,
Ndicela nindinabisele ngamaBhlangwe
Amaqwathi, uBhlangwe, oMpemba, Kama, Tshikistha, Myamana
To:All
AmaMfengu are outsiders to the eastern Cape and have no land anywhere other than the land that was given to them by the British. After the Amamfengu helped the British to fight AmaXhosa.
amamfengu njengo Mbeki zikaka zonke, imphantsi yonina.
Amamfengu were a first set of sell outs that were kicked in Zululand for being untrustworthy, they left wondered around the border between EC and KZN then later were pushed by Shakas attacks from up north. On their arrival in Xhosaland, Amanfengu were treated as outsiders/AMAKWEREKWERE looked down upon and were not allowed to own land or lives stock. Then some decided to leave and work for the British where they were trained as riflemen. Then were roped to fight Amaxhosa.
One British historian recalls how good Amamfengu were in shooting, as they were shooting Amaxhosa. Places like Peddie,King williams town,Idutywa,Butterworth,Queenstown etc..all these areas were inhabited by Amaxhosa before British attacks and after the wars small plots of land were given to Amafengu.
Histoy and clan names show that AmaXhosa were very much related to Khoisan people “1st citizens of southern africa”. Actually Khoisan people intermarried with AmaXhosa to a higher degree than any Nguni clan. Some Khoisan people were assimilated into AmaXhosa. Example AMASUKWINI, AMAQOMA, GQWASHU etc..all these mention Khoisan ancestry when they trace their ancestry. Even Thembu clans like Madiba and others have strong Khoisan roots both Maternal and pathernal.
While AMAMFENGU are generally dark ass holes like their up north cousins.
As the NANDOS advert said theyr OUTSIDERS!!!!!!
Qoma, thanks for your invaluable contribution. However, please always keep in mind the purpose of this blog. It is to get people’s feedback and information with regard to our ancestry and the like. Your input could easily be construed as some sort of attack and thus chase people away. I hope you understand. Thanks
Uxolweni ngesiNgesi. Bendifuna ukuphendula ngelendle kubhalwe ngayo.
Culturally AMAMFENGU are closer to Zulus than to Xhosas same can be said about Mpondos,Xesibe. To me these look darker to us Xhosas of the SW Eastern Cape. Even the Xhosa they speak is way different to ours. Though to outsiders for example people in Jozi or Limpopo they think theyr Xhosas. What separates them apart from us is “AMASIKO”.
I have noticed that Mpondos and Xesibes etc..people of around north of Umthatha struggle with CIRCUMSICION. Every year we see their boys going to hospitals every year. Even Xhosa speaking urban areas like Cape Town and PE,EL etc..are far better than the latter above.
The tribal stereo types after the Xhosa vs British wars
After the Xhosa and British wars Amamfengu as I have mentioned were given small plots of land (stolen from Xhosas). The British decided to allow the Mfengus to attend colleges and be trained as teachers, police,clarks etc..since they hepled the British during the war.
There were AmaXhosa students in Colleges like Lovedale and other high schools. Since they were British enemies they were not trusted AMAMFENGU students were assigned to keep an eye on them. That was the step one of DIVIDE AND RULE by British, before even APARTHEID. Again a stupid MFENGU graduate those days would be assigned to a higher position example in post offices and policing etc..This gave birth to TRIBAL STEREO TYPES where AMAMFENGU thought they were clever since they were given 1st job preference by their HANDLERS. The recent sacking of Mbeki by the ANC since he wanted to do everything by himself “GLORY TO IMFENGU MENTALITY” was the result of the past history. Am sure Mbeki grew up in a society where he was told he was an IMFENGU BOY and smart. Forgeting that AMAMFENGU to be where they were the Brits used them against other AFRICANS. We can say in full Amamfengus hands had the blood of AMAXHOSA.
Ndiyehla ndisatshaya ndilithole lomthakazi, umQoma usigqo intengabuthi.
To:Everyone
If in SA struggle history u can differentiate between a MFENGU leader(selfish and believes everything fed to them by whites) and a XHOSA LEADER (Selfless, out spoken,open minded, peoples person and die hard attitude).
1. AMAXHOSA PROPER LEADERS: OMAFUNGA ANGAJIKI. Thanx to their culture, their secret is their MENTAL STRENGTH not physical strength.
Steve Bantu Biko
Robert Mangaliso Sobukwe
Chris Hani
Nelson Mandela
Walter Sisulu
The list is endeless yalagorha akowethu, by the way out spoken ZWELINZIMA VAVI is our man. Though hes from the Northern Cape.
2. Amamfengu leaders and others in EC (whitemens ass suckers)
Thabo Mbeki-Mfengu
OR Tambo–Mpondo
Mvume Dandala
The list is endless of this ass licking species/Amakhwenkwe eMfengu nama Mpondo.
All the clan names mentioned in the 1st lines on top of this page are all FOREIGN to me. Even Abongile looks FOREIGN to me am sure yinkwenkwe yeMfengu le??????UMNYAMA THSU!!!!
intle imnandi lento ndiva apha …mna ndingu mpandla ,mbona,tshay’ngwe,uphekela phandle,tiya …bathi oomama xa behlonipha ”luma linalane isilo sehlathi”
Aa! Ngqanga neentsiba zayo..ngokwenjenje nd’yabhotisa kuni ziNkosi zam..okok’qala nje mand’ncome nto zakuthi,indima yenu yengenambaliso..ndithi “Phambili madoda”..ndicela nam ukuba lilungu lalapha ndizokwazi nam ukuphefumlelana nani..eneneni anqabile amaqela alolu hlobo,siwadinga kakhulu..enkosi
ndingu Mncotshe, uNdala, uMomane, umsunu sdumbu kwasamathole, ubhomoyi, uncamikho, umbhomoyi, ngxunga, smukumuku… umbuzo wam bant’abakhula,. ngoku benikhankanya izizwe kunye neziduko zwakaXhosa.. Ingaba AMANCOTSHE WONA AVELAPHI???…(please help,).. Thank you
Molweni kuni nonke.
Mna ndicela ukwazi more ngamaZotsho,onoMpumza,ooMabhanga,ooSotsele.
Bhota- ndifuna ukwazi nzulu ngama ngxongo, oo ntsundu
Molo Amanda…amaNgxongo ngabaThembu, ooMadiba, Nxeko, Sopitsho, Yem-Yem
Tshisa, Zama!
amangxongo ngontsundu zondwa sophitsho yem-yem velebambhetsele nqolomsila zondwa zintshaba zingazumenza nto mgudu omnyama
Hayi aniwachazanga amaNdlane tuu!
am ntoch 4rm g.r.t ndizama ukwazi ukuzi thutha umamgqwashu ndicela nindi ncede
Ewe mkhuluwa uyibeke yacaca. Kodwa kubalulekile ukuba uphinde wenze uphando olunzulu ngesizwe sakwaXhosa. Andivumelani nawe.
KWELINYE ICALA UNCEDE UBEKHO KHONUKUZE SAZI IMVELAPHI YAKWANTU MDUDUMASHE,MGEBE NDIM KE LOWO
mholweni sizwe esisikhumbe simnyama. mna ndingu dunjane, uskhonza wakhonza nenkomo, iminyela ,totoba,malilelwa zintombi zithi ndizeke noba andinamali,Nxasana,mahlathi ayophela ndotshonaphi ,isizukulwana sela wu ngesilungu, mzukulwana kaNonyhebele Mlungu no Ma umaqotho intombi yakwaBhayi, uNonyhebele owawela kwimfazwe eyagqugqisa wawela kwintaba zolundi apho ehamba namaBhele, O kanindithuthise ntozakuthi ndilimpondomise mna pha ku Tsolo kwisithili saseMajwarheni phantsi kwe Nkosi uSobantu I Bhele, khanindoleke apha kwesisibongo sasm ndiyazi sibheka phambili. ndisatshaya
ndicela umlibo futhi neziduko zama Hadi
Mhlekazi ndicela ubuza o JALI,MPEMVU baphelele na phaya
ndabothisa zidwesha zakuthi. Yonela ele nkobe, Mene elabadala imvelaphi ingapha kwelase ngcobo qutubeni ngokwelali. nam ndithi nje ngalutsha lale mihla mandihlomle kule mbiza yalaphe khaya. Ngublangwe lo umtshikitsha ubhekizulu umnyamana into zikaphuphe zika suduka ozalwa yintombi yase maqwathini udikela unoni nomakhungelwa. Nje ngamntu ofuna ulwazi nothanda inkcubeko ndifuna uncedo ngemvelaphi yama-Blangwe? kwaye ndifuna nomntu onokuthi andigqibezelele ekuzithutheni. into edibidayo yinto yoba ublangwe kuthwa uvela kuqwathi inkosi kodwa uqwathi kodwa utata lo undizala wakwazi utshata emaqwathini… tata wandishiya ndise mncinane zange ndikwazi umbuza.
Mna ndingumZangwe. Into enje endixakayo andazi ukuba amaZanwe xa ezithutha alandelelisa njani. Mna ndithi: NdingumZangwe, uChayi, uSdudu, uNtelele, uMadlozi, uDlangethafa, uZongozi, uMsuthu, uNjanana, uNtubi, uSazobe. Ukuba kukho umZangwe owaziyo ukuba zilandellelaniswa njani ezizinqulo ndicela andincede.
Kuhle ukuva ulwazi olungaka lingaphumi kubadala inqku ndibamba ngazo zozibini ntozakuthi,kunento ethandundibhida Xa umzangwa ezithutha (ugcaleka andimazi ndisitsho nje bakhona abalahlekayo )mna ndingoka Merile ukhwalo ncuthu mlanjana nkuma sohobese .ndifuna kakhula aba bango Merile bangabizi esisiduko ndisibizayo ,kuba ndinolwazi Ngo Merile .
Mna Ndingu Mzangwa, uKhwalo, uNcuthu, uNkume,Sohobese, Mlanjana, Ntwezimnandi. Ndicela ulwazi ngesinqulo samaZangwa esithi, uNqene siphinde sithi Gcaleka.
Mhlekazi wam, ndikwanqwenela ukufaka esam isandla kulomcimba wokudityaniswaba kwamaZangwa namaZangwe;
Ngwevu ithile yakhe yathi kum xa ndandifuna ukwazi ukuba zidibene ngantoni okanye luhlobo luni na ezi ziduko, ingaba bahlala kunye na esithebeni mhla kukho umcimbi wekhaya. Impendulo yathi ukuze kubekho uMZangwe ngumfo waseMaZangweni nentombi yaseMaZangweni babhaqwa belele ngangubo inye, oko ke kukuthi babhaqwa behlulelana ngesondo kanti ngumfo nodade wabo.
Esi sehlo asizange sithandeke okanye samkeleke, yayithatyathwa nje ngenyala. Abahlali bawubhekisa lomcimbi kubaphathi belooxesha, kwabizwa intlanganiso kuzanywa isisombuluko selinyala labantu abazalanayo. Ngamafutshane bagxothwa bobabini ngabaphathi bahewulwa kusithiwa maze bangaze bazibize ngokuba ngaMaZangwa ngokuba elinyala zange labakho eMaZangweni.
Bagxothwa kwagqitywa ekubeni bangazibiza nangasiphi esinamanyala anje isiduko esinamanyala kodwa hayi aMaZangwa. Kodwa kwisohlwayo sabo abasinikwayo kwathwa mabazixhelele inkabi yenkomo emdaka bayixhelele ngaphesheya komlambo. Imbali ithi, bayeenza loonto bemka eMaZangweni baya kuzimela kwenye indawo. Bazibiza ngokuba bangaMaZangwe, Izithutho zaba ndiyacinga zithi bango Chayi, ooJinata, ndizilibele ke ezinye izinqulo zabo. Kukho ke nento yokuba bangaMamFengu, andazi ukuba kanye kanye ubunyani balento buyinina.
Mandime apho Mlesi, ndisatshaya.
Gambu Memela Msuthu Ntethe Skhakha Simantwengantwenga
From Jambase Sanzanza Msuthu Hlangomva Eliweni
Sent via my BlackBerry from Vodacom – let your email find you!
Ingiba esam isiduko akwazekinto na ngaso?NdinguMdluli,Makhunga,S’khotsholo,Ngwekazi,S’gogo,Ntsimbini.
I would like to know about amaQoma and where they came from originally
Hi Abongi,
My name is Thelela,Please khawundithuthele amaNgxongo,Ntsundu
Enkosi
amangxongo ngontsundu oozondwa sophitsho yem yem velebembetsele oohala nqolomsile zondwa zintshaba zingazumenza nto mgudu omnyama
BAPHI BONA OOZOTSHO, MANCI…. KHANINDICACISELE NGABO
NAM NDIYAZIBULISELA KUNI MZI ONTSUNDU… NDINGAZANGA NGOBUBI NTONJE, NDINOMBUZO ONGULO.. BAPHI NABONA OZOTSHO, MANCI. KHANINDINIKE UKHANYO NGABO
ndicela umntu okwaziyo ukuthutha odunjane ,nxasana
i request information about amaqwati oobhulangwe, bazithuta njani.
Makube Chosi kube Hele mfoka bawo, ngath abantu abafana nawe, ndingaba gcina ndaweni ithile apho kungasoze kufikelele khona ukufa,..
ndingomnye wesisi zukulwana sangoku, esingazi kwanto ngemvelaph yaso, ndiya bulela Mthembu, mna ndise ntsunguzini kodwa ndineThemba ngenxa yez Website, ndinxaniwe, ndinxanelwe imvelaphi yam, Enkosi kakhulu ngoku sabela ngoku ukwaziyo…
Ndanelisekile, kuthe kanti baninzi abantu abasasithandayo isintu, ndiya bulela ngento entle kangaka mfoka bawo,
Ntethane
Ndingu Ntethane ngegama UMcwerha ngesiduko, ndicela undinabisele ngamcwerha, imbali yabo nokokuba bathini xa bezithuta
Camagwini mzoNtsundu
Ndicela ukuchazelwa banzi ngoDuma, Mthombeni, Lwandle aliwelwa liwelwa zinkonjane zodwa zona zimaphiko made, oMphafane, ongongolozi…kukulomama ondizalayo apho nditye khona inkobe. Ndicela ukwazi kwakhona ngoZibula, mhlwane, notsiya, sihlahala somnquma siyagawulwa siyahluma…ngumama ozala umama wam lowo othe wathatha inxaxheba ekundikhuliseni.
Ndiyaxolisa ukuba ukho obekhe wazikhankanya.
mandongeze apha emazizini,kaloku mazizi ohlukene kukho oosibakhulu, sele bethuthiwe ke apha,ze kubekho ooJama kaSjadu,nabo bakhe bathwa vandla vandla,mna ndizakunithuthela eli lindim izizi,linguNjokweni,nguLamyeni,uNgxib’inoboya,Sandlulube,uMtatela,uDlamini,uZizi uLubokoboko. Kwakho phaa koLimakhwe abagqitywanga,ndingathi ukongeza pha na phaya,nguLimakhwe,uZilamkhonto,uShweme,uSigwegwe somthondo,uGushe,uNogqagqane,uNtab’ayinyukwa inyukwa ngamasongololo odwa kuba anemilenze,uMalilelw’angabafana bathi sisi khawunditshate,unoLundi
Mholweni
Mna ndingu Maya, uMtungwa, uMbuyisa, kuthwa singabaThembu ndingavuya ukuba ndingachazelwa ngezinye iziduko zethu nemvelaphi yethu ngoba abantu abadala basweleka abayaziyi.
AmaMaya angabaThembu endiwaziyo NgoSopitsho, Yem Yem, Ngqolomsila – lilonke nizithutha njengo Madiba, Dlomo, njo-njalo. Akukho Mntungwa naMbuyisa ke apho…
Mna ndiphuma kumhlaba wamaMpondomise kuTsolo kodwa ke ndiliBhaca okhokho bam babesuka eMt Frere – ndinguMaQhinebe, uGqugqugqu, uHaha, uSodube, Duka namahlathi, Somlolo, Phazima, Phalela, Nkonjane …, Mkhomazi…, njalo njalo. Into yokuba sazalelwa sakhulela emaMpondomiseni zange isilahlise isiko lokuchaza/ ukugcaba/ ukuqaphula ( ukwenziwa iintlanga) ebusweni nasemzimbeni.
Eyona nto endinomdla wayo kukwazi nje
1. imvelaphi yamaBhaca
2. Ingaba amaQhinebe ngenene aphantsi kwesizwe samaBhaca?
3. Ingaba amaQhinebe angamaXhosa na okanye angala angxengiweyo?
Enkosi
Ncedisa. AmaQhinebe sesinye seziduko zaseMpondomiseni esawela emaXhoseni njengooMpinga namaNgwevu njalo njalo. Le ndawo ithi Gqugqugqu zithonga zithathu, Duka namahlathi nayifumana emaXhoseni kule nto yamaMpondomise ayethanda ukulwa iimfazwe zasemaXhoseni, encedisa amaXhosa ke phofu. uQhinebe walahleka ehlathini kuGatyane kuloo mfazwe…
Mna ndikulamhlaba waseDUTYWA eLota uQhinebe uGqugqugqu, uHaha, uKhomazi, uDuka namahlathi qha ngoku ndiva ooKhalanga, ooSomlolo, ooPhalela, ooNkonjane apha kwakuthi ndicecela ukucaciselwa banzi ngemvelaphi yamaQhinebe.
Mna ndiliChwamakazi,udibashe,unjabomvu,uGcelentushe udwangude ndizalwa nguMamngxongo uMamthembu ndungumzukulwana emavudleni oobhayo ooKhetshe umzukulwana eMakwayini ooNgconde
Ndingu Khwalo ,mlanjana Ncuthu ndifuna ukucaciselwa kule ndawo Ka Gcaleka kwisinqulo osibhalile kooKhwalo.
Ingaba singqamana noNkosi u Gcaleka ,andikamva umZangwa efikelela kuso baphela kwezinye ezi.
Ndolinda ingcaciso
Enkosi
Qoma,if you have politica/personal views please keep them to yourself we are uniting the Xhosa nation here.
Please lets note that not everything written by British is the true African History,check also on African histirians .
Thanks
Mholweni mzikaPalo. Mna ndingu Nqarhwane ndiyabawela ukukwazi ukuzithutha andikwazi,ndiphelela ulendawu ithi,nqarhwane,sduli,hintsabe,hlabilawu,kaka,bhaxa qha kulapho ndiphela khona andiyazi noba ndizinqula kakuhle khanindincede bantakwethu ndinawo wona umnombo !!!!!
Awungo Siduli, unguZiduli, Hlabilawu, Hintsabe, Limelintaka, Khawuta, Sel’amanz’angaselwayo, Zigxashe, Mbuphu, Mth’ogawulwa ub’ukhula, Khula mthi sigawul’iintonga.
Uyabulisa uZiduli zethafa uHintsabe ndicelubuza nje into kwalapha kwesisduko sam kukho landawu ithi KAKA, BHAXA ndibona ningayifakanga okanye ayingeni kwa ukungena ,uba kukho indawo eniyishiyileyo ndicela nindixelele or niphinde nisithuthe sonke esisi Duko ningashiyeleli !! ndicela kananjalo uba niyakwazi nindiphe umnombo wamaNqarhwane kwaMnika yifani keleyo !!
Hayi mfo, ndiyaqala ukuyiva le yakho… Thina singooZiduli, ooHintsabe, uHlabilawu, uMaqhula. Ekakaka no Bhaxa lo, andiyazi kwaphela.
Ndisathi vu…
Lo nguMndila, uNyezile,uNqangaza kaNgqili, uNdlalibomvu, uQengeba, iMpondomise,ithole loMthwakazi, uMfaz’obele linye oncancisa engaphesheya komlanjani. Impikiswano inintsi emaxhegweni akuthi umba ingowokuba singoMajola kwisini na mhlawumbhi ke ukho omnye uMndila ozakuwunabisa ngakumbhi, nje ngokuba sele utshilo sizokwazi esingakwaziyo apha.
AmaNdila ngamaMpondomise, elalini yam amaNdila awodwa namaNgwanya(Jola) akwelawo icala. Iziduko zamaMpondomise ezizithutha bufana nooJola zezi: Ndila, Bhukhwane, Dosini, Ngxabane, Njuza, Mhlwabe, Zongozi, Zumbe, Qam, Sabe.
I am addressing this to Zama Nxuba Gudaka, ndicela uzithuthe ngabalala ngoba nam ndingu Nxuba andazi ukuba sidibana njani noJola noNgwanya namaMpondomise coz usisi uzekwe kwa Jola and kuthiwa linyala eli.
Thina sithi Rhudulu, Ngcengane, Nxuba, Gaduka, Washota, Magubu wasemlanjeni, Nanko nanko namhla angenzanga nto. OoJola ngaMaNgwanya, Qengeba njalo njalo. SingamaMpondomise sisonke kawye zininzi iziduko zamaMpondomise ndikuxelele. Ayilo nyala tu ke leyo yokuthatha intombi kwaNxuba xa unguJola. Kweyam ilali sinoNxuba, Jola, Gqubusha, Mhaga, Ngxabane , Ndila, Bhukhwana, Dosini – siyazekana sonke singamaMpondomise omthonyama sonke sizezi ziduko zingentl’apha. Ndiba kuvakele…
Bhotani mzi ontsundu
Ndibhala ndicela uncedo ngesiduko sasekhaya..Ndingu Vuyo Zozi ndizalelwa eRhawutini utata wasishiya engasibonisanga ikhaya lakhe (emtata)wayesithi isduko sakhe ngumKabane,uMawawa yiyonje into esiyiyaziyo
Enkosi!!!
molo amankabane endiwaziyo mna ngooMajeke ooMthi wembotyi abangamampinga andibazi.
Molo Xolani. Mandicaphule kwincwadi yeziduko ka DM Tyatyeka. AmaNkabane sesinye seziduko ezalahlekana nobukhosi baso njengamaCirha, maKhwemte kunye namaBamba. Xa ezithutha athi: Rhajana, Mntu womlambo wakwaDyabhuza, Ndluntsha, Majeke nomthi wembotyi, Ntleki. ( Yeyam ke le: ooMawawa ngamaMpinga, ooBholokoqoshe. BangamaMpondomise abalekela emaXhoseni. Andiqondi ukuba bayadibana namaNkabane)
Xolani no Zama—Enkosi kakhulu iNkosi-nibusise!!!
camagu zizukulwane zakwantu!nguHlathi,umfene,ulisa,ujambase,uhlangomva eweni,ugoloza eweni,umandla akapheli,umagxa akaxhali,ucanzi…zalwa yintombi yakwa ndaba utata uzalwa yintombi yamaqhwathi!vuyiswa yilento singabanye singazilibali imvelaphi yethu nesizwe sethu !uqhamatha anisikelele
Hi
I’m looking for someone who knows iziduko nezinqulo zakwa Qwalela koTshutsha.
Thank u
Ndiyabulisa kwaXhosa, Mna ke ndingu Dohlanga, uNzalamzi, uXhalanga, uMziwavela kùqala, ndizalelwe emaXesibeni. Ndingavuya xa ungachaza banzi ngemvelaphi yamaXesibe, nangooDohlanga ukuba unakho
Igama lam ngu PHAKAMA wakwa zozi ISBONGO SIKA BABA NGU bhele, bengicela ukuthi unginabisele indlela engingazibonga ngayo as Ubhelekazi
NGIYAKULINDELA KUWE
PHAKAMA
ndiyabulisa bethuna
ndingu Mafaku, Zqelekazi, Mantwanantle, hlambangobubende, Nyawuza,
Nam ndinguGatyeni umntu ofuna ingcaciso banzi ngoGatyeni bavela phi baya njani e-Eastern cape follow me kuwhatsapp 0736602762 nzonicacisela
Ntw’ezimganto ndikhahlele kubantwana begazi! Iinkosi mazizole isicaka sithambile. Ndingenenzima mandithembe uQamata uyakunceda ndikwazi ukubuya. Mthemb’omkhulu(Abo) siyabulela usenze sanelunda singabaThembu. Mandilungise lento abaThembu, amaMpondo, amaMpondomise, amaBhaca, amaXesibe, amaHlubi ayingomaXhosa, futhi ke singabaThembu asizange sabusa nay’phina ikumkani yamaXhosa,. Mandenjenje_amaMpondo/mise namaXesibe ngabaMbo bazalwa yikumkani enguSibiside, ngoluhlobo. Lekumkani yiyinafazi abaninzi, omkhulu ke umfazi uzala uNyombose lo washiyeka kwaZulu nemiThethwa, uDingiswayo sisizukulwana salo poni. Ibali lithi kubantwana balekumkani(Sibiside kwabakho amawele elikhulu linguMpondomise elincinci inguMpondo bemfuselwa nguXesibe. Ngeloxesha babesahlala kwindawo ekuthiwa kusemhlathuze, baphume ngokuphuma ke ukuyokuzimela kwaqala iwele elincinci(Mpondo) uXesibe uhambe noMpondomise ngoko ebusa kumkhuluwa wakhe iwele elidala dekwazakufikwa kulemihlaba kumiwe kuyongoku. 2ndly. Xa ujonga iminombo yezizizwe ayfani kodwa kuyenzeka kudibane amagama e.g Skhomo wamaMpondomise akadibenanga noSkhomo wamaXhosa, nocirha nomalangana ngokunjalo. Thelekisa kengoku-Mpondomise uzeleuNdunu ozele uSkhomo ozele unjanye noRhudulu, unjanye uzele uMalangana, Ntose Ngcwina respectively. UDosini lo nithetha ngaye yinkulu kaNgcwina kodwa kwaqapheleka ukuba uyasichitha iszwe ngobunjubaqa nobulokonya, waza ungcwina ukumkani wamguqula wamenza inci ngokwesiko lamampödomise baza ubukhulu bathathwa ngCirha inci ezalwa ngumthwakazi. Waza umnombo wobukumkani bamaMpöndomise behle ngelothole lomthwakazi uCirha ozazala uSabe. Ngelixesha uCirha kaNkosiyamntu alwa noJwarha noTshawe emampöndomiseni ikumkani nguSabe, uTshawe ucele uncedo kuSabe, kwath kuba ngeloxesha amaRhudulu yayingawo ayehorho emampondomiseni usabe wakhupha wona, khumbula ndithe uRhudulu kukunene kuShomo. Eneneni kuliwe woyiswa ucirha nojwarha. Watshintsha umnombo wobukumkani emaXhoseni wahla ngoTshawe owazala ungcwangu onguye ozale uSkhomo emaXhoseni. Mhandibuyele kulamnombo wamaMpondomise. USabe wazala uMthe noMhaga inci uthe wazala uQengebe(a) noNgxabane, ukumkani uQengebe(a) wazala uMajola, uNgwanya, Phahlo, Sontlo sespectively. USontlo uzele uMngcambi noMgabisa, uqhekeko lubelapha. Inkulu uMngcwambi uzele uMyeki, Matiwane, Mhlontlo respectively. Ubukumkani bamampondomise butshatyalalise kuKumkani uMhlontlo ngenxa yebutho lakhe elabulala uHamilton Hope umantyi kuQumbu nge1880’s ukuba andiphazami. Umgabisa yena uzele uVelelo ozale uMditshwa zama ubuthe makuphelwe apha kuMditshwa, iziduko zawo ziquka amaCwerha(Gxarha), Mpinga, Nyandube, imiHaga, amaVelelo nezinye. Ezinye zabhacela ebaThenjin, emaMpondweni kwaBhaca ngexesha lobunjubaqa bukaDosini ezinye zashiyeka ebathenjeni ngoku kwakuzakufihlwa umyeki apha elady frere, efihlwe eRhodana ngexeshe lekumkani yam uMtirara(Mthikrakra) ubuninzi yaba ngaMazongozi amaMpinga amaQhinebe namaCwerha, amanyandube nangona wona ubuninzi baya emaMpondweni
Besenditshilo ndath’uXesibe yimfusi, amaNune amaKhuma, amaQwathi njl. Njlo ngamaXesibe amaQwathi azalwe akhiwa nguMtshutshube unyana kaMthetho kamthetho ntonje zange aneliseke yindlela unonzaba awayeba phethe ngayo, wemka emaXesibeni(abt 350 yrs ago) wayakuzakhela amaqwathi ulwile nezinye izizwe de wazakohlulwa ngabaThembu ngexesha likakumkani uMguti uyisemkhulu kakumkani uDlomo. Wakhetha ukubusa kunokuchithakala. Ndithetha nje amaQwathi ngabaThembu bozwane babusa ebathenjini, inkosi zabo enkulu nguZwelakhe Dalasile isizukulwana sikaDalasile kaFUBU, enkondlo engcobo. Kumbula uRharhabe kaphalo nonyanakhe uMlawu ozala uNgqika babulawa nguFubu wamaQwathi 1782 phezu kolambo ixuka kwidabi labaThembu namaXhosa, sawoyisa amaXhosa singabaThembu, ukuze uNdlambe abambele uNgqika nje, mandibuye ke, uFUBU lo yinkulu kaDikela njengokuba uDikela eyinkulu kaNoni, enye inkosiyamaQwathi iseCala(Xhalanga) uStokhwe kaNdlela. Zonke ke ezazindlu benizikhankanya zizindlu zamaQwathi. Nazi ezinya zazoDikela, Nobangula, Khombela, Nzolo, Nzila, Dumba, Bhlangwe nezinye ke zininzi. Manye kodwa ashiyana ngezindlu, amaNune namaKhuma namaGxubane basazibiza ngobuxesibe bona, ubukhosi bamaXesibe busekho eMt Eliff kwaSnama nangona ubuninzi sebebusa abanye bezibiza ngobuBhaca.
Kukho lomfo uthi amaKwayi Namatshawe akadibani, uyaphazama. Kuba uKumkani uTshawe uzele uKumkani uNgcwangu ozele uKumkani uSkhomo, uSkhomo uzele uTogu ozele uKumkani uNgconde, Then uspliter apha umnombo. Konyana bakaNgconde abangaba, Tshiwo, Mdange, Gando, Gwali nabanye ke. Unyana kaTshiwo uPhalo babula nentombi kaGando ukuze bakwaywe uGando nesizwe awayesikhokele nesizukulwana sakhe. Wagxothwa ugando komkhulu. Buqale apho ubukwayi. BENGAMATSHAWE, NGCWANGU, SKHOMO, TOGU, NGCONDE, NKOSIYAMNTU, MALANGANA, BONKE. Uqaphele, Oonyana bakaPHALO Gcaleka/Rharhabe, nabanye badibana namaKwayi ngoyiseMKHULU uTshiwo ongumkhuluwa kaGANDO(onguyena Mkwayi)
Maqabane akuthi kukho isiduko endingasiboni samaNtlane
Xa bezithutha abakwaTshayana bathi
BangoNqabashe,Dingi,Mtsamba,Xalakha,Tangawe,Mlenzana
Iifani endizaziyo zamanye amaNtlane nguVakaza,Mbambani,Matiso,Nkonki
Bendicela unatyiselwa ngezinye izibongo bazinokubhakhona,enkosini
Mna ndicela izbongo zakwa Yirha,oMzondi,ooNokwindla.andikwazi kuzithutha ndincedeni bethuna
Funda pha. Ukhona uYirha, Zondi, Thambolenyoka, Hlabelimzondayo…
Hi Umna ndingumazikhali, ujojo utiyeka ndifuna ukwazi imvelephi yama qoco ingaba anayo inkosi awela phantsi kwayo na. Kwaye siwela kwesiphi isizwe Xhosa, mfengu,Gcaleka.
From Phumzile.
Phumzile inde lento uyibuzayo. Noxa wena ungayiqodi. AmaGcaleka wona kulapho kukho ooTshawe, Ngconde. AmaMfengu ngabantu ababesuka kwaZulu, bazaku”mfenguza” (ukuhamba ucela amalizo) kwaXhosa. Yabe bangamaXhosa njalo ekuhambeni kwexesha. Eligama lithi Fingo, ngumfengu. Ntonje amangesi ava kakubi. Ndilungiseni apho ndiphosa khona.
Ndiva buhlungu ngo Mbanjwa umshiye ephelele pha.ndivumele ndimandise Mbanjwa,Gebane,Ntimela,Mpethwana,Thikazi,
ndingu Busisiwe Nomdidi,,,kwela Mampondo eSajonisi, ndithi xa ndizibiza ndingu Mampinga uMawawa, Mbolokoqoshe, Senzwa, Mbali, Ntomntwana gxebe Nyomntwana ingaba inoboya ifanele abakhulu (Kodwa ngumamam lowo kuba sithi isisXhosa umntwan’entombi usebenzisa isiduko sikamama xa emfumene ngaphandle komtshato engakhange ahlawulwe ) nondilungisa kulo ndawo ,,, esika tata sithi Ndala, Mncotshe,,,,andikwazi kuqhubeleka ifani yakhe ngu Boyce kumhlaba ase Ngqeleni ndifukwazi uba ngobani AmaNcotshe esukaphi…. khanindincede ntozakuthi
mandibhotise nkosi zam
Ndiyabhidakala noko kwi nkcazelo nocazululo luka Tshawe no Ngconde, ndisitsho nje ndizalwa kulomzi umkhulu Ka Tshawe, mdange, Khawuta, Tshiwo, Mdange phantsi womzi wesibini kwisizukulwana sika Hintsa u Sarhili. Apha ekuxilengeni ndaya ndaphandlwa yintombi kaNgconde ndayobika ekhaya lomba wacazululwa wacazululwa komiwa komkhulu. Kwaphunywa nesishwankathelo sokuba thina maTshawe asihlobenanga singadibananga no Ngconde. Lento isisiduko ngamagama okhokho bethu ukutsho ke kusenokwenzeka ukuba nabo OoNgconde aba babenokhokho ongu Khawuta. Ukunabisa iTshawe alinaze lishwame kwa Ngconde noNgconde ngokunjalo. Ilobola yahambisa ke ndamkelwa kwa Ngconde ndithetha nawe nje.
Aya, uba ngaba benizenzele nobabini bendizakuthi lihlazo kodwa xa usithi kwadibana amakhaya ndibubhideka. Ihamba ngolu hlobo ke, Tshawe – Ngcwangu – Sikhomo – Togu – Ngconde – Tshiwo – Phalo – Gcaleka – Khawuta – Hintsa – Sarhili – Sigcawu – Gwebinkumbi – Ngangomhlaba – Zwelidumile – Xolilizwe. Yindlu kaTshawe yonke le ngokulandelelana kwesizukulwana ndingabavezanga abasekunene, nabo ingamaTshawe. Lilonke uthathe kokwenu…
Mna ndingu Lindile igama ndizalwa eMthatha, ndingu Mchunube isiduko, uJukuty’ amaphambili ungawasi mntwini, uPhalo, uKhawuta, uMgcaleka. Ndiyatsho kodwa andinamnombo ucacileyo. AmaChunube maninzi emhlabeni waseGubenxa ngaphezulu. Ndicela ukhe undinabele ngaMachunebe. Enkosi.
Lindile uyathandwa ndim mfo. Ndiyabulela.
Mchunube, Mgcaleka, Phalo, Khawuta, Mthibe, Ndlaziyamathafa, Ngotyana, Lunqu, Qhosha, Nonkciyo, uJukuty’ amaphambili ungawasi mntwini,…. mna ndiphela apho ke Mgcaleka wasekhaya. Uthi niphi na pha eMthatha? Mna ndiseQunu kwilali yaseMaNdlaneni.
ndicede zingaphi iziduko zamasukwini ngokulandelana kwazo mna ke ndingu tsope ulubisi ukhasana nceda mhlekazi email me please
Camagu Mhlonitshwa ! ndikhathazwa kukubona ngathi andingo Bhayi ka khetshe . Kuthwe ndili Lowe apha eMavudleni kanti aMavundle mangaphi ? ndisatshaya .
khawuthuthe oosithathu mhlobo wam
Bakhona apha. Fundisisa pha kuluhlu, mhlobo wam.
Ndiphilile ngukufunda oluncuthu mazangwa leziziduko. Inene ngoku umntu uyazaz’ intsusa yakhe. Ndibamba ngazo zozibini.
Ndisatshaya!
Nkomo- Mntungwa, Masikane, Maling’inkosi, Yengwayo, Galela, (nkomoshe, nkomiyahlaba), Magajana -AmaHlubi.
Bhotani nonke mzi kaphalo ka Xhosa.mna ndingu Zwelandile Dlephu ikhaya liku Qumbu ngaphaya ko Mthatha.ndingu Wawa uNqumbe uBholokoqoshe.ndinengxaki mna kwesibongo sam nalendawo bayifakayo ka (Dubane) kwelicala bathi xa bezithutha bafake no Dubane.ingaba ukhona kwisibongo sakwa Mawawa lodubane?ndicela ukwazi ndibhidekile lapho.ndiyabulela mna ndingu Mawawa ujwaqu usenzwa enkosi
Izizwe ebaThenjini ziquka AmaGcina, AmaVundle/Mvulane (formerly Sotho), AmaQwathi, AbaThembu baseQhudeni(OoMvelase), AmaYirha(ooMzondi), AmaMpemvu(Jali, Xhongorha), AmaNcotshe, AmaNdlane(Nomdimba), AmaZima, AmaCube(Mbetye/Bhetya), AmaGxongo(Ntsundu), AmaQithi(Ndinga), AmaMaya(Magwa), AmaNtande, AmaQiya(Nobetha), AmaNdungwane/a(Diya), AmaDawu, AmaNkosiyane(Ntlazi), AmaTshatshu(Tubhana), AmaJumba(Mgudlwa), AmaHala(Madiba) to mention just a few.
molweni mna ndingu Zulu Tolo Dlangamandla Mchenge Mfingo Mpumela Mabhanekazi Vumbalempongoliyanuka aah ndim lona.thanx for this post
Hayi Tata u zukhe wenze uphando ngoba lo ubhalayo ngumfene ayikho lento uyibhale ngama mfene,Thina singohlathi ocanzi osanzanza phala ngezandla uhla ngomva eweni nditsho umpundu zilingene usuza.hayi lanto uybhale pha umntu nto xa engayazi kumeleke ubuze phambi kokuba uyise kwi media.Yingxatsho Mzontsundu andilwanga
Mfene ukuba bendithanda bendikulicima olu luvo lwakho. Nto nje ndibone abantu babone ukuba zininzi iimpazamo apha futhi andingoThixo wazi konke. Sincede ke Mfene, silungise.
Ndifuna ukwazi ngobukhosi bamachirha kunento endixakayo ukuba amatshawe abuthatha njani kuthi thina macirha.
Sive ucirha wayelibhetyebhetye bohluthwa ngutshawe akanabo ngaphandle angaphinda ayokucela amatshaweni. Ngxatsho ke Thembelane(Magwa) amaXHOSA maknhlukane nokuthi ekhulisa ubuzwe babo babane benyhala abaThembu. Asingomaxhosa. Kodwa ke wenze impazamo konyana bakaKUMKANI uMtirara(Mthikrakra) wabaThembu. Ukumkani uNgangelizwe neNkosi uMathanzima balungile. Then ibeyiNkosi uMFANTA not uFADANA. Inkosi uFadana was the son of King Ndaba eQADINI. Njengokuba ezala uNgubengcuka kwenkulu noJUMBA ekunene. Zama uphazamile xa usithi uRHARHABE noGCALEKA yayingamawele. Ugcaleka ngowendlu enkulu whilst urharhabe esekunene, urharhabe uzalwa nguMamtshatshuuMthembukazi) yena ugcalela uzalwa uzalwa yintombi kaNyawuza uTHANDELA. Ntonje imbambano ibekho ngenxa yamampondo naBathembu kungekho cala livuma ukubayindlu encinci kuba uDULI lwezintombi lwafika mini nye. Lonto yasonjululwa nguMajeke wasenqabarha ngokuthi endala kwezintombi mayibeyindlu enkulu kwavunyelwana. Zekwafunyaniswa ukuba [ekaNyawuza yiyo endala, yayiyo ke enkulu le ke izele uGcaleka(verify)] amaMpondomise nawo ayayibanga ngelithi nguThandela(kaPHAHLO) wabo Ozele uGcaleka. Okokugqibela uSkhomo amampondomise akamthathi maXHOSENI, leli lithi ngwevu abalithatha emaxhoseni. UTshawe ngoku ancediswa ngamaRhudulu, lamarhudulu aphuma kuSkhomo ekunene. Jonga loSkhomo ngumzukulwana kampondomise. Skhomo uzele unjanya noRHUDULU. Unjanya uzale uMalangana wabhubha unjanya emncinci umalangana wabanjelwa ngulorhudulu, akukhula umalangana wathatha. Yena umalangana uzele uNtose ozele amaCWERHA naMAMPINGA and amaMPINGA ngoMbhala kaqoshe not mbholokoqoshe, uNTOSE eyakhe inkulu nguNGCWINA.
Ndiyavumelana nawe kule ka Gcaleka noRharhabe. Ndibhidwa zezi zilandelayo:
Okokuqala : uNjanya andimaziyo uzalwa nguSibiside yena ze wazala amawele uMpondo noMpondomise.
Okwesibini : uMalangana endimaziyo uzalwa nguXhosa ze yena wazala uNkosiyamntu owazala uCirha, Jwarha no Tshawe.
Okwesithathu : uSikhomo endimaziyo ngunyana kaNgcwangu ozalwa Tshawe.
Inoba babefaniselana ngamagama, ngoba bonke aba ndibabaluleyo ngabasemaXhoseni.
Okwesine: amaMpinga endinawo elalini athi “Bholokoqoshe” xa ezithutha. Khawuhle nayo ke Xabiso le yamaMpondomise, ndicela ukhankanye ezi ziduko : Jola, Dosini, Rhudulu(Nxuba). Umphendule kakuhle uSive.
Mandibhotise kulomzi. NguMamthembu, uQhudeni, uNgoza, uMpafana, uMakhonz’egoduka ukuze angahlatywa lithambo lasemzini, uMvelase, ongadl’imathibane angadlamathibane uboyazi indlala iwile, uThukela. Kowu, mandiyeke…..ndivuselela amathambo alale ukuthula. Ngxatsho ke myili nawe mqambi welikhaya. Ukwanda kwaliwa ngumthakathi.
Zangwa Ncuthu khwalo mlanjana ! Ndiona Ncuthu Mlanjana ingba eziziduko zohlukephi
Lizalwa ngubani impondo iyintoni elahluke ngayo kwimpondomise kuba kuthwa yayingamawele aba bantu
Amangwevu andiwaboni apha ,khanitshoni kaloku
NguTshangisa. Andazi ke ukuya phambili.
Mna ndinguJola,uNgwanya,uNqugula,uMpondomise,uMpha nkomo,uQengeba,Thole lomthwakazi,Inyoka emnyama ecanda iziziba phezulu kwemilanjana,Mfazi obele linye….ndiyayithanda into endiyibona apha namhlanje ndithi phambili ngeziduko zakwaXhosa phambiliiii
Bantu bakuthi mna ndinguNdungwana ndiyayazi imvelaphi yam, qha ke kulapho ndizalwa khona apho ndingade ndifumane ngcaciselo. Khanitsho OoNguta, ooMabi, ooMwelase niyabazi na? ukuba kukho onolwazi makakhe atsho ngoba kudala ndizama, nditsho nalapha kulemiqhafazo sikhangela kuyo akuveli nto. Into endiyfumanayo yinto yokuba ababantu kusenokwenzeka ukuba ngaMaxhosa or abeSotho. Ndingavuya ukuba ndinofumana olo lwazi. Ingxaki ke apha kulomama utata wabo ukulele kooNdlovu wakhula esebenzisa uNdlovu, nathi sizazi singooNdlovu bakwa-Oliphant. OoNguta ke sidibana nabo bumini kwaye naba sidibana nabo ooNguta asifumani mkhondo ngoba nabo abazazi nokuba ngamaXhosa okanye abeSotho. Kuyo yonke loonto kukho abasebenza boluse isisiSotho kubekho aba sihamba nabo benza isiXhosa izinto zabo. Khanikhe nizame nize naso esisiduko sizwe sakuthi.
Xolisa khawulande ooNdlovu aba nangadibenanga naDlamini.
Utsho uNdlovu wakwaZulu, uGatsheni? Khawunabe kancinnci?
Ngxatsho ke Mpondomise. Mandiqale apha, kuyenzeke ngelinye ixesha kufane amagama, umzekelo uNjanye wabaThembu akadibananga nowenu, njengoCirha wamaXhosa akadibananga nomninawa kaDosini, nomalangana abo abadibenanga. Ndiyaythanda lengxoxo mpikiswano iyasifundisa. Ukuba uyandingqinela xa ndisithi amaMpondomise anabo ubuKUMKANI, ndivumele ndiwuqale kuKumkani uMhlontlo nomntakwabo uNkosi uMditshwa. UMhlontlo ngokaMatiwane, uMditshwa ngokaVelelo, uMatiwane ngokaMyeki uyise kaNotasi ozala uNgangelizwe wabaThembu. UVelelo ngokaMgabisa, uMyeki ngokaMngcwambi, uMngcwambi ngumkhuluwa kaMgabisa bezalwa nguSontlo kaPhahlo/a, uPhahla ngokaNgwanya kaMajola, uMajola ngokaQengebe/a, uQengeba engowendlu enkulu, uyakukhumbula ukuba uQengeba lo ufakwe sisizwe samaMpondomise ebukumkanini emva kokuba uyise wakhe uMthe wayenyhala uNgxabane wendlu encinci, uMthe yinkulu kaSabe, ikunene likaSabe nguMhaga(imihaga iphuma apha) uSabe ngokaCirha(loCirha uzelwe ngumfazi onguMthwa/umthwakazi) sonke isizukulwana sakhe kuthiwa ngamathole omthwakazi. Lonto ithathwa ku’na kaDOSINI(Ndosina) owathi mhla uDOSINI wahluthwa ubukhulu wathi umangutyana libuhluthile ubukhulu ithole lomthwakazi ebekisa kuCirha ozelwe ngumthwa. NOTE: UDOSINI yayinguye inkulu kangcwina de wadungadunga isizwe ngobumenemene. Ukuze aManyandube abaleke emaMpondomiseni aye emaMpondweni, ebaThenjini, nakwaXhosa. UDosini noCirha ngonyana bakaNgcwina. UNgcwina, Mpinga, Cwerha ngoonyana bakaNtose. UNtose yinkulu kaMalangana, uMalangana ngunyana kaNjanye unjanye yinkulu uRhudulu kukunene kuSKhomo, uSkhomo kaNdunu kaMpondomise iwele elidala kuSibiside, elincinci nguMpondo imfusi nguXesibe. Mamela kenxuba uSkhomo kaNgcwangu uthiywe nguTshawe kuba wayethanda indlela amaRhudulu ayefunza ngayo ibutho lawo awathi akumohlula uCirha kaNKOSIYAMNTU athi zigqibile inkomo zikaSikhomo walithanda utshawe wathiya umzukulwana wakhe. Nanku owakwaXHOSA. UNtu uzel’uNguni ozel’uMalangana ozel’uNkosiyamntu ozele uCirha, Jwarha noTshawe. UTshawe uzel’uNgcwangu ozele uSKHOMO(wamaXhosa) uSKHOMO uzel’uTogu ozel’uNgconde ozel’uTshwiwo ozel’uPhalo ozele uGcaleka ozele uKhawuta ozala uZanzolo(Hintsa) ozala uSarhili ozel’uSgcawu ozel’uMpisekhaya ozal’uZwelidumile ozele uXolilizwe ozala le ikhoyo uZwelonke. Mabakhe bahlomle nhabanye basilamlele uze sibenolwazi olunye mzukulwana kaNxuba.
ewe…OoNdlovu, Gwala, Mthembu,Gengezi. ngabo aba ndifuna zonkevoziduko zabo. Nemvelaphi yabo.
uNdlovu mnye Zingisile nokuba uphuma kweyiphi na indlu. Sino Gengezi/si lo unguye wena kubekho uMntungwa/Nozigela kubekho uMalunga kubekho uGasela kubekho uGatyeni kodwa ke sometimes ziyafakwa zonke ezi zinqulo kodwa kohluka indawo ubani akhulele kuyo.
Enkosi kakhulu Abongile Mthembu omhle, nani nonke enithe nongeza ulwazi lwenu ngeziduko zabantu abantetho isisiXhosa. Nam ke ndinguMamthembu isiduko. Ndincedakele kule blog. Nditsho ndafumana nesiduko sikakhokho wam.
Kodwa ke ooTata bebesithi xa beyichaza imvelaphi yethu bathi apha kuBathembu thina singaBaThembu baseQhudeni, abavela eNyandeni kwaMabaso, abawela iMpafane noThukela (Mooi River and Tugela River) ngexesha leemfazwe zikaTshaka, ooMvelase, ooNgoza kaMkhubukeli, Abangadli mathibane bangadl’amathibane indlal’iwile, Amakhonz’agoduke angalibali lithambo lasemzini.
Imvelaphi yabaBathembu ithu basuka phantsi kwentaba zaseQhudeni kwaZulu, Sisizukulwana sikaMabaso owazala uMkhubukeli, owazala uNgoza. UNgoza wayesilwa kwimfazwe zikaTshaka ekhusela isizwe sakhe saBathembu wada wafumana ukhuselo (refuge) kuNdabankulu owayenguKayise wakhe eQawukeni (Flagstaff). Kulapho wabulawa khona ke uNgoza ngaMampondo, ingcwaba lakhe lilapho eQawukeni Farm. Wayenonyana abahlanu abanye babo abathi bazinza phaya koTsomo, Ngqamakhwe, Mthatha, Cala njalonje. Wonke ke uMthembu ekuthiwa Ngoza kuye uphuma kulendlu. uMabaso ke wayenonyana abaninzi, ingathi abalishumi elinesine (about 14). Naphaya eMsinga kwaZulu aBathembu baninzi kanti bakhona naseLesotho. Uyawufumanisa ke ukuba xa ulanda imbali yabo bayazalana, ntonje bathi saa ngenxa yemeko yalomaxesha.
Bangongeza ke nabanye abanolwazi. Unyanisile xa usithi phaya kweliya laseSkotlani (Scotland) amaSikoti ayayigcina kakhulu imbali yawo nomnombo wawo.
Ungungatyhafi Qhudeni, sithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi
Zanele
Zanele, ingathi utyebile. khawundinabisele ke ukuba unakho ngemvelaphi yooNdlovu.
Ndiphawule ukuba uKhwalo,Sahobese noNcuthu ubahlule nakubeni isisiduko esinye nje.
Mna ndinguZangwa,Khwalo,Ncuthu,Mlanjana,Sahobese,Nkumekhala,Mlambo Awuwelwa uwelwa ziinkonjane,Nkonjan’emnyama ibhabhemafini,Mpondozephela,Mchenge,Mnikwanto engayicelanga (Abanye ke bathi Mnikwangquza engayicelanga,oobawo bathi ngokuhlonipha bathi Nikwanto).
U-Nqethe noGcaleka andikamva ebizwa apha ekhaya naxa sisexhantini,sibe sinazo iinkonde zalapha ekhaya endimana ukungcambazisa apha kuzo.
Kwenye iwebsite,ndikhe ndadibana nento ethi amaZangwa la ngaMaMpondo,kukwakho nendawo yooZangwa eseMtata elanda ukuba sisisizukulwana samaQhakancu.
Ngoku ndifika ndibhideke apha ngoba nala maxhego awaveli ncam kule ndawo.Ingaba unall na ufifi ?
Enkosi ngalo msebenzi !!!
Le blog was a very good idea..thank you Abo.. I am very close to quiting on finding my roots.. Ndide ndazi xolisa uba mhlawmbi andingo mxhosa abantu xandi buza ngesduko sam bakhuza uba sinqabile. Ndingu Mampila uNolandu uNochachela.. Qha ndi phelele apho.. If I can get help please!
Masiqale sibhaleni isiXhosa esisulungekileyo. Unganceda njalo kuqala. Zama nje wena. Ukhubeke usiya phambili.
Mpila
“Mpila, Nolandu. Nocacela, nozithunguthungwana inyanga yezulu. AbooJabanqa umntakaMpila. NgamaVimbela ngoba avimbel’uBhungane; waz’uBhungane wathwala usiba lwalunye waya watshis’imizi yamaVimbel’ooJabanqa. Ath’amaVimbela kuye Mlotshwa naw’ uyafelwa. Kufimbuyisa zakho zambili, kuf’ekaDlomo kwaf’ekaNcobo, ngabasingatha isidumbu sikaMpangazitha.”
AmaMpila oJabanqa amaVimbela ngamaHlubi kodwa aba ngamaHlubi emva kokuba elwe noBhungane ikumkani yamaHlubi waze wawakhonzisa ngaphantsi kwakhe kodwa wona ayengamaVimbela kaJabanqa ngaphambi koko.
There is an error on that iziduko nezinqulo zamaXhosa
jikelele (Xhosa clans)
Dlamini, Dontsa, kheswa, Nkwali, Nkomo, Mtungwa. Khumalo, Radebe or Hadebe, Tshabalala, Bhele, Sikhosana, Mbanjwa, Miya, Zwane, Mahlangu, Maduna r amaHlubi Clans not Xhosa!
Dlamini, is a royal Hlubi house including Mbhanjwa, Miya And Dlangisa and The Royal Status of Dlamini in Recognitions is Zizi likwa Dlamini
Zizi Likwa Mbanjwa
Zizi likwa Miya n Dlangisa n they were twins!
amaTolo 2 r part of this progeny!
Mahlangu, Khumalo n Nkomo r the Children of King Mtungwa of amaHlubi.. thats y in Their clan names r Mtungwa!
Radebe r amaHlubi royal clan as well n the last Progeny of amaHlubi Royality!
Sikhosana r amaHlubi clan who r the children of King Musi the son of King Mhlanga of amaHlubi thats y their surnames or their praise name is Msi Sikhosana..
Tshabalala r amaHlubi clan who came thru marriage in amaHlubi Nation
Nkwali r amaHlubi clan who came thru marriage in amaHlubi nation n originally they r frm AmaNdwandwe nation!
Maduna r amaHlubi clan bt r Sotho in origin(Matona)
NGQOSINI, NGQARWANE, SUKWINI, GQWASHU, GQUNU, GIQWA, SISTHATHU, CETE, r khoi khoi in origin
amaNgqosini descend frm King Goost Gaba of the khoi Koranah n amaNgqarwane, Sukwini, Gqwashu, Gqunu r from Gona, Dama n Hoengiqua n Sukwini r the clan of Sukwini son of King Hinsati! isiThathu r the Mix khoi n san
Daluxolo, I am always the first person to admit that this is neither perfect nor authoritative. It is merely a platform for some of us to teach and be taught about where we come from, naturally, where we are going. All comments posted here are important and I take great care to insure that each one is posted or rejected not on the basis of whether it agress with my view, but whether the greater public can benefit from it. There are many comments here that disagree with my research. I could easily delete them. But I have not because it shows people that I am not a fountain of knowledge, but just a facilitator. As such, I am happy to recieve your comment. Thank you.
i.e.: Next time please write in your mother toungue.
Bantu bakuthi ngokujonga kwam kwinto yabantu abathi bangabaThembu – kum ingathi uThembu lona yindawo njengoba kusithiwa Thembuland. Uyakuyibona lento ngokwahlukana kweziduko ezithi xa sizithutha simfake uThembu. Mna ndinthi uThembu or Thembuland yi-area apho basuka khona abantu besosiduko sizinqulayo sibe simsebenzisa uMthembu. Umzekelo ukuba ndithi ndisuka eKhayelitsha ndizokuthi ndinguMkhayelitsha kodwa ndibe ndinesiduko sam. Lolwam uluvo olu – ndakuva kwabanye ke ezabo izimvo.
Sent from my BlackBerry®
Ndigumbulangwe ndifuna ukuzithu kakuhle nomnombo wawo
Ndifuna ukwazi ngamabhulangwe nomntu okwaziyo ukuzithutha andincede kakhulu
Mna ndicela nindisendele isithutho zamagcina ziphelele ndingumamgcina kodwa andizazi zonke ndifuna ukuzazi please send them kule email ngxowanomphetho@gmail.com
isiduko esithi amazongozi, sitsho ukuthini ndicela uncedo
Itsho uphinda nomie bathi bakukhwazwa oogaba nditsho ndizive ndiyindoda ngokwenene ndicinge intlanti zikabawo xa emephambi kwazo ebiza oogaba ebanqula oonozinga omjobi ohili awu watsho umxhosa madoda ezobika echwaytile exela intlanzi idloba emlanjeni kusekhaya ke apho
ndicela imvelaphi yamantshilibe nokuba azithutha njani
Umntu ohamba ngesiduko sakwaNgutha angazithutha njani?
Nguta, Mabi, mwelase, mahekade, maphakul’angadli ndiphela apho kemna.
Sent from my BlackBerry®
Molweni zihlobo,igama lam ngu Natasha. Kule website isiduko sam asikho.Isiduko sam nguMamzangwe,Uchayi,Unjanana, amanye amazangwa ngootyhalo yaye mna andinguye utyhalo.Ndicela umntu osaziyo esisiduko andithuthe ngendlela.
MamZangwe,Chayi,Njanana,Ntubi,Mbharu,Ntelele,Zongozi,Msuthu,Sazobe,Nyilitha,Msengana,Sibi,Mabhula,Sazobe,
Molweni igama lam nguSandi ndifuna ubulela uMzimkhulu Dipa ngondithutha goma bendingazi ukuba Amazangwe azithutha kamnandi kangaka. Nditsho ndaphila ngaphakathi emphefumlweni. Inye nje into endifuna ukuyazi, ngaba Amazangwe Chayi Njanana Ntubi Ntelele Msuthu Mbharu Songozi Nyilitha Msengana Sibi Sazobe bangama Xhosa okanye Amathembu njalo njalo. Enkosi mawethu.
Khanithuthe aMandlovu madoda…ndibubhideka
Mzangwe omhle mbalana ndiyaziyo yeyokuba singabeSuthu sasibuya eLesotho singamaZongozi kolo hambo kuthiwa sasihamba namaNtshilibe ndingathi ke singamaXhosa kodwa ke asingabo abaThembu,
Mpendulo Njuza Mduma Mdunyelwa
Andiziboni ezethu kodwa ke mandenze kanje ukuziveza/ ukuchaza imbali yethu , ngokobuzwe singamaMpondomise, kukho ke into ethethekayo okanye engade icace ebantwini ukuba uRhudulu ngoyena osentloko kwesisiduko sethu ke uzala uTshangisa kunye noninawa wakhe onguNxuba, UTshangisa waye wakhutshwa ngu Sabe inkosi yayiphethe amampondomise ngoko baye kuncedisa aTshawe njengoko wayebacelile esilwa kunye noMkhuluwa wakhe uCirha bathi besakubabencedisile bauphumelela lomlo baphiwa umhlatyana nguTshawe kuba ecinga ukuba ukuba Tshangisa aba bangaphindela emaMpondomiseni angabuya uCirha aze kumhlasela.savela apho ke esiduko sethu sithi Mhlatyana, kwaze kwavela nokuba singamaNgwevu ngenxa yokuba bathi ooCirha ukuba bezingekho ezangwevu zasemaRhudulwini ngesiwuphumelele lamlo.
sithi ke xa sizithutha [Rudulu,nxuba,washota,standwa mhla kukubi,ntongana encinane yöngqungqa amankazana phesheya komthatha,ngutorhibe,usaliwe,mbalishe,amawele kuzana ugaduka,nonabe,ndulunga zimbini enyisentla enyisemnyango,ntethe yohlaza,inqilo lethamsanqa,isilo samanzi,bafazi bekhaya bhincani nihlonele iingwevu, oomalalanentombi nobisexesheni ,Ngcingane,mduma,nohayi namhlangenzanganto,amabulawa zizchoto hayi umkhwitsho, njuza, khalakhulu, tshangisa, Skomo, zulu, mhlatyana, snuka, bhodlinyama, tshangisa, mngwevu, mndimile nam ngöku.sitsho mampondomise
mthembu kunento endingayichaniyo,mandenjenje mna ndingu mhaga sabe mawelukazana gqwetha nogqu butsha thole mthwakazi ,ke andikwazi kuqhubekeka xa ndilapha ndicela uhlabe amadlala. 1)ngaba eli thole lomthwakazi lali vela phi?. 2)ekuhamba hambeni kwam ndive kusithiwa amamhaga no jola ngumntu omnye/ngabo mnto omnye ndicela undinabisele ngalombandela.
Ndiyabhideka Abongisocial xa usithi amaNgxongo aphantsi kwamaMpondo. Mna ndinguMngxongo uNtsundu sikwisizwe sabaThembu.
mna ndicela uumntu akhe andithuthele amaTipha andazi nokuba kuqalwa kuthweni
Ndicela imbali/imvelaphi kaMvulane mhlekazi uba uyayazi ndiyacela.
Camagu
Mna ndinguMzangwe Uchayi Njanana uTenene uZongothi Unogwagwa Untubi Umsuthu Unange .Qhibezalani basotho baka Nange ndiphelela apho ke mna Bongani Waka Loli Emazangweni .Asizalani tu no Ncuthu Amazangwa.
Thina singamaZangwe, Chayi,Njanana, Ntubi, Ntelele,Mbarhu,Ntsarhana,Nyilitha,Hlongo,Ndevu,Rathana,Sibi,Sazobe,Sidudu,Mabhula,Msengane,Zongozi,Msuthu
UPhalo yena uthini xa ezithutha ndiyeva apha abantu bayazithutha kanti yena ude athinia?
Sbulele ingathi kuthiwa nguPhalo kaTshiwo. Kodwa ke andiqinisekanga. Masithembe kukho onokusikhulula apha.
Hayi kenoko uyaphazama apha ebukhosini bamampondomise, ngo Majola amakhosi hayi eziziduko uzitshiloyo
Mna ndiSandile iduko ndinguMgeba, uHala ududumashe ndiphelele apho ndicela umntu ongandinceda ukuya phambili
Mna ndinguSandile isiduko ndinguMgeba, uHala ududumashe ndiphelele apho ndicela umntu ongandinceda ukuya phambili
Ndiyazibongela ezam iziduko kodwa kukho endingakuqondiyo Ndingu Mamnguni mna andiziva ncam ndiva ezi zino Qhuden phakathi ingaba singo Mvelase na?
UmNguni no Gumede abahambelani na? Ubona njani wena? Khawuke usibuzele pha kokwenu.
uNguni nguNozulu uMbanguba uKhweswa uMpangazitha iChumane akadibenanga noQhudeni amaThembu bakaNgoza, abantu banempazamo yokudibanisa ezi ziduko zibini. Eyona nto ibangela lento kukuba amaChumane ayehamba kunye noNgoza kaMkhubukeli ngelixesha ewela uMzimvubu besinga emaMpondweni kwade kwalahleka imbali kuba ezi ziduko zihlala zihleli zombini. abaNguni bakaNozulu oKheswa oMbanguba amaChumane bazalwa kunye namaKhambule amaNcube bezalwa nguMlotshwa.
mhlekazi lizizi eli onomani.ndiva kusithiwa ojama aba bafudula bezinkosi phaya.ngoku bendinomnqweno wokuva banzi ngalonto xa ekhona oyazi ngcono enkosi
please help me somebody ngesi duko uGangatha, Khathua
UKhawuta nguNgconde kumaGcaleka. Ndazi njalo mna. Mhlawumbi ndiyaphosisa.
bendifuna ukwazi ngomnombo wamaPhakathi. ndili lungu losapho lakwaNgcauzele, ingu Mihle igama. ngolwazi lwam singamahlubi. iziduko endizaziyo nguPhakathi, fayisa, nonkosi, nongwekazi, nonxongo, ingelengele, ihlubi elihle, abo bawela umlambo uthukela, intombi zaseMbo zithwala udaka ngengobozi. ndisaphelele apho, uyawukongeza onolwazi olubanzi kunam
NgamaHlubi ngqe.
“NgabakwaMngunikazi, izangond’ezimnyama, ezibantwana banga ngeni. Awofukutha abaJiyane bakwaNomafayise.”
Ngxatsho ke mhlekazi Mna ndinguMsimango, u.bhutho, uThabizolo, Songo, uDumakude, unyel’enkcenkceni ihlubi nooTshaka ke abo. Ingaba zangekhe udibane nezi iziduko?
Ndiyakuva mThembu, ndikuva kakuhle futhi, kodwa into ongayitshongo yile yamaNyandube abalekayo ebalekela eTsitsa, ukuba ahlobene namaMpondomise. NdinguTshayela, Jola, Qengeba, Mphankomo,Ntshengecane, Ngwanya, Cekwe, uXhakalilambile lingalambelanga ntoyamntu, Umfazi obelelinye, Mpondomise, Ithole loMthwakazi. Kuthwa sibuya kuTsolo. Andinalwazi ncam uba ngaba sidityaniswa nabanye ooJola aba bangaka
Mandinibulise sizukulwana sika bawomkhulu uPhalo. NdinguTshezi uJalamba uGambushe uMqal’ungangenduku, uNjilo-njilo kuyas’elwandle, uNkonjan’ebhabh’emafini, nyok’emnyam’ecand’iziziba Ntomb’ebele linye phesheya komlanjana. Ke mna ndiphela kule ndawo, ndingonwaba kakhulu ukuba onolwazi ngakumbi ngesi siduko sam anganda okodlula apha. ************ Ndizalwa eMpuma Koloni iSajonisi (PORT SAINT JOHNS) yidolophu. Umfula endingekhe ndiwudelele nguMzimvubu, andiguqi nangedolo ndisele kuwo. Intaba zimbini yiMpembeni neTshobeni, iQandu yilali yam. Kodwa ke ngokwangoku ndise North West eRustenberg eMogwase ngokomsebenzi.*******+**** Imvelaphi yam: ubawomkhulu weza nabazili bakhe eseligatyane lomfana kweli laMampondo, befuduka phesheya koMthatha kwaBomvane. Bashiya ukhokho umkhuluwa kayise kabawomkhulu wam owayegama linguTyelinzima kumzi waseBhongweni. Waze ke ubawokholu waphandlwa yintombi kabawo uSidiki kwaKhiwa Nomakhala Gogolenyathi Nomaqwebedu kaNdaba. Ndicela nindicede ngesiduko sakulo mama ooNdlovu.
Umna ndifuna ukwazi ingaba Amangqosini. Ayangqitha na*kuba mna ndine ngqithi abantu behleli beyibuza lento and ayindiphilisi kakuhle ,Nandipha Gadu
Zangwa, Khwalo,Ncuthu,Debeshe, Mpondo zephela, Mthombothi, Nqene, Iintwezimnandi,Mlanjana, Nkume, Nceya, Mnikwangquza engayicelanga, Gcaleka, Nkonjan`emnyama ebhabh`emafini, Mlambo awuwelwa uwelwa zinkonjane kuba zinzmaphiko
Ngilibhacakazi, kodwa elingaphelele ngoba angize ngithole ukuba uthini umnombo wami (Mbanjwa). ukuba ungancedisana nami nendlela engingahamba ngayo nginga vuya. Ngizithandile izinto engizifunde kule site.
Mna ndimazongozi andiwaboni apha ingaba uthin umnombo wawo xa sizithutha sthi amazongozi omadla ombhebe oninwayo ndicela uncedo
Camagu! Mna mna ndngAndiswa kaBangani, inkaba ingaapha ezantsi kuGatyane, ndiliZizkaz ke mna uJama kaSjadu, kodwa ngk ndnomnqweno wokwazi ngooNguta, ndaz njee ba ngooNguta, cela izthakazelo,,,
hi my name sinna my father’s surnama is sibutha but recently found o ut that his real surname is Umbele and unfortunately he passed on hence i dont know anyone from his side,i would like to get izithakazelo of both if anyone can assist.i just know of sibutha,mabongwe,nqalela,sondisa and umbele i think is okhwalo ,nquthu.please assist furthet my e-mail add is smakhado@gmail.com…….please,please….plenty of love sinna
OoSkhosana ayingomaBhaca ngamahlubi… Futhi amahlubi awakho phantsi kwamntu ngabula wena ke uzibuza uba awela ngapi. Amahlubi sisizwe esizimeleyo sinobukhosi baso. Yeka nje ukuba sithe saa kwilizwe lonke ngenxa yeemeko esazifaka kulo mhla-mnene.
Mpambo!
NdinguDlomo, Dludlulu kwabezindlwana. Isibhushwana esingenangubo sohluthwa ngohlangothi eNxokotyeni. Imbabala kaMashiya noDlomo bayigweb’ igijima. UMncube. UMzilankatha, uBhucwa, uMzilankatha, uNzimende, uMlandelalanga.
IHlubi ingelengele elinzipho zimnyama ngokuqhwayana. IHlubi elimnyama elihle neenkomo zalo!
Molweni
Mna ndiyintombi yakwaFola, ooGqubushe, kodwa ndicela uncedo ngemvelaphi yamaQocwa, ooZikhali, Thiyeka…..ndiva amarhe okokuba ayesisizwe esizimeleyo aze agqugqiswa nguTshawe, bendicela ukunatyiselwa.
Baphi na ooNdlovu, ooGwala, ooGengezi…khanivele nani nizithuthe klk ntozakuthi. On Jun 14, 2013 10:58 PM, “Abongisocial’s Blog” wrote:
> ** > PumezaPortia commented: “Molweni Mna ndiyintombi yakwaFola, ooGqubushe, > kodwa ndicela uncedo ngemvelaphi yamaQocwa, ooZikhali, Thiyeka…..ndiva > amarhe okokuba ayesisizwe esizimeleyo aze agqugqiswa nguTshawe, bendicela > ukunatyiselwa.”
Owam umbuzo nanku: OoNdlovu ayingabo na ooGatyeni? Okanye ndiyaphazama kusini?
OoNdlovu ngooMtungwa kaloku
Sent from my BlackBerry®
Hayi noko andivumi. UKhumalo ibengubani yena? Mna ndazi uNdlovu inguGatyeni, uMamali, nkomo zidl’ ekhaya. Yeka nje uba ndingakwazi kugqitha apho.
Hello
Ndicela ukwazi banzi ngamazangwe uchayi, janana, untube,telele, umsuthu, obhara. Ukuba ngamaXhosa or Amaphondo or Amathembu, etc.
From
Sandi
Molweni nam mandizibulisele! Ndingu MaHlathi, Jambase, Canzi, Sandzandza, Msuthu ndizalwa yintombi engu MaMkhwane, Sigasa, Mwelase, Ngwekazi, Malal’egabuka njengenkungu, Silosomfula and ndiyabona ukuba asikho kule list yeziduko ndicela zifakwe nazo ku Abongisocial. Ndidibene nale blog xa bendikhangela imvelaphi yamaMfene ooJambase. Kukho amaMfene angooMjoli andikwazi kugqitha ke apho and asizalani nawo mhalwumbi nawo angafakwa kule list. Ndingavuya ke ukuba xa kukho ubani onomnconwana wenkcaza okanye imvelaphi ancedise bethuna kumnandi ukuzazi.
Funda apha ezantsi. Ukhona uJola, Jolinkomo, Qengeba, Thole lomthwakazi.
amantshilibe oobhanqo oobobese oondize mawake azithuthe kudala ethe cwaka mna ndiphelele apha ukuzithutha
Camagwini mzi ontsundu ! Mna ndinguMambamba uKrila Thangana Umbombo Urhaso urharhabe ugragra ubhodlinja ngoku ndifuna onolwazi andixelele. Ukuba sidibana njani nokhawuta nogcaleka ngoba ndike ndive amabamba xa ezithutha ezifaka eziziduko zibini enye into ke ndifuna ukuva ukuba ngaba sinabo na abantu bebala nha kwesisiduko(coloured people)ngoba ifani zasekhaya zimbini enye yeyesixhosa enye ke yeyebala nguMei(May) kwaye ke noMakhulu wam umama katata ngoweBala wayesuka ebloemfontain ndicela onolwazi andiphendule
Hi Namhla,
mtakwethu thuthuzeleka Mandlane… Nam sisi ndingu Mandlane, sithi ke xa sizithutha. Ndingumandlane, ututuse, nomdimba, uYemyem, uvela bambhentsele, abanye ke badla ngokufaka no Usopitsho, kodwa utata wam ebengamfaki usopitsho, kodwa uTatómkhulu ebemfaka…. hey into endiyifunayo mna endicela ukuncedwa ngayo, yimvelaphi nokuba ndimni, like mfengu, okanye, ikhaya likatata lise Lady frere….. ncedani bethuna
YOLISWA MAJOVA NEE” (SKADE)
Hi Namhla and Vuyiswa
Nam ndingu Mandlane, ubuyiswa usichaze kakuhle kakhulu isiduko sethu sinjalo, enkosi ndibulela ukwazi okokuba ndinodadwethu.
NdinguLuzuko Mnyapha ikhaya liseQonce ndingumChete uChizama uNchencheza uBhukruma umLowa,ndingumzukhulwana kaLayitha, kaNtshinga, laNonhenhe kaMnyapha ndicela ukwazi banzi ngesiduko sam nandemvelaphi yam. Lwankelekile uluvo nolwazi kum, lungaqhithiswa(email-lefty.mnyapha05@gmail.com)ndiyabulela.
molweni kuni nonke … Mna ndinguMaNzaba , UMsuthu , Bhili , Mancoba , Gase , Mwelase Iinto ezihlala entabeni ezinkahlambeni zishubele ngenqatha lehashe … ndiyacamagusha .. Mna ke ndingumSotho from latribe yabeSotho ONzaba OMsuthu Ndiyacamagusha kwakhona
Mna ndinguGaba, Msuthu, Cihoshe. Ndima nokubulela ezam uzitsho kwavokotheka mfo kabawo, ngalo mazwi ndithi ngxatsho, maz’enethole.
Molweni zihlobo igama ngu Akhona izibongo zam zithi:- Bungane, Ntsele, Makhulukhulu, noNkulunkulu kodwa akangangoBhungane (ngoba uziqu zithathu ezikabhungane zimakhulukhulu), ndlubu ezamil’ ebubini ngoba zesab’ ukwehlela, ingab’ emhlabeni zesabani?, mthimkhulu, bomagawul’ imithi emincane emikhulu ivele iziwele, ndlebe zikhany’ilanga, ndleb’ entle zombini, sigoloza esimehlo abomvu esijonga umntu kubengathi siyamjamela, mashwabadela owashwabadela inkomo kanye nezimpondo zayo, mafuzafulele njengelifu lemvula, hlubi ngelengele. kethina ke sifika apha eMzantsi Afrika ngonyaka oqikelelwa kowama 1300, sifike mphambi kwamaXhosa namaZulu. iinkosi zethu zangaphambili ndingabalula oo Chibi, Busobengwe(Bhungane), Bhele, Muhuhu, Mpembe, Masoka, Ndlovu, Dlamini etc. kuthe ngonyaka wama 1925 isizwe sethu saseMbo okanye saMaLala sohluka bubini esinye saba sesika Mthimkhulu (Ngelengele) esinye saseka Mswazi. kuthengowama 1735 latshintsha igama sangaMahlubi ngenxa yemfazwe yangaphakathi yobukhosi phakathi koRhadebe noDlomo. kuthe ngexesha leemfazwe zoShaka (Mfecane)1818 iMthimkhulu11 nomninawe wakhe uMpangazitha babulawa lingwane uMatiwane ka Hlongwane, siphume ngeloxesha ke eNatal saleqa uMatiwane sikhokhelwe nguMarwanqa(mthimkhulus brother) no Mehlomakhulu( Mpangazithas son) kunye nonyana bakaMthimkhulu like Magadla, Ludidi, Mhlambiso etc saya e Eastern Cape, amanye amaHlubi aya e North West like Ngalonkulu (Mthimkhulu brother) and Sondezi. Abanye babaleka noMilikazi baya eZimbabwe, abanye eLesotho nase Swaziland. Manditshaye
Mando ngeze nge sam:Gavu ka Mbangweni Khaso kudu Mnyama ubambile uMfazazana onyisela phesheya komlanjana ,Isiginya mkhonto noluthi lwayo uMsantsaba uMthwa ka sihula .Intusi yenkomo
Abongisocial ndiva into ebuhlungu ukuba esam isiduko asichazangwa apha, mna ndingu-Masango, inyande’mnyama yaseNyandeni, uMathsanana, uNomqhetsuka,uMpafana, uMlungwana, uNzitha, uNophathsela ndizalwa nguMampandla, uMbona, uTshayingwe…
Uxolo kaloku. Sukuva kabuhlungu. Kaloku ndimnye kwaye andinalwazi lungako. Ndixhomeke kuni nize nalo. Nje ngangoku ukuba uze nalentwana uze nayo. Usebenzile. Enkosi.
Andiva kuthethethwa ngoo Zengele, Thiyane ooDunjane! Ingaba bona bakweliphi icala?
Mna nje ndithanda ukubhala ngesiduko sam sakwa miya nangona nje ndingasazi sonke.
Ndingu Miya,Gcwanini,Sbewu,Salakulandelwa,
Mja,Mancoba,Vesi,Mandeluhlwini,
Sijekula,Makaluza,Malebomvu,Saliwa.
Mna ndingathanda ukubhala isiduko sam sakwa miya, nangona nje ndisazi kakuhle.
Ndingu
Miya,Gcwanini,Bincelehlangeni,Sibewu,
Salakulandelwa,Mja,Mancoba,Vesi,
Mandeluhlwini,Sijekula,Makaluza,
Malebomvu,Saliwa.
Ndim lowo
Sindisiwe mhlabelwani wase Matatiele eTsepisong,wakwa Nthabeleng Letuka.
Malume wam ngu Tshediso Letuka.
Umamomdala ngu Nomajama Letuka.
Ndiyaziqhenya ngam nange sapho lwam.
Mna ndingu nxuba rhundulu mgaduka umncingane umhlangana kwena impondomise umntu wom lambo ingixa umbengo unokomo zawela ziyabuya into zifaka umbengo emanzi uphume wonjiwe
Andiwaboni aMawuza ooNgcolotha Luhloza Tabhu .sizinze kumhlaba waseMaxesibeni ,Mbizana ,Harding nase Mzimkhulu masaziwe bo.
Mna ndiliBhele,
Andikuvanga undichaza ngendlela endizazi ngayo,,
Kodwa apho ndikhoyo, ingaba oBhele aba badityaniswa yintoni, Nonyathi,Novezi,Mbombo,Mbudede?
Ndiyazibona zibhaliwe izinduko zezizwe zonnke zamaXhosa .kondwa ndiyafuna ukutsho uba zikhona izikhewu ezisileleyo ekubhalweni kwi zinduko zama Gcaleka ooTshawe uPhalo ooRharhabe.Sandile singamaTshawe kwa Gcaleka,mna ndingu Soya,Gayeka,Nohlobo, Mbokodwe bomvu,Tyham latyhobhoza.sandule sisithi singama Tshawe
NdinguMthembu,Mvelase,Ngoza ndinqwenela ukwazi ngevelaphi yethu,ukuhlobana kwethu nooNozulu,Dlomo kunye nooMabaso
Ndiyabulela!!
Nam ndinomdla ke kule. Ngoba ndiyazalwa apho. Kodwa andikazi nto ingako. Umbuzo wam nanku. Ingaba uMpafana noMpofana ngumntu onye? Ndicinga njalo kodwa. kwaye mna ndicinga ukuba uMpafana akekho, nguMpofana qha. Ndiphinde ndingayazi ukuzi ukuba uMpofu noMpofana badibana phi? Lento ifana neMpondo noMpondomise, uCirha noYirha.
Ilike to nkow more about myira it look like is not all thr
Sekunzima nokuba umntu afunde ezi sezikhona? Oh Hayi bo. UYirha ukhona apha. NguThambolenyoka. etc
Molweni
ndicela ukuxelwa ngesiduko sam uValela,usukude(wasemampondweni) nefani yam enguGenge
My clan is so scarce I wana know about it more,and its «NGUTA»my surname is MBANGA.
Bhotani Mawethu
Mna ndingumamNyele,Nune, uMbokothwana. Nothuswa nje kukungaboni nto ithethisa ngooWeweta (that is amaNyele).
Nyawuza ooFaku,Hlamba ngobubende,Sigcawu sinoboya,Thahla kaNdayeni,Ngqungqushe Ziqamshe,Ziqelekazi ooDakhile
Not zakuthi
Iyandivuyisa kakuhle le ngxoxo. Mna ndinguNqukhwe, Dinda, uMgabaza ongafiyo obulawa lukhula kuphela.
Ngokwazi kwam uNtose ongumzukulwana kaMpondomise wazala uCwerha, uNqukhwe, uDlongothi, uMfusi kunye noVambane owayeliphelo. UDlongothi noNqukhwe bengamawele. Aba wazala ngumfazi omkhulu owayeyintombi yaseDutywa eXobo.
Waze kumfazi wasekunene wazala uMpinga, uMbhutsha, uRhomba, uMngqukazi noMadiba.
Waze kumfazi owayenguMthwakazi owafika noMawawa evela kuTsolo wazala uJola, uNcolo, uMhaga, noNosabe.
Waze kwintombi yaseLutateni eyalotyolwa sisizwe samaMpondomise ekwakufunwa izale inkosi wazala uDosini, uNxasana noSikhonza.
Khawundilungise ke apho ndikuzama khona before ndehlele ngezantsi.
Tyhini! Kukho abantu abafana nawe kanti kulomzantsi afrika? Hayi undikhumbuza ekhaya emqanduli mahm. Qha maan ndingathanda xa kukho umntu ondinika iziduko zam zonke ziphele. Mna ndingu Jola, Jolinkomo, Mphankomo, Thole lomthwakazi, Qengeba, , Phahla, Ngwanya, Ndleb’ endlovu, Mzi Welanga. Ke xabe zikhona ezinje ndingathanda xa unondithumelela I massage undibhalele zona zonke. Kapha kule email. Sifiso.madikane@yahoo.com
OoZibula : amahlwane, masabisa, oomkhaliphi, tshiya, ooshlala somnga sigawulwa sisahluma, osithebe sibanzi sisikela amavilakazi, nkonjane zona zinamaphiko Amade ziwela ithukela… Sithi ke abo
mna ndingu Maya, Magwa, Nxego, Mntande, uZondwa, Yem yem, usopitsh’ungqolomsila, uVela bembhentsele
Mholweni maxhosa amahle. Lihlubi eli,uDontsa,Dludlu,Nodlabathi,Mntungwa,Msuthu,Nomafu,Tshemba zatshele,Baybamba bayiyeka bethi ayinamhlehlo kanti ayingomhlehlo yimbambalala,Zintombi ziyandizulela ebusuku ziyandibalekela. Nkaba yam iku Cofimvaba kuNongqongqwana.
Ndicela khendive ngaMazangwe not aMazangwa
Hayibo Mbulelo. Hayi noko 😦
I noticed that it is said that ooGxarha ngo Jalamba of which they are not, ooGxarha, Vambane, Siyoyo, Cwerha, Mlawu, Mbangandlela iHlahl’elagawulwa lashiywa phesheya komlambo kwamfaz’obele linye.
Enkosi ngesilungiso, Vambane 🙂
I dont think amaBhaca ngamaxhosa even nakwihistory yawo akhonto ewadibanise namaXhosa. I think you need to search deeper about them.
Secondly iziduko zamabhaca ezininzi awuzifakanga e.g Inkosi zimaBhaca ooZulu, nofisa, nomsunwana, khalimeshe. Esam ooNtsinga, Khwetshe, dlamshe, ntunzela, nyanyaza, ntomonde, zipho lomkholwane. esakulomama ooHlaya, qubulashe,nonina, nozigoboda, osinda ngobubende kovelithokazi. nezinye ke endingakwazi ukuzithutha.
The main aim of this blog is for us to educate one another about who and where our ancestors came from. Therefore, your attitude of being an arrogant, pompous Mr Know-it-all is neither amusing nor welcome. If you were smarter, your attitude would have been civil and inquisitive, not bossy and domineering, dowsing our endeavours to know ourselves with abrasive “I think you need to search deeper about them” mentality. Why don’t you search deeper about them and every single ancestor in this country if you know so much? No offence intended, Mr Ngalonkulu.
Have a nice and have a better approach next time. Thanks
Ndingu Msutu ifani andiyifumani bakwenzeka njani ukuze kubenjalo ndingabinguye uMgontshela ozala u tatomkhulu wam onguMlahleniselefile onkulu yakowabo inguNkonyovu. NgabakuCentane eGqunqe, Nxaxho naseChebe.
Ndingawuvuyela umlando kaMgontshela, uzelwe ngubani ezalwa nobani yayingubani wasemanini inkosikazi yakhe. Abanye babantakwethu ngokwesiduko esingaMaYeke ooBhukashe Nodalabembalekela naso endingayaziyo imvelapi yaso babiza oMqhunyengana, Lalose, Zenani, Tomsana.
Bendicela ke kwabanolwazi olungcono bandityebisele ngemvelapi kaMgontshela noQengqeleka nesiYeke ngoba abanye bathi singabaThembu oQhudeni kanti abavumi abanye.
Mna ngungumthembu wakwa Pato inkosi yamaXhosa – Umgcina unokwindla ugcaleka otyhopho ndibafunga betyhaphakile – Ndiyaz ukuba singabasebukhosini
Ndiyabona ukuba esisam isiduko asikho apha kodwa mandiziitsho nam madoda: NdinguMaMgema,MaKrancolo,Jali,Msiza,MaMbinza,nonkobe ndophule undibeke ngapha kwezikho!
Gatyeni,mnywabe,ndondela mlawu,mgcaleka,mkhentane,nkom’ezibomvu zidlekhaya ngokuswela umalusi,mlowa,msothu,sandla sinemali.mandibe ndisima kulondawo.
Mlungisi ingaba uNdlovu akangeni na apha kuGatyeni? Ngoba ngesiZulu nangesiSuthu uyangena zwabha.
OOLetha ngamani xa ezithutha? AmaNtakwenda, ooKhwangeshe.Badlul;a bathini ke?
Advocate Ntsebeza masithembe uzakuphenduleka. Kumnyama kum.
Bathini ooLetha xa bezithiutha?
Ndimamgxongo untsundu ndicelukwazi sindibana njani nodlomo kodwa ke asingawo amapondo singabathembu
Uvakele ke Mazowu wasebaThenjini
Iyandiphazamisa lento yeziziduko zifanayo,ingaba abantu bazo bayazalana bonke na and kutheni bezohlukanisa nje?.ukuba hayi,bohluka phi?.Naba
Amazima,Ooqithi,Amcube,Amadlomo,nooTsundu.
Inkoliso yababantu bangentla banoYem-yem,ooZondwa,ooSopitsho,OoBomoyi,bagoNgqolomsila.
Nawaphi amaNtande,ooNxekho okanye amaHala kwababantu bebonke?
Mhle lombuzo wakho. Uyafana uCirha no Yirha. Nam ndisajonge ukukhululwa apho. Nqwa no Mpondo noMpondomise. Andazi kutheni zifana. Masithembe sizokuphenduleka Nyami 🙂
Ndicela nje ingcaciso ntwakuthi: uGxarha umohlula kanjani ku Mahlahlana kuba ndiva Uthi uGxarha ulimpondomise kodwa ube usithi u Mahlahlana limpondo
I want to know where Amanfene come from.are they belong to Xhosa or Sotho
AmaMfene andiwazi ukuba asuka phi. Into endiyaziyo yeyokuba akukho bantu basuke babekhona njee. Soloko kukho utshatelwano phakathi kweziduko neentlanga. Neemfuduko ke ngokunjalo. Baninzi abantu baseLesotho abaza ngeneno ngeelaxesha leemfazwe zeMfecane. Kanti nangaphambi koko, njalo nje nasemva koko. Iziduko ezifana noMaduma ngabeSuthu. Kodwa ke zonke iintlanga zixubene. Akukho hlanga linokuthi li “pure” gabula makhumsha.
Xa ndisiza kumbuzo wakho ngoMfene. NgesiSuthu nguMtshweneng, uMaduna nguMatona, uNgwenya nguMokoena/Kwena, uNdlovu nguTlo njalo njalo. Andazi ke nokuba igazi linye okanye kwenze njani. Masiphandeni sonke.
Kukho neziduko esingazaziyo ukuba zithetha ukuthini. Kodwa uthi xa ufunda elinye ulwimi uqaphele ukuba esi siduko sakho ligama elisetyenziswa rhoqo kwelo lwimi. Umzekelo nguDikela (emaQwathini). Xa ubuza uMQwathi (nam ndinguye) ukuba uthetha ukuthini uDikela, azokuxelela ukuba akayazi, azi nje ukuba ligama lika khokho ka khokho. NgesiSuthu uDikela uthetha ukuba “tshona”. Ungamsebenzisa kanje: Ngwana o diketsi mo. Nto ethetha ukuba umntwana utshone apha.
Yintoni ekwenza ubuze lombuzo uwubuzayo ngamaMfene? ngoba kaloku mna ndazi ooHlathi bengamaXhosa,mna ndizalelwe emaMpondweni notata ngokunjalo kodwa singoHlathi,ooMfene imvelaphi yethu okokutsho apho kuzalwa uKhokho wam kuseQoqodala eLadyfree ezalwa nguHlathi,uMfene,uSanzanza ngokunjalo.Yiyo lonto ndiza nje Mtakwethu, hayi kakubi
mabeze kaloku noMLUNGWANA,ooGUBANGCA, ooBALALENKOMO
Ingxelo yakho mhlekazi wam yiyo kodwa ayindixolisi
Mna ndingu Mamntlane wase kapa ndicela nje into Enye , ndicela umntlane olapha anditsho maan , andithuthe kwaye naye Athi xaye ndithutha athuthele naye kuba eyazi ungumntlane _ mantlane ndiyacela , ndingavuya noba ndingancokola nawo ephonini _ 0732550013 _bbm 296A9377 _ 0216337374 _ mna ndingu nomathamsanqa
Wase kapa intombi yasemantlaneni _ Enkosi
Zizo madoda uphi unkandibomvu
Watsho kamnandi mfo omkhulu, kodwa ndinesikhalo awundibalanga mna, uNala, uMpembe, uNdokose, Nongquma, uKhay’ehlungwini, nojakadelana, uJiba, uMpondo zihlanjiwe thole leHlubi ke eli.
Ngu Hlathi uMfene lo,ndicela ukudlana iindlebe no Hlathi uJambase, kunento endifuna uncedo kuyo.Ndifumaneka kule nombolo- 082 719 3100 okanye utshiye umyalezo kule email adress ingezantsi.
Akhe nide nivele kaloku ntozakuthi, nditsho ooHlathi,ooMfene mna ndizalelwe emaMpondweni ndakhulela khona, ngoko ke ndifuna ukwazi nzulu ngamaMfene nendlela enza ngayo amasiko. Ndincedeni nto zika Bawo kuninzi endifuna ukikwazi, ndifumaneka kule nombolo-082 719 3100 okanye utshiye ifowun namba yakho ndizokufowunela nantsi i email adress-amboyi@geoscience.org.za ukanti ndikhona ku face book naku whatsup.
Ndicela ingcaciso ngamabangula ukuba ohlukene phi namaqwathi kuba kuthiwa ngabazukulwana bamaqwathi
Andifuni kuyingqina ncam le yoba amaxesibe zimfengu.
Ulwazi endinalo lithi singaBambo
Mna lo ndingu: Mnune Doyi Mbathane Xesibe Ndzaba Khandanyawana Bhaca Mbo
So le yakho intsha apha kum
Mnune ndiyakuva. Ndiyavuya xa abantu bevela nezimvo ezikhabana nezam. Ngoba eneneni mna andazi kangako. Nto nje ndaazigqatsa ndabhala lomqulu ndingena lwazi, ngethemba lokuba ndizokusebenzisana nabantu abafana nawe siphuhlise kwaye siyphucule.
Le yokuba kuthiwe xa abantu bebanizi “nguMbo nomXesibe” uyibona njani? Eyam ingqondo ithi amaMbo namaXesibe bohlukene. Qha ke yayizizizwe ezazinkulu. Ngoko ke xa abantu bebaninzi kuthiwe nguMbo noMxesibe. Ndiyaqajisela nje, andazi.
Mna ndifuna kwesi sam sakwa Sukude umntu azibize zonke ndizive.
Ndicela ukuthuthelwa iziduko zakwa Sinala ngumama wami lowo
Kemna ndingu Ncwane uStshinge uMavuma uVuminto engavunywayo uNcincithwayo uNgeyiya. andizigqibanga phofu.
Abantu ngabantu kukho uMthembu weseBathenjini eMpumakoloni kuphinde kubekho uMthembu eKZN ooMvelase bayazana labaThembu ngoku ithini into ingaba kukho amaMfengu kulomba ?
Simphiwe ndazi ukuba abaThembu abangamafengu (ooMvelase, Mpofana, Ngoza…) babesuka eMsinga phezu kweThukela kwiphondo i KwaZulu Natal. Ngabantu abanye. AbaThembu aba kuthiwa ngabaseNtshona bahlala eKomani, Cofimvaba, Lady Frere, Cala, Ndwe, Ngcobo, Mthatha bayazikhetha kumaMfengu. Kungcono sibuzeni kubo ukuba bazikhetha ngabuni.
Deyi Xhakaza Mbokazi Hlabe Zotsho beShwawu basemboo