Who is this Abongisocial?

Abongile is a mild-mannered, slightly off-centre young man with a rather keen and queer sense of humour and anger. He is not very educated and lacks a sober role model. He also hates unfairness in all levels and thus decided to start a blog with which he will undoubtedly save the world. Furthermore, he resolves to slay anyone who does so much as smile, let alone chuckle or giggle after reading this peace.

On a more serious note, I was born and bred in Khayelitsha, Cape Town in the mid-80’s. I later moved to the southern suburbs of Cape Town where I finished my high school in 2005. I then studied law. However, I feel that I am more of a writer than a legal scholar. This blog came about because two friends who work for a Cape Town nwespaper thought I had potential to be a good writer and satirist.

I have had a few family issues and tragedies. And I am smart enough not to think that they are not affecting me (even though I would like to think so) because in 2003 I was diagnosed with chronic depression and had to take medication (yes, you will know the green quasi placebo pills if you have been there).

Now I am a Robinsonian, a person who follows the beliefs that Professor Ken Robinson uttered in the TED talks speech about education. In a way the manner in which things are currently done in unfair on certain if not most people.

35 Responses to “Who is this Abongisocial?”

  1. Zama September 10, 2011 at 1:54 pm #

    Is this blog still alive? Kutheni ingathi kukhala ibhungane nje? Uba ngaba kukho umntu mandive…

    • abongisocial September 13, 2011 at 12:26 pm #

      Zama
      Andisoze ndibemde tu. Ndizakuzibamba ndingathethi kakhulu ndide ndonakalise. Mandiphelele ekubeni ndikubulele kukhulu ngolwazi nangamava wakho kulomxholo.
      Nangamso!

      Eyokukhala ibhungane kwale-blog ke yaziwa nguwe. Mna bendisabambeke esikolweni. Kodwa andizithwalisi mthwalo ngalomazwi. Ndingabeki bani tyala ngaphezulu. Ndidl’ amanqathe.

    • Cebo February 8, 2013 at 1:39 pm #

      Yhini!! Ncedani yintoni lento umnt’wengazazi.Ngesiduko kuthwa ndingu Mpandla,Mbona uTshayingwe ……. Ndicela umnt’onolwazi eze ngaphambili

      • abongisocial June 19, 2013 at 12:03 pm #

        Masithembe ukuba ukhona oneCEBO lokukunceda😉

  2. Zama September 13, 2011 at 7:35 pm #

    Ndatsho ndakuva Abongile. Kuthe kanti andindedwa. Ndimane ndikroba, ndakumane ndiba negalelo xa kukho ithuba. Enkosi kakhulu

  3. Zama September 20, 2011 at 4:50 pm #

    NGOBA KE IYIMBUTHO YESIXHOSA LE NDITHE MANDINIPHATHELE EZI ZIBONGO ZIKA KUMKANI UNQGIKA. MHLAWUMBI KUKHO ABANOMDLA KUZO******************

    NgusoTshul’ ubembe, uhlek’ abaneligqo,
    Uphambana neengcuka zigoduka,
    Untsimangwana yakwaNkwebu,
    Unyok’ emnyam’ ecand’ isiziba.
    Nguxhalang’ elimaphikw’ amdaka,
    Untloyiy’ onendlwane wasemajojweni,
    Uxamkaz’ oluphondo lunye
    LukaNgcengulana—elifel’ efusini.
    Ngumafuman’ alumbole naseMpembeni,
    Ukhala akanameva phofu bath’ uyahlaba.
    Lirhamncwa elidla umzi liwukhanyela,
    Lisithi udliwa nguNyelenzi noMakhabalekile;
    Umvalo obuvalel’ iinkomo zikaPhalo,
    Owowuvula ngowozek’ ityala.
    NgusoQaco, untshikintshikikazi;
    Ulima bemsusa ing’ asindawo yakhe.
    OkaMatshitshilili, uvumb’ eligxoth’ izizwe.
    Phum’ entangeni wabe iinkomo,
    Ubumlala nj’ unyok’ ubusithi woyiva phi n’ imbathu kwedini?

    NDISATHSHAYA

    • abongisocial September 23, 2011 at 11:05 am #

      Zama

      Masiphinde sibulele ngokungazenzisiyo ngemizamo yakho. Nangamso. Uluvumbulula phi ulwazi olunibuncwane kangaka? Ngawuke uyibeke apha ityiwe ngabantwana.

      Abo😉

  4. Silumko Makasi October 1, 2011 at 2:57 am #

    Kodwa mandincome maAfrika xa into intle,intleke.mna ndingu mthembu ongu ndungwane ozalwa ngu mamyeka kwelase Kirkwood.khanincede nto zobawo,ndifuna ukwazi uNdungwane lo nontande uyem-yem bayazalana na. Amayeka ona angamaxhosa na. Ncedani bawokazi.

    • mandilake October 13, 2011 at 3:00 pm #

      Enkosi silumko nto yakuthi, amade ngawe tyala madenjenje ukuncedisana nawe, OoNdungwane, Yemyem, Ntande, Thembo, Madiba, Dlomo nticinga okanye mandithi apha kum elalini ngabantu abanye abo.Lento ibufana okanye iyelelene nalento Yoo Dlamin, Kuba uyofumanisi ukaba Abanye bathi bangama Ndungwane, bambi bathi bangama Ntande abanye bathi bango Dlomo kodwa xa bebonke basebenzisa izinqulo ezinye.Mandikyeke Hleze ungevi

  5. mandilake October 14, 2011 at 10:08 am #

    Ndicela ucazulelwa lengxuba kaxaka Nto zoo Bawo.Kusebusika ngentlazane xakanye ndiziphungela iti yam enqumbululu lubisi suka ngabhaqo okanye ngaphanyazo kwangena impukane gxumpu kuleti yam, ndithe xa ndicinga ukuyichitha su ingqondo zabethabethana enyi ithi yichithe enye ithi khupha impukane uphunge iti yakho.Xa kanye ndiku loo nadwo ndavelelwa yintlaninge yemibuzo eyile: Xa nidiyichitha leti yam andingebi ndiligwaka leNdoda eyoyika impukane itni yalo emnandi?, xa ndiykhupha le mpukane etini yam eyngekuba nditya sityeni sinye nempukane ndakugqiba ukuba yindoda engaka? Mandinikele kuni Maxhosa amahle yeyenu xa inje ayindifanele mna kuba ifuna ingqondi okanye mandithi ifuna amaqekele entloko.esam isisombuulo ndonixelela emva kwee mpendulo zenu.

  6. Nomtha Dilima December 20, 2011 at 4:10 pm #

    andazi noba ndisisingxami kodwa umcimbi wempukane unento yawo kuba utatomncinci wam owasandulelayo wayedla ngokuthi xa kungene impukane kwisiselo sake ayicenge athethenayo esithi “yhini Mndungwane, linda kaloku Diya andikulibelanga…….” ade athi niyathanda ukufaka iDoom ngelinye ixesha khake niyeke iimpukane ezi nijonge ukuba kuzo thini agqibele ngelithi ningamahomba gqitha

  7. Thembela December 29, 2011 at 9:20 pm #

    Ndicela Mhlekazi wam undincede kwziziduko zimbini ndinguMPANDLA uMbona uTshayingwe ndiphelele apho kulapho ndifuna ke undincede ndigqithe ndingapheleli apho, nesduko saMagiqwa ngumama lowo kodwa andikwazi ukumthutha ndiyabulela makubechosi kubehele kuded’ubumnyama kuvel’ukukhanya
    Thembela Kumhlaba waseHumansdorp.

    • Mzonke July 16, 2012 at 10:58 am #

      Eh makhe ndizame ukunceda Thembela,amaMpandla lana ngoMbona,Tshayingwe,Tyethe,Khiphi

      Amagiqwa ngoMvaba,Nkosana,Jikijwa,Hlez’iphondo
      Nam nto yakuthi andilwazi lubhekephi

    • masixole November 7, 2012 at 11:07 am #

      mna ndingu masixole funa..singampandla,oombona obumvu,ootyephe,olumalinalana,otshayingwe,khipha,ophekela phandle..

  8. Sandiso Khohliso May 3, 2012 at 9:18 am #

    Qhudeni, ndiyabulela ngalenyhweba usenzela yona singama Xhosa yokuthi sizazi apo siphuma khona.

    Ndibhala nje apha ndinento endixakayo…

    Ndikhuliswa kwa Mpondomise de ndazibiza ngesiduko eso. Umama uzalwa ngu tatomkhulu u Qhudeni ze utata azalwe ngu Mgcina (biological parents).

    Ngku ndikhulile ndinabantwana futhi ukuya kwam entabenbi ndaqaphela ukuba ndoluka isi Gcina. Nantsi ingxaki ke ngku apo ikhoyo. Yonke leminyaka ndikhula nje ndikhula ndizibiza ngo Mpondomise.

    Galelo lini eliye libenayo into yosebenzisa isduko esingeso sakulotata okanye umama okuzalayo.? Ndibuza nje wena Nozulu kungoba ndixakiwe andazi ndithini kwaye nabantwana andazi ndobe nzela amasiko ndinqula kwezipi izinyanya….

    Ndovuyiswa luncedo lwakho…

  9. Marcia msengana genu June 2, 2012 at 5:55 am #

    I must say I’m impressed,so young & talented.I also thing I’m gifted somehow with writing skill.I am on a social network(facebook) which I think has given me a chance to share my talent with others.enough about me I liked the page about Iziduko,I wish there was something more ngoo Makhunga,whom they used rhadebe later found out that is not their clan name.thank you,your responce will much appreciated!!

    • abongisocial October 4, 2012 at 8:54 am #

      Enkosi, Marcia. Nawe bhala nokuba kuphi, njani.

      • Marcia Msengana December 29, 2012 at 7:37 pm #

        Ndiyavuya undiphendule Abongi kodwa ke andikhange ndiyifuame impendulo ngombuzo wam ongoo Makhunga,Mdluli,Ngwekazi.Bendifuna ukwazi uba baze bathini babizwe ngRhadebe?Bevelaphi,Zisithini ezinye iziDuko zabo?uba ungandinceda ndingavuya.

        Lost!!
        Marcia Msengana

    • somlibo January 28, 2013 at 10:38 pm #

      Hi Marcia. As late as my response is but I want to make it clear that ooMakhunga-Mdluli are Rhadebes but they use Makhunga-Mdluli instead of Rhadebe but they belong to the Rhadebe house because Mzinyani was Rhadebe’s son but after Dlomo was installed as King Mzinyani refused to recognize his half brother as his king and therefore out of bitterness left his home and changed his name to Makhunga or Mdluli. You will notice that in the totems it says ” uMakhunga booNkosi. NguMdluli ongadlulwa odlulwa nguRhadebe naye ngenxa yobukhosi”. So in essence Makhunga is a house of Rhadebe together with 5 others such as amaRawule and amaRheledwane.

      • Marcia Msengana July 4, 2013 at 7:14 pm #

        Lilonke sikwangabo ooRhadebe,enkosi bhuti,ubelusizo kwesisicelo sam.

  10. abongile kata September 12, 2012 at 10:09 am #

    I like this blog,thumbs up

  11. Lwandile Ntsele September 18, 2012 at 9:41 am #

    Ndingu-Tshawe, umDange, iGqunukhwebe, uTshiwo unyana ka mbonzongo umzukulwane ku Filipoti utata ondizala uzalwa yintmbi yaseMacireni ka Gegesi. Mna ndizalwa yintombi yaseMmfeneni ka September kumhlaba wase Paterson. Into endinomdla kuyo kukwazi ukuba isiXhosa sidala kangakanani na?

  12. mfundiso November 1, 2012 at 12:52 pm #

    Umna ndikhulele emazizini kojama osjadu kuba andingomntwana womtshato ngoko ke kwenza andabinayo irelationship notata ondizalayo wade walishiye elihlabathi,utata ndimazi engukasibe,undombana kodwa ukuba ukhona umntu ongandipha ngokuphangaleleyo kookasibe.ndikwacela nomamlambo bandithuthele isiduko sabo enkosi

  13. simphiwe patrick tayo November 21, 2012 at 3:39 pm #

    Abongile ndicela undichazele amaqadi anga ngamani zithini izinqulo zawo

  14. Vatheka Maxhob'ayakhawuleza Halile November 25, 2012 at 8:10 am #

    Wow Abongile ubhalile, ndabona ndinamehlo nje, ndinemibuzwana malunga nokwaz nzulu ngeSixhosa, ndiye ndifumanise ukuba uXhosa wayesisinyanya esazala amaxhosa, da nym xhosa laza nama khoikhoi eligama li meaning, ubundlobongela, my questn z dat, phambi kokuba u xhosa athiywe ngaBathwa wayenguban waph? Engumni, or nguban umn2 wakwa xhosa b4 kubekho u xhosa o uxhosa lo was da 1St percn n xhosa history? Ingaba b4 sifike tina xhosas kwindawo zo Noqhakankcu sasisukaph? Singoban, our language, rituals and knd of fud esasikusebenzisa, xa yayiyntn le yasisusa apho sarisuka khona? Wl be w8n fo da answerz bhut wam, am gne…

  15. Khwalo Maki April 28, 2013 at 3:53 pm #

    Ndiyalithanda elihlelo lakho ngokuba liyasihluthisa engqondweni lisivula amehlo siyazi imvelaphi yethu nalapho sisingise khona.Simele ukuba singayekeleli ixakatho ukwenzela neentsana zethu okanye abantu abangakhange balifumane elifuthe lokuzazi iziduko..

    Ayilonyala ukuzibiza ngesiduko sakho uzinqula, zonke iziz, kumele umntu azidle ngobuzwe bakhe.

    • Khwalo Maki June 16, 2013 at 7:32 pm #

      Molweni Zihlobo,
      Mna ndilithole eliliduna uMzangwa isiduko, xa ndizinqula ndithi ndingu Khwalo, uNcuthu, uSohobese, uMlanjana, uNkume ndibe ndiphelele kwezi. Ingxaki yam andizange ndive abantu begqitha apha, ndicela umntu onokundazisa ukuba kugqithwa kuye kuma phi?
      Eyesibini indawo yile,ndikhe ndafumana kwakwelihlelo ndafumana ukuba kukho umntu owongeze ezinye izinqulo ezibini ezizezi zilandelayo,uNgele kunye noGcaleka.

      Ndingavuya kakhulu ukuba ndingamfumana umntu onakho ukundityhilela andazise ngazo zonke izinqulo za MaZangwa.

      Maz’enethole

      Ndonwabile Maki

    • Khwalo Maki June 16, 2013 at 7:58 pm #

      NdinguMzangwa, uKhwalo, Ncuthu, Mlanjana,Sohobese, Nkume, ndicela umntu onolwazi olubhetele ngezinqulo zaMaZangwa andincede.
      Kukho umntu oyewangeza ezizilandelayo nedingazaziyo; uNgele kunye noGcaleka.

      Enkosi Kakhulu.

  16. viwe May 1, 2013 at 4:51 pm #

    Ndicela ukwazi ukuba oqwathi uNtondo noMlawu bahlobene kangakanani,mna iyandibhida lento yamaQwati aliwaka caba asizumetsha ngoku,mna ndingumQwathi uNtondo,okanye ndicaciselwe ngamaQwathi endiselanayo ngoba kuthiwa iyenziwa lonto…ndiyacela ntozakuthi ndifuna ulwazi ngesiduko sam

  17. Mondli Makhunga June 3, 2013 at 9:57 am #

    Hi Marcia

    I am part of the scattered Makhungas in KZN I am interested in the background but I will share with you what I know about my family.

    We are “Makhunga, Sobahle, Mndaba, Mncadi” basithakazele bathi Phethela abaThembu!

    The source of Phethela abaThembu.

    Phethela from Phetha defined in isiZulu as Protect. My grandpa said to me we are Originally from Swaziland, during the old Wars we were travelling with the Thembus during fights from north east of South Africa that is why you have Makhunga families nested mostly where the Thembus are.

    For example in Mhlabuyalingana, Manguzi, Jozini (North eastern KZN) there are Makhungas and Mthembus/Thembus, Msinga(Mid-KZN) Makhungas and Mthembus/Thembus same thing, and we have some Makhungas in the Eastern Cape.

    My grandpa said to me, the Makhungas nested from Swaziland to Eastern Cape.

    The issue of Radebe comes from the books talking about the Hlubi Clan story. This might be true depending on source but I did not get that story from my Grand Parents as they have no idea on it.

    If there is any Makhunga out there with the full story please share with us!

  18. Saxon Volonti June 5, 2013 at 7:10 pm #

    Amagiqwa ngo mvaba ,ntshing’ ayikhwazwa ,jikijwa krocoz’imali ungenayo,khebane,

    ndiphela apho!

  19. Marcia Msengana genu June 17, 2013 at 12:21 pm #

    Enkosi Modli
    haai
    nam ndaliva elobali enkosi ngalonkcazelo ndise Eastern Cape Idutywa.ndiyayivuyela leinfo nangeziziduko.uba unazo ezinye ndincede indithumelele zona kule email add Marcia _Msengana@yahoo.com
    Ubuyazi na uba singabo oMdluli, ooMafuza kodwa ke noba sibizwa ooRhadebe nje apha ekhaya siyazazi uba asingabo qha kungazima ukuyisusa lonto ngoku.indlela esenza ngayo amsiko yohluke mpela kweyabo,kodwa ke ndiyabonga nam anduzuyeka ndizoyifuna lento ndide ndiyifumane
    Enkosi
    shlobo sikatata!!

  20. Marcia Msengana August 15, 2013 at 8:28 am #

    To all the Makhungas oMdluli.Ngwekazi,ooSigogo abebefana nam kuqala abafuna i info ngokungcono join igroup yabo ku Facebook ithi KoMdluli noko iyakunika i idea ngesisiduko nemeeting ezibanjwayo abantu abakuyo bayazi sharer,thanx Abongi kwabakho umntu owandibona apha,noko ngoku ulwazi lukhona.

  21. sithni smawo April 16, 2014 at 1:07 pm #

    Ndicela imvelaphi yamaBangula ooDumba. Ookhokho bethu ngokwezana kwabo nendlela esizthutha ngayo

    • abongisocial June 9, 2014 at 9:48 am #

      NgamaQwathi lawo. AmaQwathi anezidlu ezininzi. Mhlawumbi zingaya pha ku 15. UBangula yenye yazo, uDikela (Noni, Ntswayibani)yenye, uMvala yenye, uKhebesi (Nomdayi) yenye. AmaBangula ke apha emaQwathini maninzi pha eNgcobo nase Guba. Kanti pha eLady Frere baninzi kwilali yakuNdonga eQaqeni.

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s

%d bloggers like this: